Kubalisa uLuka 7:1-50

  • Ukholo lwegosa lomkhosi (1-10)

  • UYesu uvusa unyana womhlolokazi eNayin (11-17)

  • UYohane umBhaptizi uyanconywa (18-30)

  • Isizukulwana esinenkani siyagwetywa (31-35)

  • Umfazi ongumoni uyaxolelwa (36-50)

    • Umzekelo wabantu ababoleke imali (41-43)

7  Wathi uYesu akugqiba ukufundisa abantu ababelapho, waya eKapernahum.  Kwakukho igosa lomkhosi elalinesicaka elisithanda kakhulu esasigula kakhulu, sele siza kufa.+  Lathi lakuva ngoYesu, lathumela abadala abangamaYuda ukuba bayokumcela ukuba azokuphilisa isicaka sakhe.  Beza kuYesu bamcenga, besithi: “Sicela uyincede le ndoda,  kuba iyaluthanda uhlanga lwethu, yade yasakhela nendlu esikhonzela kuyo.”*  Ngoko uYesu wahamba nabo. Kodwa wathi xa ekufutshane nendlu yeli igosa, labe sele lithumele abahlobo balo ukuba bathi kuye: “Mnumzana, ungazikhathazi, andifanelekanga ukuba ungade uze kwam.+  Yiloo nto ndingezanga ngokwam kuwe. Ukuba ungatsho nje, singaphila isicaka sam.  Kuba nam ndingumphathi, ndinamajoni aphantsi kwam. Ndithi kweli, ‘Hamba!’ lihambe, ndithi kwelinye, ‘Yiza apha!’ lize, ndithi kwisicaka sam, ‘Yenza le nto!’ siyenze.”  Yammangalisa le nto uYesu, wajika wajonga ebantwini ababemlandela wathi: “Ndiyaniqinisekisa ukuba, zange ndambona nakwaSirayeli umntu onokholo olungaka.”+ 10  Bathi xa abantu ababethunyiwe bebuyela endlini, bafika ikhoboka liphilile.+ 11  Kungekudala emva koko, uYesu waya kwisixeko saseNayin, ehamba nabafundi bakhe nabanye abantu abaninzi. 12  Wathi xa esondela kwigeyithi yeso sixeko, wabona abantu bephuma nesidumbu, ingunyana okuphela kwakhe kumama wakhe.+ Umama wakhe wayengumhlolokazi. Wayekhatshwa ngabantu abaninzi. 13  Yathi iNkosi yakumbona, yaba nosizi,+ yaza yathi kuye: “Sukukhala.”+ 14  Yasondela, yabamba into ababethwele ngayo isidumbu, baza bema ngxi abo babesithwele. Emva koko yathi: “Mfana, ndithi kuwe, vuka!”+ 15  Wavuka umfi wahlala ngeempundu, wathetha, waza uYesu wathi kumama wakhe makamthathe.+ 16  Bonke abantu ababelapho boyika kakhulu, baza bazukisa uThixo besithi: “Sifikelwe ngumprofeti omkhulu,”+ baphinda bathi, “UThixo ubakhumbule abantu bakhe.”+ 17  Yaduma ke loo nto kuwo wonke ummandla wakwaYuda. 18  Abafundi bakaYohane bambalisela zonke ezi zinto.+ 19  Ngoko uYohane wathuma abafundi bakhe ababini ukuba bayokubuza iNkosi bathi: “UnguLowo Uzayo na,+ okanye simele silindele omnye?” 20  Bakufika kuye bathi: “UYohane umBhaptizi uthe masibuze ukuba, ‘UnguLowo Uzayo na okanye simele silindele omnye?’” 21  Ngelo xesha uYesu waphilisa abantu abaninzi ababegula+ zizifo ezahlukahlukeneyo, nababeneedemon, waza waphilisa nabantu abaninzi abangaboniyo. 22  Wathi kubo: “Hambani niyokuxelela uYohane izinto enizibonileyo nenizivileyo: Abantu abangaboniyo bayabona,+ abaziziqhwala bayakwazi ukuhamba, abaneqhenqa bayaphiliswa, abangevayo bayeva,+ abafileyo bayavuswa namahlwempu axelelwa iindaba ezilungileyo.+ 23  Wonwabile lowo ungakhutyekiswayo ndim.”+ 24  Bathi bakumka abantu ababethunywe nguYohane, uYesu wathetha ngoYohane kubantu abaninzi ababelapho, wathi: “Naniyokubona ntoni entlango? Ingcongolo esiwa ngapha nangapha ngumoya?+ 25  Naniyokubona ntoni ke? Indoda enxibe iimpahla zodidi?+ Kaloku, abo banxiba iimpahla zodidi nabaphila kamnandi, bahlala kwizindlu zasebukhosini. 26  Ngoko, naniyokubona ntoni kanye kanye? Umprofeti? Ndithi kuni, uYohane mkhulu lee kunabaprofeti.+ 27  Nguye lo kwakubhalwe kwathiwa ngaye: ‘Jonga! Ndithumela umthunywa wam phambi kwakho, oza kukulungiselela indlela.’+ 28  Ndithi kuni, kwabo bazelwe ngabafazi akukho nomnye omkhulu kunoYohane, kodwa oyena mntu uphantsi eBukumkanini bukaThixo mkhulu kunaye.”+ 29  (Bathi bakuyiva le nto, bonke abantu nabaqokeleli berhafu, bathi uThixo ulilungisa, kuba bona babesele bebhaptiziwe nguYohane.+ 30  Kodwa bona abaFarisi nabo bawazi kakuhle uMthetho abazange bakuhoye ukuthanda kukaThixo,+ kuba abazange babhaptizwe nguYohane.) 31  “Ndingasifanisa nantoni na esi sizukulwana? Sifana nabani?+ 32  Sifana nabantwana abancinci abahleli kwindawo ekuthengiswa kuyo abakhwaza abanye besithi: ‘Sanidlalela ifleyiti, kodwa anizange nidanise; sakhala kakhulu, kodwa anizange nikhathazeke.’ 33  NoYohane umBhaptizi ke akatyi sonka, akaseli nawayini,+ kodwa nithi: ‘Unedemon.’ 34  UNyana womntu yena uyatya, uyasela, kodwa nithi: ‘Jongani! Le ndoda inyolukileyo, esoloko isela iwayini, nengumhlobo wabaqokeleli berhafu naboni!’+ 35  Kodwa ubulumko bubonakala* ngezenzo.”+ 36  Omnye umFarisi wayemane ecela uYesu ukuba azokutya kwakhe. Ngoko waya endlini yakhe waza watya naye. 37  Kwafika umfazi owayesaziwa esixekweni ukuba ungumoni, kuba wayevile ukuba uYesu usendlini* yalo mFarisi. Weza nebhotile yealabhasta eneoli enuka kamnandi.+ 38  Waguqa ezinyaweni zakhe, walila zada iinyawo zamanzi ziinyembezi, waza wazosula ngeenwele zakhe. Emva koko waphuza iinyawo zikaYesu, waza wazithambisa ngeoli enuka kamnandi. 39  Akuyibona le nto umFarisi owayememe uYesu, wathi ngaphakathi: “Ukuba lo mntu ebengumprofeti nyhani, ebeza kuyazi ukuba ngumntu onjani lo mfazi ubamba iinyawo zakhe. Ebeza kuyazi ukuba ungumoni.”+ 40  Kodwa uYesu wathi kuye: “Simon, kukho into endifuna ukukuxelela yona.” USimon wathi: “Ndimamele Mfundisi!” 41  “Kwakukho amadoda amabini awayeboleke imali komnye umntu; enye yayiboleke iidenariyo* eziyi-500, enye eziyi-50. 42  Athi akungakwazi ukumbhatala, walicima ityala lawo. Khawutsho ke, yeyiphi eza kumthanda kakhulu?” 43  USimon wathi: “Ndicinga ukuba yile ibimtyala kakhulu.” UYesu wathi kuye: “Unyanisile.” 44  Ngoko wajonga kulo mfazi, waza wathi kuSimon: “Uyambona lo mfazi? Ndingene endlini yakho, kodwa wena awundinikanga manzi okuhlamba iinyawo. Yena lo mfazi uzimanzise ngeenyembezi zakhe, waza wazosula ngeenwele zakhe. 45  Wena awundiphuzanga,* kodwa yena lo mfazi, oko ephuza iinyawo zam oko ndifikile apha. 46  Wena awuyithambisanga ngeoli intloko yam, kodwa yena lo mfazi uthambise iinyawo zam ngeoli enuka kamnandi. 47  Ndithi kuwe, izono zakhe, zizininzi zinjalo, zixolelwe,+ ngenxa yale nto ayenzileyo, ngoba undithande kakhulu. Yena umntu oxolelwe kancinci, undithanda kancinci.” 48  Emva koko wathi kuye: “Izono zakho zixolelwe.”+ 49  Bathetha bodwa abo babehleli naye etafileni, besithi: “Ngubani na lo uxolela nezono?”+ 50  Kodwa wathi kulo mfazi: “Ukholo lwakho lukusindisile;+ hamba ngoxolo.”

Umbhalo osemazantsi

Okanye “nendlu yesikhungu.”
Okanye “buthetheleleka.”
Okanye “utya endlini.”
Ukuphuza umntu, mhlawumbi esidleleni, kwakuyindlela eqhelekileyo yokubulisa.