Eyokuqala Eya KwabaseKorinte 1:1-31

  • Imibuliso (1-3)

  • UPawulos ubulela uThixo kuba encede amaKorinte (4-9)

  • Bacelwa ukuba bamanyane (10-17)

  • UKristu, amandla nobulumko bukaThixo (18-25)

  • Ukuqhayisa ngoYehova kuphela (26-31)

1  Mna Pawulos owabizwa nguYesu Kristu ngokokuthanda kukaThixo ukuba ndibe ngumpostile,+ kunye noSosithene umzalwana wethu,  sibhalela ibandla likaThixo eliseKorinte,+ nina eniye nenziwa ngcwele ukuze nibe ngabalandeli bakaKristu uYesu,+ nakhethwa ukuba nibe ngabangcwele, kunye nabantu bazo zonke iindawo ababiza egameni leNkosi yethu sonke, uYesu Kristu:+  Kwanga uThixo onguTata wethu neNkosi uYesu Kristu banganenzela ububele* baze baninike uxolo.  Ndisoloko ndimbulela uThixo ngani ngenxa yobubele* awanenzela bona ngoKristu Yesu;  kuba uye wanityebisa kuyo yonke into esebenzisa uKristu, waninika amandla okuthetha nolwazi oluninzi,+  kanye njengokuba niye nandiva ndishumayela ngoKristu+ naza nomelela,  ukuze kungabikho sipho ningenaso, ngoxa nikulinde ngamehlo abomvu ukutyhilwa kweNkosi yethu uYesu Kristu.+  Uza kuniqinisa de kube sekugqibeleni, ukuze ningamangaleleki ngemini yeNkosi yethu uYesu Kristu.+  UThixo owanibiza ukuba nimanyane* noNyana wakhe uYesu Kristu iNkosi yethu, nguThixo othembekileyo.+ 10  Ndiyanicela bazalwana egameni leNkosi yethu uYesu Kristu, ukuba nonke nivumelane ngento eniyithethayo, kungabikho nto inixabanisayo,+ kodwa nicinge ngendlela efanayo.+ 11  Kuba amanye amalungu osapho lukaKlowe aye andixelela ngani, esithi niyaxabana apho. 12  Ndithetha ngento yokuba nisithi: “Mna ndingokaPawulos,” “Mna ndingoka-Apolo,”+ “Mna ndingokaKefas,”* “Mna ndingokaKristu.” 13  Wahlulelene na uKristu? Andithi ayingoPawulos owabethelelwa esibondeni ngenxa yenu? Okanye ngaba nabhaptizwa egameni likaPawulos? 14  Ndiyambulela uThixo kuba kungekho mntu ndimbhaptizileyo kuni ngaphandle kukaKrispo+ noGayo,+ 15  ukuze kungabikho mntu kuni othi ubhaptizwe egameni lam. 16  Ewe kona, ndabhaptiza nendlu kaStefana.+ Ngaphandle kwaba, andikhumbuli ndibhaptiza omnye umntu. 17  Kuba uKristu akazange andithume ukuba ndihambe ndibhaptiza, kodwa wandithuma ukuba ndihambe ndishumayela iindaba ezilungileyo,+ ndingathethi ngobuciko, ukuze isibonda sokungcungcutheka* sikaKristu singenziwa singabi namsebenzi. 18  Kuba imfundiso engesibonda sokungcungcutheka* ibubudenge kubantu abaza kutshabalala,+ kodwa kuthi basindiswayo ingamandla kaThixo.+ 19  Kuba kubhaliwe kwathiwa: “Ndiza kubuphelisa ubulumko bezilumko, ndingabamkeli* nobukrelekrele babantu abakrelekrele.”+ 20  Siphi na isilumko? Uphi umbhali?* Uphi na umntu othanda ukuphikisa weli hlabathi?* Akabujikanga na uThixo ubulumko beli hlabathi baba bubudenge? 21  Kuba ekubeni uThixo enobulumko, ubulumko behlabathi+ abuzange bulincede limazi.+ UThixo wabona kulungile ukuba asindise abo bakholwayo esebenzisa umyalezo obonakala ububudenge+ ehlabathini. 22  Kaloku amaYuda afuna ukubona imimangaliso,+ wona amaGrike akhangela ubulumko; 23  kodwa thina sishumayela ngokubethelelwa kukaKristu esibondeni, nto leyo ewakhubekisayo amaYuda kodwa ebubudenge ezintlangeni.+ 24  Noko ke, kwabo bakhethiweyo, abangamaYuda nabangamaGrike, amandla kaThixo nobulumko bakhe abonakala kuKristu.+ 25  Kaloku into ebubudenge kaThixo inobulumko kunabantu, yaye into engenamandla kaThixo inamandla kunabantu.+ 26  Niyabona bazalwana ukuba xa wayenikhetha, abaninzi kuni babengezozilumko ebantwini,+ bengenamandla, bengazalwa ngabantu ababalulekileyo,*+ 27  kodwa uThixo wakhetha izinto ezibubudenge zehlabathi ukuze ahlazise izilumko, yaye wakhetha izinto ezingomelelanga zehlabathi ukuze ahlazise izinto ezomeleleyo;+ 28  yaye uThixo wakhetha izinto ezingenamsebenzi zehlabathi nezinto ezijongelwa phantsi, izinto ezingekhoyo, ukuze atshabalalise ezo zikhoyo,+ 29  ukuze kungabikho mntu uqhayisayo phambi koThixo. 30  Kodwa kungenxa yakhe le nto niye namanyana noKristu Yesu, oye wasibonisa ubulumko nobulungisa+ bukaThixo, wasenza saba ngcwele+ waza wasikhulula ngokusihlawulela,+ 31  ukuze kube njengokuba kanye kubhaliwe kwathiwa: “Lowo uqhayisayo, makaqhayise ngoYehova.”*+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ububele obungasifanelanga.”
Okanye “yobubele obungasifanelanga.”
Okanye “nabelane.”
Okwabizwa ngokuba nguPetros.
Okanye “isibonda sentuthumbo.” Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “ndibukhabele kude.”
Oko kukuthi, incutshe yoMthetho.
Okanye “bengaphumi kwiintsapho ezibalulekileyo.”