Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Incwadi KaDaniyeli

Izahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12

Oko kuqulethweyo

  • 1

    • IYerusalem irhangqwe ngamaBhabhiloni (1, 2)

    • Kuqeqeshwa ulutsha lwasebukhosini oluthinjiweyo (3-5)

    • Ukuthembeka kwamaHebhere amane kuyavavanywa (6-21)

  • 2

    • UKumkani uNebhukadenetsare uphupha into emphazamisayo (1-4)

    • Akukho silumko sikwaziyo ukuchaza iphupha (5-13)

    • UDaniyeli ucela uncedo kuThixo (14-18)

    • Kudunyiswa uThixo kuba etyhile imfihlelo (19-23)

    • UDaniyeli uchazela ukumkani iphupha (24-35)

    • Into ethethwa liphupha (36-45)

      • Ilitye lobukumkani liza kutyumza umfanekiso (44, 45)

    • UDaniyeli unikwa imbeko ngukumkani (46-49)

  • 3

    • Umfanekiso wegolide kaKumkani uNebhukadenetsare (1-7)

      • Ukumkani ufuna kukhonzwe umfanekiso (4-6)

    • AmaHebhere amathathu kuthiwa awathobeli (8-18)

      • “Asizukubakhonza oothixo bakho” (18)

    • Baphoswa kwiziko lomlilo (19-23)

    • Basindiswa emlilweni ngommangaliso (24-27)

    • Ukumkani udumisa uThixo wamaHebhere (28-30)

  • 4

    • UKumkani uNebhukadenetsare uvuma ukuba uThixo uyalawula (1-3)

    • Iphupha likakumkani lomthi (4-18)

      • Kuza kudlula amaxesha asixhenxe phezu komthi owileyo (16)

      • UThixo nguMlawuli wabantu (17)

    • UDaniyeli uchaza iphupha (19-27)

    • Lizaliseka okokuqala kukumkani (28-36)

      • Ukumkani uphambana amaxesha asixhenxe (32, 33)

    • Ukumkani uzukisa uThixo wezulu (37)

  • 5

    • Itheko likaKumkani uBheleshatsare (1-4)

    • Umbhalo wesandla oseludongeni (5-12)

    • UDaniyeli ucelwa ukuba atolike umbhalo (13-25)

    • Uthetha ukuthi: IBhabhiloni iza kuwa (26-31)

  • 6

    • Amagosa asePersi aceba ukubambisa uDaniyeli (1-9)

    • UDaniyeli uqhubeka ethandaza (10-15)

    • UDaniyeli uphoswa emngxunyeni weengonyama (16-24)

    • UKumkani uDariyo uzukisa uThixo kaDaniyeli (25-28)

  • 7

    • Umbono wamarhamncwa amane (1-8)

      • Kuvela uphondo oluncinci olunekratshi (8)

    • Lowo Kanaphakade ubambe inkundla (9-14)

      • Unyana womntu wenziwa ukumkani (13, 14)

    • UDaniyeli uchazelwa ukuba ithini imibono (15-28)

      • Amarhamncwa amane ngookumkani abane (17)

      • Abangcwele baza kufumana ubukumkani (18)

      • Kuza kuvela iimpondo ezilishumi, okanye ookumkani (24)

  • 8

    • Umbono wenkunzi yegusha nenkunzi yebhokhwe (1-14)

      • Uphondo oluncinci luyaziphakamisa (9-12)

      • Kude kudlule iingokuhlwa neentsasa eziyi-2 300 (14)

    • UGabriyeli uchaza umbono (15-27)

      • Kucaciswa inkunzi yegusha neyebhokhwe (20, 21)

      • Ukumkani obonakala endlongondlongo uyema (23-25)

  • 9

    • UDaniyeli uthandazela izono zabantu (1-19)

      • Iminyaka eyi-70 yentshabalalo (2)

    • UGabriyeli uya kuDaniyeli (20-23)

    • Kuprofetwa ngeeveki eziyi-70 (24-27)

      • UMesiya uza kuvela emva kweeveki eziyi-69 (25)

      • UMesiya uza kubulawa (26)

      • Isixeko nendawo engcwele ziza kutshatyalaliswa (26)

  • 10

    • Kufika ingelosi kaThixo kuDaniyeli (1-21)

      • UMikayeli unceda ingelosi (13)

  • 11

    • Ukumkani wasePersi nowaseGrisi (1-4)

    • Ukumkani wasemzantsi nowasemntla (5-45)

      • Kuza kuvela umqokeleli (20)

      • Kwaphulwa iNkokheli yesivumelwano (22)

      • Uthixo weenqaba uyazukiswa (38)

      • Kulwa ukumkani wasemzantsi nowasemntla (40)

      • Iingxelo eziphazamisayo eziphuma empuma nasemntla (44)

  • 12

    • ‘Ixesha lesiphelo’ nangaphaya kwalo (1-13)

      • UMikayeli uza kuma (1)

      • Abantu abanengqiqo baza kukhanya beqaqambile (3)

      • Ulwazi lokwenyaniso luza kuba luninzi (4)

      • UDaniyeli uza kuphakama afumane ilifa lakhe (13)