Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ileta Eya KwabaseRoma

Izahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16

Oko kuqulethweyo

  • 1

    • Imibuliso (1-7)

    • UPawulos ufuna ukuya eRoma (8-15)

    • Umntu olilungisa uza kuphila ngenxa yokuba nokholo (16, 17)

    • Abantu abangamthobeliyo uThixo abanakuthetheleleka (18-32)

      • Iimpawu zikaThixo zibonwa kwindalo (20)

  • 2

    • Indlela uThixo awagweba ngayo amaYuda namaGrike (1-16)

      • Indlela esisebenza ngayo isazela (14, 15)

    • AmaYuda noMthetho (17-24)

    • Ukoluka entliziyweni (25-29)

  • 3

    • “UThixo uhlala ethetha inyaniso” (1-8)

    • AmaYuda namaGrike onke alawulwa sisono (9-20)

    • Ukuba ngamalungisa ngenxa yokholo (21-31)

      • Bonke abakwazi ukubonisa iimpawu ezintle zikaThixo (23)

  • 4

    • UAbraham kuthiwa ulilungisa ngenxa yokholo (1-12)

      • UAbraham, utata wabantu abanokholo (11)

    • Ukufumana isithembiso ngenxa yokholo (13-25)

  • 5

    • Ukuxolelaniswa noThixo ngoKristu (1-11)

    • Ukufa ngenxa ka-Adam, ubomi ngenxa kaKristu (12-21)

      • Isono nokufa kwasasazeka ebantwini bonke (12)

      • Isenzo esinye sobulungisa (18)

  • 6

    • Ubomi obutsha ngenxa yokubhaptizelwa kuKristu (1-11)

    • Sanukusivumela isono silawule kwimizimba yenu (12-14)

    • Sasikade singamakhoboka esono, ngoku singakaThixo (15-23)

      • Umvuzo ohlawulwa sisono kukufa; isipho esivela kuThixo bubomi (23)

  • 7

    • Umzekelo wendlela yokukhululeka eMthethweni (1-6)

    • UMthetho wenza ukuba sazi isono (7-12)

    • Ukulwa nesono (13-25)

  • 8

    • Umoya oyingcwele usinika ubomi nenkululeko (1-11)

    • Umoya oyingcwele usenza siqiniseke (12-17)

    • Indalo ilinde inkululeko yabantwana bakaThixo (18-25)

    • ‘Sicelelwa ngumoya oyingcwele’ (26, 27)

    • UThixo wabakhetha kwasekuqaleni (28-30)

    • Soyisa ngenxa yokuba uThixo uyasithanda (31-39)

  • 9

    • UPawulos ukhathazwa ngamaSirayeli emvelo (1-5)

    • Eyona nzala ka-Abraham (6-13)

    • UThixo unegunya lokukhetha (14-26)

      • Izitya zomsindo nezenceba (22, 23)

    • Bambalwa abaza kusindiswa (27-29)

    • AmaSirayeli ayakhubeka (30-33)

  • 10

    • Ukuba ngamalungisa ngendlela kaThixo (1-15)

      • Ukushumayela (10)

      • Ukuthembela egameni likaYehova kwenza sisindiswe (13)

      • Iinyawo ezintle zabantu abashumayelayo (15)

    • Iindaba ezilungileyo azamkelwa (16-21)

  • 11

    • AmaSirayeli awalahlwanga ngokupheleleyo (1-16)

    • Umzekelo womthi weminquma (17-32)

    • Ubulumko bukaThixo abunakulinganiswa nanto (33-36)

  • 12

    • Nikelani ngemizimba yenu ibe yimibingelelo ephilayo (1, 2)

    • Iziphiwo ezahluka-hlukeneyo kodwa umzimba mnye (3-8)

    • Amacebiso okuphila njengomKristu (9-21)

  • 13

    • Ukuthobela amagunya (1-7)

      • Ukubhatala irhafu (6, 7)

    • Uthando lwenza uMthetho uzaliseke (8-10)

    • Masiziphathe kakuhle ngokungathi kusemini (11-14)

  • 14

    • Sanukugwebana (1-12)

    • Sanukukhubekisa abanye (13-18)

    • Masisebenzele ukuba kubekho uxolo nomanyano (19-23)

  • 15

    • Yamkelanani njengoKristu (1-13)

    • UPawulos unceda abantu beentlanga (14-21)

    • Iindawo aceba ukuya kuzo uPawulos (22-33)

  • 16

    • UPawulos wazisa uFibhi (1, 2)

    • Ubulisa amaKristu aseRoma (3-16)

    • Kulunyukiswa ngezinto eziqhekeza ibandla (17-20)

    • Abantu abasebenza noPawulos bayabulisa (21-24)

    • Ngoku iyaziwa imfihlelo engcwele (25-27)