Daniyeli 7:1-28

  • Umbono wamarhamncwa amane (1-8)

    • Kuvela uphondo oluncinci olunekratshi (8)

  • Lowo Kanaphakade ubambe inkundla (9-14)

    • Unyana womntu wenziwa ukumkani (13, 14)

  • UDaniyeli uchazelwa ukuba ithini imibono (15-28)

    • Amarhamncwa amane ngookumkani abane (17)

    • Abangcwele baza kufumana ubukumkani (18)

    • Kuza kuvela iimpondo ezilishumi, okanye ookumkani (24)

7  Ngonyaka wokuqala kaKumkani uBheleshatsare+ waseBhabhiloni, uDaniyeli waphupha iphupha waza wabona imibono ngoxa wayelele ebhedini yakhe.+ Walibhala phantsi elo phupha.+ Wazibhala phantsi zonke izinto ezenzekileyo kulo.  UDaniyeli wathi: “Ebusuku ndabona imibono, yaye jonga! umoya wawubhudla emhlabeni wonke, uzamazamisa ulwandle olukhulu.+  Kwaphuma amarhamncwa amane amakhulu+ kolo lwandle, ngalinye lahlukile kwelinye.  “Elokuqala lalinjengengonyama,+ linamaphiko okhozi.+ Ndisabukele njalo, asuka ancothulwa amaphiko alo yaye laphakanyiswa emhlabeni laza lamiswa ngeenyawo njengomntu, lanikwa nentliziyo yomntu.  “Ndithe ndisajongile, ndabona irhamncwa lesibini, elifana nebhere.+ Laliphakanyisiwe kwelinye icala, libambe ngamazinyo iimbambo ezintathu emlonyeni walo; yaye kwathiwa kulo, ‘Phakama, udle inyama eninzi.’+  “Ndaqhubeka ndijongile, yaye jonga! nalo elinye irhamncwa, linjengehlosi+ kodwa emqolo lalinamaphiko amane afana nawentaka. Eli rhamncwa lalineentloko ezine,+ ibe lanikwa igunya lokulawula.  “Ndisabukele njalo kule mibono yasebusuku, ndabona irhamncwa lesine, eloyikekayo nelingcangcazelisayo nelomelele ngokungaqhelekanga. Lalinamazinyo amakhulu entsimbi. Laliqwenga, lityumza yaye linyathela nantoni na eshiyekileyo.+ Lalingafani namanye amarhamncwa awayengaphambi kwalo, futhi lalineempondo ezilishumi.  Ndithe ndisaqwalasele ezi mpondo zalo, tyhini jonga! kuvela olunye uphondo, lona luncinci,+ luvela phakathi kwezinye, zaza ezintathu kwezi zokuqala zancothulwa phambi kwalo. Khawujonge! Olu phondo lwalunamehlo anjengawomntu, lunomlomo onekratshi.*+  “Ngoxa ndandisabukele, ndabona kubekwa iitrone ngeendawo zazo, waza Lowo Kanaphakade+ wahlala phantsi.+ Wayenxibe iimpahla ezimhlophe njengekhephu,+ iinwele zentloko yakhe zinjengoboya obucocekileyo. Itrone yakhe yayingamadangatye omlilo; amavili ayo engumlilo ovuthayo.+ 10  Phambi kwakhe kwakuphuma umsinga womlilo.+ Kwakukho amawaka aliwaka awayelungiselela phambi kwakhe, neshumi lamawaka eliphindwe ngeshumi lamawaka elalimi phambi kwakhe.+ Yahlala phantsi iNkundla,+ kwavulwa iincwadi. 11  “Ndaqhubeka ndibukele ngenxa yamazwi ekratshi* ayethethwa lolu phondo.+ Ndabukela lada labulawa irhamncwa, nomzimba walo watshatyalaliswa waza watshiswa ngomlilo. 12  Kodwa wona amanye amarhamncwa,+ ahluthwa amagunya awo okulawula, baza bongezwa ubomi bawo okwethutyana. 13  “Ndaqhubeka ndibona emibonweni yasebusuku, jonga! nako kusiza ofana nonyana womntu,+ ngamafu amazulu. Wafikelela kuLowo Kanaphakade,+ bamsondeza phambi Kwakhe. 14  Wanikwa ulawulo,+ uzuko+ nobukumkani, ukuze akhonzwe ngabo bonke abantu, iintlanga neelwimi.+ Ulawulo lwakhe luza kuhlala ngonaphakade yaye aluzukuphela, nobukumkani* bakhe abuzukutshatyalaliswa.+ 15  “Mna Daniyeli, yandikhathaza imibono yam kuba yandothusa.+ 16  Ndasondela kwenye yeengelosi ezazimi kufutshane nalapho, ukuze ndiyibuze ukuba ithetha ukuthini yonke le nto. Yandiphendula, yandichazela ukuba zithetha ukuthini ezi zinto. 17  “‘La marhamncwa mane makhulu,+ ngookumkani abane abaza kuvela emhlabeni.+ 18  Kodwa abangcwele baLowo uPhakamileyo+ baza kubuthatha ubukumkani,*+ bube bobabo+ ngonaphakade, ewe ngonaphakade kanaphakade.’ 19  “Ndafuna ukwazi nezinye izinto ngerhamncwa lesine, elalahlukile kuwo onke amanye. Lalisoyikeka kakhulu, linamazinyo entsimbi, neenzipho zekopolo, liqwenga, lityumza, yaye linyathela nantoni na eshiyekileyo.+ 20  Ndandifuna ukwazi nangeempondo ezilishumi+ ezazikwintloko yalo, nangolunye uphondo olwavelayo kwaza kwawa ezintathu phambi kwalo.+ Ndandifuna ukwazi ngolu phondo lunamehlo nomlomo onekratshi,* nolwalubonakala lulukhulu kunamanye. 21  “Ndalubona olo phondo lusilwa imfazwe nabangcwele yaye lwaluboyisa,+ 22  kwada kwafika Lowo Kanaphakade+ wabagwebela abangcwele baLowo Uphakamileyo,+ lafika nexesha lokuba ubukumkani bube bobabo.+ 23  “Yathi: ‘Eli rhamncwa lesine bubukumkani* besine obuza kuvela emhlabeni. Buza kwahluka kubo bonke obunye. Bona buza kuqwenga wonke umhlaba, buwunyathele buze buwutyumze.+ 24  Zona ke iimpondo ezilishumi, ngookumkani abalishumi abaza kuvela kobo bukumkani;* yaye kuza kuvela omnye emva kwabo. Uza kwahluka kwaba bokuqala, yaye uza kuhlazisa ookumkani abathathu.+ 25  Uza kuthetha amazwi amdelelayo Oyena Uphakamileyo,+ aze aqhubeke ebaphatha kakubi abangcwele baLowo Uphakamileyo. Uza kuzimisela ukutshintsha amaxesha nomthetho, baze banikelwe kuye kangangexesha, amaxesha nehafu yexesha.*+ 26  Kodwa iNkundla yahlala phantsi, yamoxutha ulawulo, ukuze acinywe igama, atshatyalaliswe ngokupheleleyo.+ 27  “‘Baza ke ubukumkani,* ulawulo nobukhulu bezizwe eziphantsi kwamazulu, banikwa abangcwele baLowo Uphakamileyo.+ Ubukumkani* babo bubukumkani obuhlala ngonaphakade,+ yaye bonke abalawuli baza kubakhonza baze babathobele.’ 28  “Uphela apha ke lo mba. Izinto endandizicinga mna Daniyeli, zandothusa kangangokuba ndaphatsha.* Kodwa ndawugcina entliziyweni yam lo mba.”

Umbhalo osemazantsi

Okanye “oqhayisayo.”
Okanye “okuqhayisa.”
Okanye “urhulumente; ulawulo.”
Okanye “urhulumente; ulawulo.”
Okanye “oqhayisayo.”
Okanye “urhulumente; ulawulo.”
Okanye “urhulumente; ulawulo.”
Oko kukuthi, amaxesha amathathu anehafu.
Okanye “urhulumente; ulawulo.”
Okanye “urhulumente; ulawulo.”
Okanye “batshintsha ubuso bam.”