Mika 5:1-15

  • Umlawuli oza kuba mkhulu emhlabeni wonke (1-6)

    • Umlawuli uza kuphuma eBhetelehem (2)

  • Abashiyekileyo baza kufana nombethe kunye nengonyama (7-9)

  • Ilizwe liza kucocwa (10-15)

5  “Ngoku uyazisika,Ntombindini ehlaselwayo;Sirhangqiwe.+ Bambetha ngentonga esidleleni umgwebi wakwaSirayeli.+   Nawe Bhetelehem Efrata,+Nangona umncinci gqitha ukuba ube phakathi kwamawaka akwaYuda,*Kuwe ndiza kuphunyelwa ngulowo uza kuba ngumlawuli wakwaSirayeli,+Omvelaphi yakhe isuka kumaxesha akudala, kwimihla yakudala.   Ngoko ke uza kuwalahlaDe kube lixesha lokuba umfazi obelekayo abeleke. Nabashiyekileyo kubantakwabo baza kubuyela kubantu bakwaSirayeli.   Uza kuphakama aze aluse ngamandla kaYehova,+Ngegunya legama elikhulu likaYehova uThixo wakhe. Kwaye baza kuhlala bekhuselekile,+Kuba ngelo xesha ubukhulu bakhe buza kufikelela nakwezona ndawo zikude emhlabeni.+   Uza kudala uxolo.+ Xa umAsiriya enokuhlasela ilizwe lethu aze anyathele kwiinqaba zethu,+Siza kumvusela abalusi abasixhenxe, iinkosana* ezisibhozo ebantwini.   Ziza kulalusa ngekrele ilizwe laseAsiriya,+Nelizwe likaNimrodi+ kwiigeyithi zalo. Yaye uza kusisindisa kumAsiriya,+Xa ehlasela ilizwe lethu naxa enyathela kummandla wethu.   Abashiyekileyo bakaYakobi baza kuba phakathi kwezizwana ezininziNjengombethe ovela kuYehova,Njengemvula phezu kotyani,Engathembeli mntwiniOkanye engalindeli koonyana babantu.   Abashiyekileyo bakaYakobi baza kuba phakathi kweentlanga,Phakathi kwezizwana ezininzi,Njengengonyama phakathi kwezilwanyana zehlathi,Njengethole lengonyama* phakathi kwemihlambi yeegusha,Elingena phakathi kwayo lize linqakule, liqwenge,Kwaye akukho mntu uyisindisayo.   Baza kuzoyisa iintshaba zabo,Zonke ziza kutshatyalaliswa.” 10  UYehova uthi: “Ngaloo mini,Ndiza kuwatshabalalisa amahashe neenqwelo zenu zokulwa. 11  Ndiza kuzitshabalalisa izixeko zelizwe lenuNdize ndizidilize zonke iindawo zenu ezinqatyisiweyo. 12  Ndiza kubuphelisa ubugqwirha enibenzayo,*Yaye akukho mntu wenza umlingo uza kushiyeka phakathi kwenu.+ 13  Ndiza kuyitshabalalisa imifanekiso yenu eqingqiweyo neentsika zenu,Niyeke ukuqubuda kumsebenzi wezandla zenu.+ 14  Ndiza kuzincothula izibonda zenu ezingcwele*+Ndize ndizitshabalalise izixeko zenu. 15  Ndiza kuziphindezela ngomsindo nangengqumboKwiintlanga ezingathobelanga.”

Umbhalo osemazantsi

Okanye “kweentsapho zakwaYuda.”
Okanye “iinkokheli.”
Okanye “Njengethole lengonyama elinesingci.”
Ngokoqobo, “obusuka ezandleni zenu.”