Eyokuqala Eya KwabaseKorinte 11:1-34

  • “Ndilinganiseni” (1)

  • Ukuba yintloko nokuthwala entloko (2-16)

  • Ukwenza iSidlo SeNkosi Sangokuhlwa (17-34)

11  Ndilinganiseni, njengokuba nam ndilinganisa uKristu.+  Ndiyanincoma kuba nisoloko nindikhumbula yaye nizigcinile izinto endanifundisa zona.  Kodwa ndifuna nazi ukuba intloko yendoda nguKristu,+ intloko yomfazi yindoda,+ ize intloko kaKristu ibe nguThixo.+  Indoda ethandaza okanye eprofeta ithwele, ihlazisa lowo uyintloko yayo;  kodwa umfazi othandaza okanye oprofeta+ engathwelanga, uhlazisa lowo uyintloko yakhe, kuba ufana nokuba uchebile.  Kuba ukuba umfazi akathwali, makachebe; kodwa ukuba kulihlazo ukuba umfazi abe neenwele ezimfutshane okanye abe nenkqayi, makathwale.  Indoda ayifanelanga ithwale, kuba ingumfanekiso kaThixo+ nozuko lwakhe, kodwa umfazi uluzuko lwendoda.  Kuba indoda ayizange iphume emfazini, kodwa ngumfazi owaphuma endodeni.+  Ngaphezu koko, akuzange kudalwe ndoda ngenxa yomfazi, kodwa umfazi wadalwa ngenxa yendoda.+ 10  Yiloo nto ke umfazi efanele athwale ukuze abonise ukuba uthobela intloko yakhe, ngenxa yeengelosi.+ 11  Nangona kunjalo, kubalandeli beNkosi, umfazi akanakubakho ngaphandle kwendoda, nendoda ayinakubakho ngaphandle komfazi. 12  Kuba kanye njengokuba umfazi ephuma endodeni,+ nendoda ibakho ngomfazi; kodwa zonke izinto ziphuma kuThixo.+ 13  Zigwebeleni ngokwenu: Kufanelekile na ukuba umfazi athandaze kuThixo engathwelanga? 14  Ayinifundisi na indalo ukuba iinwele ezinde zilihlazo endodeni, 15  kodwa ziluzuko emfazini? Kaloku unikwe iinwele zaba yinto yokuthwala. 16  Kodwa ke ukuba kukho umntu ophikisayo kuba efuna ukulandela elinye isiko, mxeleleni ukuba asinalo elinye, ibe namabandla kaThixo awanalo. 17  Kodwa njengoko ndininika le miyalelo, andinincomi, kuba nidibene ngento engalunganga. 18  Okokuqala nje, ndiva ukuba xa nidibana ebandleni niyakhethana, yaye ndinayo indawana eyikholelwayo loo nto. 19  Kaloku ndiqinisekile ukuba soze angabikho amaqela phakathi kwenu,+ ukuze bacace abo benza izinto ezifunwa nguThixo. 20  Xa nidibana, anisityi kakuhle iSidlo SeNkosi Sangokuhlwa.+ 21  Kuba xa nisitya, abanye baqale batye isidlo sabo sangokuhlwa, ize loo nto ibangele kubekho abantu abalambileyo, abanye babe benxilile. 22  Aninamizi na eninokutyela nize nisele kuyo? Okanye niyalidelela ibandla likaThixo, nize nibenze bahlazeke abo bangamahlwempu? Nifuna ndithini ke? Ndinincome? Andinincomi tu. 23  Into endanifundisa yona ndayifundiswa yiNkosi, kuba ngobusuku+ eyayiza kungcatshwa ngabo, iNkosi uYesu yathatha isonka 24  yaza emva kokubulela kuThixo, yasiqhekeza yathi: “Esi sonka simela umzimba wam+ oza kunikelwa ngenxa yenu. Hlalani nisenza le nto, niyenzela ukundikhumbula.”+ 25  Yenza loo nto nangendebe,+ emva kokuba betye isidlo sangokuhlwa, isithi: “Le wayini imela isivumelwano esitsha+ esimelwa ligazi lam.+ Hlalani nisenza le nto, ibe xa niyisela ze nindikhumbule.”+ 26  Kuba nanini na nisitya esi sonka yaye nisela le wayini, nishumayela ngokufa kweNkosi de ifike. 27  Ngoko nabani na otya isonka okanye osela iwayini yeNkosi engafaneleki uza kuba netyala lokudelela umzimba negazi leNkosi. 28  Umntu makaqale azihlole, abone ukuba uyafaneleka na,+ emva koko ke angasitya isonka newayini. 29  Kuba umntu otyayo aze asele engayixabisi into yokuba ezi zinto zimela umzimba kaKristu, uzibizela umgwebo. 30  Yiloo nto abaninzi kuni bephelelwe ngamandla, begula yaye abanye befile.*+ 31  Kodwa ukuba besizihlola ukuba singabantu abanjani, besingazukugwetywa. 32  Kodwa ke xa sigwetywa, siyaqeqeshwa nguYehova,*+ ukuze singagwetywa kunye nehlabathi.+ 33  Ngoko bazalwana bam, xa nidibene ukuze nitye, kufuneka nilindane. 34  Ukuba nabani na ulambile, makatye ekhaya, ukuze ukudibana kwenu kunganibizeli isigwebo.+ Ezinye izinto ndiza kuzilungisa xa ndifika apho.

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “belele ekufeni.” Apha kuthethwa ngabantu ababengenabuhlobo buhle noThixo.