Yiya kwinkcazelo

Ngaba Iziprofeto Ezithetha NgoMesiya Zibonisa Ukuba YayinguYesu UMesiya?

Ngaba Iziprofeto Ezithetha NgoMesiya Zibonisa Ukuba YayinguYesu UMesiya?

Impendulo yeBhayibhile

 Ewe. Xa uYesu wayesemhlabeni, wazalisekisa iziprofeto ezininzi ezithetha ‘ngoMesiya iNkokheli,’ owayeza kuba “nguMsindisi wehlabathi.” (Daniyeli 9:25; 1 Yohane 4:14) Nasemva kokuba efile, uYesu zange ayeke ukuzalisekisa iziprofeto ezithetha ngoMesiya.​—INdumiso 110:1; IZenzo 2:34-36.

 Lithetha ukuthini igama elithi “Mesiya”?

 Igama lesiHebhere elithi Ma·shiʹach (Mesiya) nelesiGrike elithi Khri·stos (Kristu) athetha “Othanjisiweyo.” Ngoko, “uYesu Kristu” uthetha ukuba “uYesu Umthanjiswa,” okanye “uYesu uMesiya.”

 Ngexesha lokubhalwa kweBhayibhile, umntu wayethanjiswa ngokugalelwa ioli entloko xa enikwa igunya elikhethekileyo. (Levitikus 8:12; 1 Samuweli 16:13) UYesu wakhethwa nguThixo ukuze abe nguMesiya, onegunya elikhulu. (IZenzo 2:36) Kodwa ke, uYesu wathanjiswa ngomoya oyingcwele, endaweni yeoli.​—Mateyu 3:16.

 Ngaba inokwenzeka into yokuba kubekho ooMesiya abaninzi?

 Hayi. Njengokuba imigca eseminweni ibonisa umntu omnye kuphela, nokuzaliseka kweziprofeto zeBhayibhile kubonisa ukuba mnye kuphela uMesiya okanye uKristu. Kodwa, iBhayibhile yachaza ukuba “kuza kuvela ooKristu nabaprofeti bobuxoki, benze imimangaliso nemilingo ukuze balahlekise nkqu nabakhethiweyo, ukuba kunokwenzeka.”​—Mateyu 24:24.

 Ngaba uMesiya useza kubonakala kwixesha elizayo?

 Hayi. IBhayibhile yachaza kwangaphambili ukuba uMesiya wayeza kuba yinzala kaKumkani uDavide wakwaSirayeli. (INdumiso 89:3, 4) Kodwa, iincwadi zamaYuda ezazibonisa umnombo kaDavide azisekho. Kubonakala ngathi zatshatyalaliswa xa amaRoma ahlasela iYerusalem ngo-70 C.E. a Ukususela ngelo xesha, akukho mntu uye wakwazi ukubonisa ukuba uyinzala yentsapho kaKumkani uDavide. Kodwa ngexesha likaYesu zazisekhona ezi ngxelo zibonisa umnombo kaDavide. Nangona kunjalo, kwaneentshaba zakhe zange zikwazi ukumphikisa ukuba uyinzala kaDavide.​—Mateyu 22:41-46.

 Zingaphi iziprofeto ezithetha ngoMesiya eBhayibhileni?

 Asinako ukulichaza ngokungqalileyo inani leziprofeto ezithetha ngoMesiya. Ngokomzekelo, indlela ezibalwa ngayo iziprofeto inokwahluka nakwizibhalo ekubonakala ngokucacileyo ukuba zithetha ngoMesiya. UIsaya 53:2-7 uchaza iindlela ezininzi awayeza kubonakala ngazo ngoMesiya. Abanye abantu basenokuthi esi sibhalo sichaza isiprofeto esinye, kanti abanye basenokuthi nto ngaye awayeza kubonakala ngayo sisiprofeto.

 Ezinye iziprofeto ezithetha ngoMesiya ezazalisekiswa nguYesu

Isiprofeto

Sifumaneka

Sizaliseka

Yinzala ka-Abraham

Genesis 22:17, 18

Mateyu 1:1

Yinzala yonyana ka-Abraham uIsake

Genesis 17:19

Mateyu 1:2

Wazalelwa kwisizwe sakwaYuda

Genesis 49:10

Mateyu 1:1, 3

Ngowakumnombo kaKumkani uDavide

Isaya 9:7

Mateyu 1:1

Wazalwa yintombi engazange yalala nandoda

Isaya 7:14

Mateyu 1:18, 22, 23

Wazalelwa eBhetelehem

Mika 5:2

Mateyu 2:1, 5, 6

Wabizwa ngokuba nguImanuweli b

Isaya 7:14

Mateyu 1:21-23

Wakhula esokola

Isaya 53:2

Luka 2:7

Kwabulawa abantwana emva kokuba ezelwe

Yeremiya 31:15

Mateyu 2:16-18

Kwathiwa makahambe eYiputa

Hoseya 11:1

Mateyu 2:13-15

Wayebizwa ngokuba ngumNazarete c

Isaya 11:1

Mateyu 2:23

Kwaqala kwathunyelwa umthunywa phambi kwakhe

Malaki 3:1

Mateyu 11:7-10

Wathanjiswa njengoMesiya ngo-29 C.E. d

Daniyeli 9:25

Mateyu 3:13-17

UThixo wathi nguNyana wakhe

INdumiso 2:7

IZenzo 13:33, 34

Wayeyithanda indlu kaThixo

INdumiso 69:9

Yohane 2:13-17

Wayeshumayela iindaba ezilungileyo

Isaya 61:1

Luka 4:16-21

Ukushumayela kwakhe kwaba kukukhanya okuqaqambe kakhulu eGalili

Isaya 9:1, 2

Mateyu 4:13-16

Wayesenza imimangaliso njengoMoses

Duteronomi 18:15

IZenzo 2:22

NjengoMoses, wayethetha izinto ezisuka kuThixo

Duteronomi 18:18, 19

Yohane 12:49

Waphilisa abantu abaninzi abagulayo

Isaya 53:4

Mateyu 8:16, 17

Wayengazitsaleli mehlo

Isaya 42:2

Mateyu 12:17, 19

Wayebacingela abo basentlungwini

Isaya 42:3

Mateyu 12:9-20; Marko 6:34

Wabonisa ubulungisa bukaThixo

Isaya 42:1, 4

Mateyu 12:17-20

WayenguMcebisi Omangalisayo

Isaya 9:6, 7

Yohane 6:68

Waxelela abantu ngegama likaYehova

INdumiso 22:22

Yohane 17:6

Wayefundisa ngemizekelo

INdumiso 78:2

Mateyu 13:34, 35

WayeyiNkokheli

Daniyeli 9:25

Mateyu 23:10

Abantu abaninzi babengamkholelwa

Isaya 53:1

Yohane 12:37, 38

Wayelilitye lokukhubeka

Isaya 8:14, 15

Mateyu 21:42-44

Wayengafunwa ngabantu

INdumiso 118:22, 23

IZenzo 4:10, 11

Wacatshukelwa engenzanga nto

INdumiso 69:4

Yohane 15:24, 25

Wangena eYerusalem ekhwele idonki

Zekariya 9:9

Mateyu 21:4-9

Wadunyiswa ngabantwana

INdumiso 8:2

Mateyu 21:15, 16

Weza egameni likaYehova

INdumiso 118:26

Yohane 12:12, 13

Waphoxwa ngumhlobo awayemthembile

INdumiso 41:9

Yohane 13:18

Wathengiswa ngamaqhosha esilivere ayi-30 e

Zekariya 11:12, 13

Mateyu 26:14-16; 27:3-10

Washiywa ngabahlobo

Zekariya 13:7

Mateyu 26:31, 56

Kwavela amangqina athetha ubuxoki ngaye

INdumiso 35:11

Mateyu 26:59-61

Wathula phambi kwabantu ababemtyhola

Isaya 53:7

Mateyu 27:12-14

Watshicelwa

Isaya 50:6

Mateyu 26:67; 27:27, 30

Wabethwa entloko

Mika 5:1

Marko 15:19

Wabethwa

Isaya 50:6

Yohane 19:1

Zange alwe nabo babembetha

Isaya 50:6

Yohane 18:22, 23

Iinkokheli zoorhulumente zadibana ukuze zilwe naye

INdumiso 2:2

Luka 23:10-12

Wabethelelwa esibondeni ngezandla neenyawo zakhe

INdumiso 22:16

Mateyu 27:35; Yohane 20:25

Abantu benza amaqashiso ngeempahla zakhe

INdumiso 22:18

Yohane 19:23, 24

Wabalwa phakathi kwaboni

Isaya 53:12

Mateyu 27:38

Kwahlekiswa ngaye, ethukwa

INdumiso 22:7, 8

Mateyu 27:39-43

Waphathwa kakubi ngenxa yaboni

Isaya 53:5, 6

1 Petros 2:23-25

Kwakubonakala ngathi ushiyiwe nguThixo

INdumiso 22:1

Marko 15:34

Wanikwa inyongo neviniga ukuba ayisele

INdumiso 69:21

Mateyu 27:34

Wanxanwa ngaphambi kokuba afe

INdumiso 22:15

Yohane 19:28, 29

Wawuyekela kuThixo umoya wakhe

INdumiso 31:5

Luka 23:46

Wancama ubomi bakhe

Isaya 53:12

Marko 15:37

Wahlawulela abantu ukuze bangabi nasono

Isaya 53:12

Mateyu 20:28

Amathambo akhe zange ophulwe

INdumiso 34:20

Yohane 19:31-33, 36

Wahlatywa

Zekariya 12:10

Yohane 19:33-35, 37

Wangcwatywa nezityebi

Isaya 53:9

Mateyu 27:57-60

Wavuswa ekufeni

INdumiso 16:10

IZenzo 2:29-31

Indawo yomntu owayemthengisile yanikwa omnye umntu

INdumiso 109:8

IZenzo 1:15-20

Uhlala ngasekunene kukaThixo

INdumiso 110:1

IZenzo 2:34-36

a IMcClintock and Strong’s Cyclopedia ithi: “Ayithandabuzeki into yokuba iincwadi ezazibonisa iintsapho neentlanga zakwaYuda zalahleka xa kwakutshatyalaliswa iYerusalem, hayi ngaphambi kokuba itshatyalaliswe.”

b Igama lesiHebhere elithi Imanuweli, elithetha ukuthi “UThixo Unathi,” liwuchaza kakuhle umsebenzi kaYesu njengoMesiya. Ukuza kwakhe emhlabeni nezinto awazenzayo kwabonisa kakuhle ukuba uThixo ukunye nabakhonzi bakhe.​—Luka 2:27-32; 7:12-16.

c Igama elithi ‘mNazarete’ kuthiwa lisuka kwigama lesiHebhere elithi neʹtser, elithetha ‘ukuntshula.’

d Ukuze ubone indlela abalwa ngayo amaxesha eBhayibhileni abonisa ukuba uMesiya wafika ngo-29 C.E., jonga inqaku elithi “Indlela Isiprofeto SikaDaniyeli Esikuchaza Ngayo Ukufika KukaMesiya.”

e Esi siprofeto sikwincwadi kaZekariya, kodwa uMateyu umbhali weBhayibhile uthi “kwenzeka into eyayithethwe ngumprofeti uYeremiya.” (Mateyu 27:9) Kubonakala ngathi eBhayibhileni, ngamanye amaxesha incwadi kaYeremiya yayiba sekuqaleni kwiincwadi “zabaProfeti.” (Luka 24:44) UMateyu xa wayesithi “Yeremiya,” kubonakala ngathi wayethetha ngazo zonke iincwadi zabaProfeti, kuquka ekaZekariya.