Duteronomi 4:1-49

  • AmaSirayeli kuthiwa mawathobele (1-14)

    • Ningazilibali izinto azenzileyo uYehova (9)

  • UYehova ufuna umntu azinikele ngokupheleleyo kuye (15-31)

  • Akekho omnye uThixo ngaphandle kukaYehova (32-40)

  • Izixeko zokubalekela ezingasempuma kweYordan (41-43)

  • AmaSirayeli anikwa uMthetho (44-49)

4  “Ngoku ke Sirayeli, zimamele izigwebo nemithetho endinifundisa yona ukuba niyithobele, ukuze niphile,+ ningene nize nilithathe ilizwe uYehova uThixo wookhokho benu aninika lona.  Nize ningongezi yaye ninganciphisi kwilizwi endininika lona,+ ukuze niyenze imiyalelo kaYehova uThixo wenu endininika yona.  “Nizibonele ngamehlo enu oko uYehova wakwenzayo kuBhahali wasePehore; uYehova uThixo wenu watshabalalisa wonke umntu oyindoda kuni owalandela uBhahali wasePehore.+  Kodwa nonke nina nibambelela nkqi kuYehova uThixo wenu nisaphila nanamhlanje.  Jongani, ndinifundise imithetho nezigwebo,+ kanye ngendlela uYehova uThixo wam andiyalele ngayo, ukuze niyithobele kwilizwe eniza kulithatha ibe lelenu.  Nimele niyithobele kakuhle,+ kuba loo nto iza kubonisa abantu abaza kuva ngale mithetho, ukuba nilumkile+ yaye niyaqonda,+ ibe baza kuthi, ‘Olu hlanga lukhulu lungabantu abalumkileyo nyhani nabaqondayo.’+  Kuba luluphi uhlanga olukhulu olunoothixo abasondeleyo kulo ngendlela uYehova uThixo wethu asondele ngayo kuthi nanini na simfuna?+  Iluluphi uhlanga olukhulu olunemithetho elungileyo nezigwebo njengawo wonke lo Mthetho ndiwubeka phambi kwenu namhlanje?+  “Hlala nje wena uzilumkele yaye uzigade, ukuze ungazilibali izinto oye wazibona ngamehlo akho ukuze zingemki entliziyweni yakho ubomi bakho bonke. Uze uzixelele noonyana bakho nabazukulwana bakho.+ 10  Ngemini owema ngayo phambi koYehova uThixo wakho eHorebhe, uYehova wathi kum, ‘Bahlanganise abantu, ukuze beve amazwi am,+ bafunde ukundoyika+ yonke imihla abayiphila emhlabeni nokuze bafundise noonyana babo.’+ 11  “Ngoko ke nasondela, nema emazantsi entaba, ibe intaba yayivutha, umlilo wawuvutha ukuya kutsho emazulwini. Kwakukho amafu yaye kumnyama thsu.+ 12  Yaye uYehova wathetha nani esemlilweni.+ Neva nje amazwi, kodwa anabona mntu,+ yaba lilizwi lodwa.+ 13  Wenza isivumelwano nani+ awaniyalela ukuba nisigcine, oko kukuthi iMithetho Elishumi.+ Emva koko wayibhala kumacwecwe amatye amabini.+ 14  Ngelo xesha uYehova wandiyalela ukuba ndinifundise izigwebo nemithetho, ekuza kufuneka niyithobele kwilizwe eniza kungena kulo nilithathe. 15  “Ngoko zigadeni, ekubeni ningazange nibone mntu ngemini uYehova awathetha nani eHorebhe esemlilweni, 16  ningenzi ububi ngokwenza umfanekiso wayo nantoni na, nokuba ngowendoda okanye ngowebhinqa,+ 17  nokuba ngowasiphi na isilwanyana esisemhlabeni, okanye wentaka ebhabha esibhakabhakeni,+ 18  nokuba ngowayo nantoni na erhubuluzayo emhlabeni, okanye ngowayiphi na intlanzi esemanzini aphantsi komhlaba.+ 19  Xa ujonga emazulwini uze ubone ilanga, inyanga neenkwenkwezi, wonke nje umkhosi wamazulu, uze ungahendelwa ukuba uqubude kuwo, uwukhonze.+ Ezi zinto uYehova uThixo wakho uzinike bonke abantu phantsi kwamazulu. 20  Kodwa uYehova ukhuphe nina kwiziko lokunyibilikisa intsimbi, eYiputa, ukuba nibe ngabantu bakhe*+ yedwa njengokuba kunjalo namhlanje. 21  “UYehova wacatshukiswa ndim ngenxa yenu,+ waza wafunga esithi andizukuyiwela iYordan okanye ndiye kwilizwe elihle uYehova uThixo wenu aninika lona.+ 22  Kuba ndiza kufela apha; andizukuyiwela iYordan,+ kodwa nina niza kuyiwela, nilithathe libe lelenu eli lizwe lihle. 23  Nize nilumke, ningasilibali isivumelwano uYehova uThixo wenu awasenza nani,+ yaye ningazenzeli umfanekiso oqingqiweyo, ofana nayo nayiphi na into uYehova uThixo wakho ayaleleyo.+ 24  Kuba uYehova uThixo wakho ungumlilo otshabalalisayo,+ uThixo ofuna ukuba umntu azinikele ngokupheleleyo kuye.+ 25  “Ukuba niba noonyana nabazukulwana, yaye seninexesha elide nihleli elizweni, nize nizonakalise, nenze umfanekiso oqingqiweyo+ wayo nantoni na, yaye nenze okubi emehlweni kaYehova uThixo wenu, nimcaphukise,+ 26  amazulu nomhlaba ngamangqina am namhlanje okuba nakanjani na niza kukhawuleza nitshabalale kwilizwe eniya kuhlala kulo, njengokuba niwela iYordan. Anizukuhlala ixesha elide kulo, niza kutshayelwa nithi tu.+ 27  UYehova uza kunisasaza phakathi kwezizwe,+ yaye bambalwa kuni abaza kusinda+ phakathi kweentlanga aza kunigxothela kuzo uYehova. 28  Apho kuza kunyanzeleka nikhonze oothixo bomthi nabamatye, abenziwe ngabantu,+ oothixo abangaboniyo okanye abangevayo okanye abangatyiyo okanye abanganukisiyo. 29  “Ukuba nithe nilapho namfuna uYehova uThixo wenu,+ nimfune ngentliziyo yenu yonke nangomphefumlo* wenu wonke,+ nakanjani na niza kumfumana. 30  Xa nisengxakini enkulu, zibe zinehlele nezi zinto ekuhambeni kwexesha, niza kutsho nibuyele kuYehova uThixo wenu nize nilimamele ilizwi lakhe.+ 31  Kuba uYehova uThixo wakho unguThixo onenceba.+ Akazukukulahla okanye akuyeke utshabalale okanye asilibale isivumelwano awasifungela ookhokho benu.+ 32  “Khawubuzise ngamaxesha angaphambili, asusela mhla uThixo wenza umntu emhlabeni. Khangelisisani nisusele kwesinye isiphelo samazulu nise kwesinye. Ngaba yakha yenzeka into enkulu ngolu hlobo? Ngaba ukhona umntu owakhe weva into efana nayo?+ 33  Ngaba sikhona esinye isizwe esakhe seva ilizwi likaThixo liphuma emlilweni ngendlela nina enaliva ngayo, saza saqhubeka siphila?+ 34  Ngaba uThixo wakhe wazama ukuzithathela uhlanga phakathi kweentlanga ngemigwebo,* ngemiqondiso, ngemimangaliso,+ ngeemfazwe,+ ngesandla esomeleleyo,+ ngengalo eyoluliweyo nangezenzo ezoyikekayo+ njengoko uYehova uThixo wenu wenzayo phambi kwenu eYiputa? 35  Waziboniswa ezi zinto ukuze wazi ukuba uYehova nguThixo wokwenene;+ akekho omnye ngaphandle kwakhe.+ 36  Wakuvisa ilizwi esemazulwini ukuze akulungise, yaye emhlabeni wakubonisa umlilo wakhe omkhulu, ibe weva amazwi akhe ephuma emlilweni.+ 37  “Ngenxa yokuba wayebathanda ookhokho bakho, uye wakhetha inzala* yabo,+ wanikhulula ngokwakhe eYiputa ngamandla akhe amakhulu. 38  Phambi kwenu wagxotha izizwe ezinkulu nezinamandla kunani, ukuze aningenise, ­aninike umhlaba wazo ube lilifa lenu, njengokuba kunjalo ­namhlanje.+ 39  Yazini ke namhlanje, futhi niyifake ezintliziyweni zenu into yokuba uYehova unguThixo wokwenene emazulwini phezulu nasemhlabeni phantsi.+ Akakho omnye.+ 40  Nimele niyigcine imithetho nemiyalelo yakhe endiniyalela yona namhlanje, ukuze nihlale ixesha elide kumhlaba aninika wona uYehova uThixo wenu.”+ 41  Ngelo xesha uMoses wakhetha izixeko ezithathu kwicala elingasempuma kweYordan.+ 42  Ukuba umntu ubulele omnye ngempazamo, abe ebengamcaphukeli,+ umele abalekele kwesinye sezi zixeko ukuze ahlale ephila.+ 43  Nazi ke ezo zixeko: iBhetsere+ esentlango kumhlaba othe tyaba iza kuba yeyamaRubhen, iRamoti+ eseGiliyadi iza kuba yeyamaGadi, ize iGolan+ eseBhashan ibe yeyamaManase.+ 44  Lo nguMthetho+ uMoses awawunika amaSirayeli. 45  Ezi zizikhumbuzo nezigwebo uMoses awazinika amaSirayeli emva kokuba ephume eYiputa,+ 46  kummandla waseYordan kwintlambo emelene neBhete-peyore,+ kumhlaba kaKumkani uSihon wama-Amori, owayehlala eHeshbhon,+ owoyiswa nguMoses namaSirayeli emva kokuba ephume eYiputa.+ 47  Bawuthatha umhlaba wakhe nokaKumkani uOgi+ waseBhashan, ookumkani ababini bama-Amori ababekummandla ongasempuma kweYordan, 48  ukususela eArohere,+ esecaleni kweNtlambo YeArnon, ukuya kutsho kwiNtaba ISiyon, oko kukuthi iHermon,+ 49  nayo yonke iArabha ekummandla ongasempuma kweYordan, ukuya kutsho kuLwandle LwaseArabha kumazantsi amathambeka asePisga.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ngabantu abalilifa lakhe.”
Okanye “ngeemvavanyo.”
Ngokoqobo, “imbewu.”