Ngaba Iziprofeto Ezithetha NgoMesiya Zibonisa Ukuba YayinguYesu UMesiya?
Impendulo yeBhayibhile
Ewe. Xa uYesu wayesemhlabeni, wazalisekisa iziprofeto ezininzi ezithetha ‘ngoMesiya iNkokheli,’ owayeza kuba “nguMsindisi wehlabathi.” (Daniyeli 9:25; 1 Yohane 4:14) Nasemva kokuba efile, uYesu zange ayeke ukuzalisekisa iziprofeto ezithetha ngoMesiya.—INdumiso 110:1; IZenzo 2:34-36.
Lithetha ukuthini igama elithi “Mesiya”?
Igama lesiHebhere elithi Ma·shiʹach (Mesiya) nelesiGrike elithi Khri·stos (Kristu) athetha “Othanjisiweyo.” Ngoko, “uYesu Kristu” uthetha ukuba “uYesu Umthanjiswa,” okanye “uYesu uMesiya.”
Ngexesha lokubhalwa kweBhayibhile, umntu wayethanjiswa ngokugalelwa ioli entloko xa enikwa igunya elikhethekileyo. (Levitikus 8:12; 1 Samuweli 16:13) UYesu wakhethwa nguThixo ukuze abe nguMesiya, onegunya elikhulu. (IZenzo 2:36) Kodwa ke, uYesu wathanjiswa ngomoya oyingcwele, endaweni yeoli.—Mateyu 3:16.
Ngaba inokwenzeka into yokuba kubekho ooMesiya abaninzi?
Hayi. Njengokuba imigca eseminweni ibonisa umntu omnye kuphela, nokuzaliseka kweziprofeto zeBhayibhile kubonisa ukuba mnye kuphela uMesiya okanye uKristu. Kodwa, iBhayibhile yachaza ukuba “kuza kuvela ooKristu nabaprofeti bobuxoki, benze imimangaliso nemilingo ukuze balahlekise nkqu nabakhethiweyo, ukuba kunokwenzeka.”—Mateyu 24:24.
Ngaba uMesiya useza kubonakala kwixesha elizayo?
Hayi. IBhayibhile yachaza kwangaphambili ukuba uMesiya wayeza kuba yinzala kaKumkani uDavide wakwaSirayeli. (INdumiso 89:3, 4) Kodwa, iincwadi zamaYuda ezazibonisa umnombo kaDavide azisekho. Kubonakala ngathi zatshatyalaliswa xa amaRoma ahlasela iYerusalem ngo-70 C.E. a Ukususela ngelo xesha, akukho mntu uye wakwazi ukubonisa ukuba uyinzala yentsapho kaKumkani uDavide. Kodwa ngexesha likaYesu zazisekhona ezi ngxelo zibonisa umnombo kaDavide. Nangona kunjalo, kwaneentshaba zakhe zange zikwazi ukumphikisa ukuba uyinzala kaDavide.—Mateyu 22:41-46.
Zingaphi iziprofeto ezithetha ngoMesiya eBhayibhileni?
Asinako ukulichaza ngokungqalileyo inani leziprofeto ezithetha ngoMesiya. Ngokomzekelo, indlela ezibalwa ngayo iziprofeto inokwahluka nakwizibhalo ekubonakala ngokucacileyo ukuba zithetha ngoMesiya. UIsaya 53:2-7 uchaza iindlela ezininzi awayeza kubonakala ngazo ngoMesiya. Abanye abantu basenokuthi esi sibhalo sichaza isiprofeto esinye, kanti abanye basenokuthi nto ngaye awayeza kubonakala ngayo sisiprofeto.
Ezinye iziprofeto ezithetha ngoMesiya ezazalisekiswa nguYesu
Isiprofeto |
Sifumaneka |
Sizaliseka |
---|---|---|
Yinzala ka-Abraham |
||
Yinzala yonyana ka-Abraham uIsake |
||
Wazalelwa kwisizwe sakwaYuda |
||
Ngowakumnombo kaKumkani uDavide |
||
Wazalwa yintombi engazange yalala nandoda |
||
Wazalelwa eBhetelehem |
||
Wabizwa ngokuba nguImanuweli b |
||
Wakhula esokola |
||
Kwabulawa abantwana emva kokuba ezelwe |
||
Kwathiwa makahambe eYiputa |
||
Wayebizwa ngokuba ngumNazarete c |
||
Kwaqala kwathunyelwa umthunywa phambi kwakhe |
||
Wathanjiswa njengoMesiya ngo-29 C.E. d |
||
UThixo wathi nguNyana wakhe |
||
Wayeyithanda indlu kaThixo |
||
Wayeshumayela iindaba ezilungileyo |
||
Ukushumayela kwakhe kwaba kukukhanya okuqaqambe kakhulu eGalili |
||
Wayesenza imimangaliso njengoMoses |
||
NjengoMoses, wayethetha izinto ezisuka kuThixo |
||
Waphilisa abantu abaninzi abagulayo |
||
Wayengazitsaleli mehlo |
||
Wayebacingela abo basentlungwini |
||
Wabonisa ubulungisa bukaThixo |
||
WayenguMcebisi Omangalisayo |
||
Waxelela abantu ngegama likaYehova |
||
Wayefundisa ngemizekelo |
||
WayeyiNkokheli |
||
Abantu abaninzi babengamkholelwa |
||
Wayelilitye lokukhubeka |
||
Wayengafunwa ngabantu |
||
Wacatshukelwa engenzanga nto |
||
Wangena eYerusalem ekhwele idonki |
||
Wadunyiswa ngabantwana |
||
Weza egameni likaYehova |
||
Waphoxwa ngumhlobo awayemthembile |
||
Wathengiswa ngamaqhosha esilivere ayi-30 e |
||
Washiywa ngabahlobo |
||
Kwavela amangqina athetha ubuxoki ngaye |
||
Wathula phambi kwabantu ababemtyhola |
||
Watshicelwa |
||
Wabethwa entloko |
||
Wabethwa |
||
Zange alwe nabo babembetha |
||
Iinkokheli zoorhulumente zadibana ukuze zilwe naye |
||
Wabethelelwa esibondeni ngezandla neenyawo zakhe |
||
Abantu benza amaqashiso ngeempahla zakhe |
||
Wabalwa phakathi kwaboni |
||
Kwahlekiswa ngaye, ethukwa |
||
Waphathwa kakubi ngenxa yaboni |
||
Kwakubonakala ngathi ushiyiwe nguThixo |
||
Wanikwa inyongo neviniga ukuba ayisele |
||
Wanxanwa ngaphambi kokuba afe |
||
Wawuyekela kuThixo umoya wakhe |
||
Wancama ubomi bakhe |
||
Wahlawulela abantu ukuze bangabi nasono |
||
Amathambo akhe zange ophulwe |
||
Wahlatywa |
||
Wangcwatywa nezityebi |
||
Wavuswa ekufeni |
||
Indawo yomntu owayemthengisile yanikwa omnye umntu |
||
Uhlala ngasekunene kukaThixo |
a IMcClintock and Strong’s Cyclopedia ithi: “Ayithandabuzeki into yokuba iincwadi ezazibonisa iintsapho neentlanga zakwaYuda zalahleka xa kwakutshatyalaliswa iYerusalem, hayi ngaphambi kokuba itshatyalaliswe.”
b Igama lesiHebhere elithi Imanuweli, elithetha ukuthi “UThixo Unathi,” liwuchaza kakuhle umsebenzi kaYesu njengoMesiya. Ukuza kwakhe emhlabeni nezinto awazenzayo kwabonisa kakuhle ukuba uThixo ukunye nabakhonzi bakhe.—Luka 2:27-32; 7:12-16.
c Igama elithi ‘mNazarete’ kuthiwa lisuka kwigama lesiHebhere elithi neʹtser, elithetha ‘ukuntshula.’
d Ukuze ubone indlela abalwa ngayo amaxesha eBhayibhileni abonisa ukuba uMesiya wafika ngo-29 C.E., jonga inqaku elithi “Indlela Isiprofeto SikaDaniyeli Esikuchaza Ngayo Ukufika KukaMesiya.”
e Esi siprofeto sikwincwadi kaZekariya, kodwa uMateyu umbhali weBhayibhile uthi “kwenzeka into eyayithethwe ngumprofeti uYeremiya.” (Mateyu 27:9) Kubonakala ngathi eBhayibhileni, ngamanye amaxesha incwadi kaYeremiya yayiba sekuqaleni kwiincwadi “zabaProfeti.” (Luka 24:44) UMateyu xa wayesithi “Yeremiya,” kubonakala ngathi wayethetha ngazo zonke iincwadi zabaProfeti, kuquka ekaZekariya.