Tito 1:1-16

  • Imibuliso (1-4)

  • UTito uza kumisela abadala eKrete 5-9)

  • Baluleke abantu abangathobeliyo (10-16)

1  Kubhala mna Pawulos, ikhoboka likaThixo nompostile kaYesu Kristu. Ndilikhoboka nompostile onokholo olufana nolwabo bakhethwe nguThixo, noluhambisana nolwazi oluchanileyo lwabo bazinikele kuThixo,  olusekelwe kwithemba lobomi obungunaphakade+ esalithenjiswa kwakudala nguThixo ongenakuxoka.+  Walityhila ilizwi lakhe ngexesha lakhe elifanelekileyo, ngomsebenzi wokushumayela andithume wona,+ ngokomyalelo woMsindisi wethu, uThixo.  Ndibhalela uTito, unyana wam wenene endikholwa naye: Kwanga uThixo onguTata wethu neNkosi uYesu Kristu uMsindisi wethu, bangakwenzela ububele* baze bakunike uxolo.  Ndakushiya apho ­eKrete ukuze ulungise izinto ezingahambi kakuhle,* nokuze umisele abadala kwizixeko ngezixeko, njengokuba ndakuyalelayo ndisithi:  Umdala umele abe yindoda engenakumangaleleka, indoda enomfazi omnye, enabantwana abakholwayo, abangamangalelwa ngokuziphatha kakubi okanye ukungalawuleki.+  Njengomntu osebenzela uThixo, umdala* umele angabi nakumangaleleka, angabi ngumntu owenza unothanda,+ angakhawulezi ukucaphuka,+ angabi lonxila, angabi ngumntu obetha abanye,* anganyoluki,  kodwa makathande iindwendwe,+ athande izinto ezilungileyo, aphile engqondweni,*+ abe lilungisa, anyaniseke,+ akwazi nokuzibamba,+  aqiniseke ukuba ubambelela nkqi kwilizwi elithembekileyo xa efundisa,+ ukuze akwazi ukukhuthaza* ngemfundiso eyakhayo+ nokululeka abo baphikisayo.+ 10  Baninzi abantu abangalawulekiyo, abathetha izinto ezingancedi nganto, nabalahlekisi, ingakumbi abo babambelele kulwaluko.+ 11  Bamele bavalwe imilomo, kuba aba bantu bonakalisa ukholo lweentsapho ngokufundisa izinto ezingafanelekanga, kuba benyolukile. 12  Omnye umprofeti wabo wathi: “AmaKrete asoloko engamaxoki, anobungozi oku kwezilwanyana zasendle, angamadla-kudla angenanto yakwenza.” 13  La mazwi ayinyani. Yiloo nto umele uqhubeke ubaluleka qatha, ukuze babe nokholo olo­meleleyo, 14  bangamameli iintsomi zamaYuda, bathobele imithetho yabantu abayishiyileyo inyaniso. 15  Zonke izinto zicocekile kubantu abacocekileyo.+ Kodwa akukho nto icocekileyo kubantu abangekho msulwa nabangenalukholo, kuba iingqondo zabo nezazela zabo azicocekanga.+ 16  Bahamba besithi ebantwini bakhonza uThixo, kodwa izinto abazenzayo aziyingqini loo nto,+ kuba bayonyanyeka ibe abathobeli yaye abakufanelekelanga ukwenza nawuphi na umsebenzi olungileyo.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ububele obungakufanelanga.”
Okanye “izinto ezonakeleyo.”
Okanye “umveleli.”
Igama lesiGrike elisetyenziswe apha, likwathetha nokuthetha amazwi ahlabayo.
Okanye “akwazi ukuyisebenzisa kakuhle ingqondo.”
Okanye “ukucenga ngemfundiso eyakhayo.”