Eyokuqala Eya KwabaseKorinte 16:1-24

  • Kuqokelelwa iminikelo eya kumaKristu aseYerusalem (1-4)

  • Iindawo aceba ukuya kuzo uPawulos (5-9)

  • Kulungiselelwa ukufika kukaTimoti noApolo (10-12)

  • Ukhuthazo nemibuliso (13-24)

16  Xa niqokelela iminikelo eniza kuyinika abo bangcwele,+ ningalandela imiyalelo endayinika amabandla aseGalati.  Ngosuku lokuqala veki nganye, umntu makabeke ecaleni loo nto anokukwazi ukunikela ngayo, ukuze ningaqalisi ukuqokelela xa ndifika.  Kodwa ukufika kwam apho, ndiza kuthumela la madoda niwakhethileyo kwiileta zenu+ ukuba athathe eso sipho senu sobubele asise eYerusalem.  Kodwa ke, ukuba kufuneka nam ndiye, ndiza kuhamba nawo.  Ndiza kuza kuni emva kokuba ndigqithe eMakedoni,+ kuba ndifuna ukudlula khona;  mhlawumbi ndiza kuhlala nani ithutyana, okanye ndichithe ubusika bonke nani, ukuze nindikhaphe nijike esithubeni xa ndisiya kuloo ndawo ndiya kuyo.  Andifuni kunibona ndidlula, kuba ndifuna ukukhe ndihlale nani,+ ukuba uYehova* uyavuma.  Kodwa ndiza kuhlala e-Efese+ kude kube liTheko LePentekoste,*  kuba ndivulelwe umnyango omkhulu ukuze ndenze umsebenzi weNkosi,+ kodwa kukho abachasi abaninzi. 10  Ukuba ke uTimoti+ uye wafika, ze nimenze azive ekhululekile phakathi kwenu, kuba wenza umsebenzi kaYehova,*+ kanye njengokuba nam ndisenza. 11  Ngoko makungabikho mntu umjongela phantsi. Mkhululeni ahambe ngoxolo ukuze eze kum, kuba mna nabazalwana simlindile. 12  Yena uApolo+ umzalwana wethu, ndiye ndamcenga ukuba ahambe nabazalwana eze kuni. Ebengekazimiseli ukuza kuni ngoku, kodwa uza kuza xa efumana ithuba. 13  Hlalani nithe qwa,+ nibe nokholo olomeleleyo,+ nibe ngamadoda,*+ nomelele.+ 14  Zonke izinto enizenzayo zenzeni ngothando.+ 15  Ndiyanicela ke bazalwana: Niyazi ukuba indlu kaStefana yeyokuqala ukuba ngamakholwa eAkhaya nokuba baye bazinikela ekuncedeni abo bangcwele. 16  Kwanga nani ningahlala nibathobela abantu abanjalo naye wonke umntu osebenzisana nathi esebenza nzima.+ 17  Kodwa kuyandivuyisa ukubakho kukaStefana,+ uFortunato noAkhayiko, kuba basivalile isikhewu senu. 18  Kuba bandikhuthazile mna, banikhuthaza nani. Ngoko bahlonipheni abantu abanjalo. 19  Ayanibulisa amabandla aseAsiya. UAkwila noPriska kunye nebandla elingenela endlini yabo+ banibulisa ngokusuka entliziyweni njengabalandeli beNkosi. 20  Bonke abazalwana bayanibulisa. Bulisanani ngokuphuzana.* 21  Mna Pawulos, ndibhala lo mbuliso ngesandla sam. 22  Nabani na ongayithandiyo iNkosi makaqalekiswe. Owu Nkosi yethu, yiza! 23  Kwanga iNkosi uYesu inganenzela ububele.* 24  Ndinithanda nonke nina nimanyene noKristu Yesu.

Umbhalo osemazantsi

Itheko losuku lwe-50 ukusuka kuNisan 16. Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “nibe nesibindi.”
Ngokoqobo, “ngokuphuzana ngendlela engcwele.” Ukuphuza umKristu, mhlawumbi esidleleni, kwakuyindlela eqhelekileyo yokubulisa.
Okanye “ububele obunganifanelanga.”