Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Incwadi YeDuteronomi

Izahluko

Oko kuqulethweyo

  • 1

    • Kuyemkiwa kwiNtaba iHorebhe (1-8)

    • Kukhethwa iinkokheli neejaji (9-18)

    • Ukungathobeli eKadeshe-bharneya (19-46)

      • Ukungafuni kwamaSirayeli ukungena elizweni (26-33)

      • Ukoyiswa ngamaKanan (41-46)

  • 2

    • Ukujikeleza entlango iminyaka eyi-38 (1-23)

    • Ukoyiswa kukaKumkani uSihon waseHeshbhon (24-37)

  • 3

    • Ukoyiswa kukaKumkani uOgi waseBhashan (1-7)

    • Ukohlulwa komhlaba ongasempuma kweYordan (8-20)

    • UYoshuwa kuthiwa makangoyiki (21, 22)

    • UMoses akazukungena elizweni (23-29)

  • 4

    • AmaSirayeli kuthiwa mawathobele (1-14)

      • Ningazilibali izinto azenzileyo uYehova (9)

    • UYehova ufuna umntu azinikele ngokupheleleyo kuye (15-31)

    • Akekho omnye uThixo ngaphandle kukaYehova (32-40)

    • Izixeko zokubalekela ezingasempuma kweYordan (41-43)

    • AmaSirayeli anikwa uMthetho (44-49)

  • 5

    • Isivumelwano sikaYehova eHorebhe (1-5)

    • Kuphinda kuchazwe iMithetho Elishumi (6-22)

    • Abantu bayoyika kwiNtaba YeSinayi (23-33)

  • 6

    • Thanda uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke (1-9)

      • “Mamela Sirayeli” (4)

      • Abazali mabafundise abantwana (6, 7)

    • Ungamlibali uYehova (10-15)

    • Ningamlingi uYehova (16-19)

    • Xelela isizukulwana esilandelayo (20-25)

  • 7

    • Kuza kutshatyalaliswa iintlanga ezisixhenxe (1-6)

    • Ukukhethwa kwamaSirayeli (7-11)

    • Baza kufumana iintsikelelo ukuba bayathobela (12-26)

  • 8

    • Kuphinda kuchazwe iintsikelelo ezifunyenwe kuYehova (1-9)

      • “Ubomi bomntu abuxhomekekanga ekutyeni kuphela” (3)

    • Nize ningamlibali uYehova (10-20)

  • 9

    • Isizathu sokunikwa kwamaSirayeli ilizwe (1-6)

    • AmaSirayeli amcaphukisa uYehova izihlandlo ezine (7-29)

      • Ithole legolide (7-14)

      • UMoses uyangenelela (15-21, 25-29)

      • Ezinye izihlandlo ezithathu awacatshukiswa ngazo uYehova (22)

  • 10

    • Kuphinda kwenziwe amacwecwe amabini (1-11)

    • Into efunwa nguYehova (12-22)

      • Moyike uze umthande uYehova (12)

  • 11

    • Nibubonile ubukhulu bakhe (1-7)

    • ILizwe Lesithembiso (8-12)

    • Izinto eziza kufunyanwa ngokuthobela (13-17)

    • Amazwi kaThixo makabethelelwe ezintliziyweni (18-25)

    • “Intsikelelo nesiqalekiso” (26-32)

  • 12

    • Mkhonzeni uThixo kwindawo ayikhethileyo (1-14)

    • Ingatyiwa inyama kodwa igazi malingatyiwa (15-28)

    • Ningakhonzi abanye oothixo (29-32)

  • 13

    • Indlela yokuphatha umwexuki (1-18)

  • 14

    • Iindlela ezingafanelekanga zokuzila (1, 2)

    • Ukutya okucocekileyo nokungacocekanga (3-21)

    • Isishumi esinikelwa kuYehova (22-29)

  • 15

    • Qho ngonyaka wesixhenxe, amatyala ayacinywa (1-6)

    • Ukunceda amahlwempu (7-11)

    • Ukukhululwa kwamakhoboka qho ngonyaka wesixhenxe (12-18)

      • Ukugqobhoza indlebe yekhoboka ngenyatyhoba (16, 17)

    • Kunikelwa ngamazibulo ezilwanyana (19-23)

  • 16

    • IPasika; iTheko Lezonka Ezingenagwele (1-8)

    • ITheko Leeveki (9-12)

    • ITheko Lamakhusi (13-17)

    • Kukhethwa iijaji (18-20)

    • Izinto emazingakhonzwa (21, 22)

  • 17

    • Iminikelo mayingabi nasiphene (1)

    • Izinto ezenziwayo ngenxa yowexuko (2-7)

    • Ukugweba amatyala anzima (8-13)

    • Xa nikhetha ukumkani kwixesha elizayo (14-20)

      • Ukumkani kuza kufuneka azikhuphelele uMthetho (18)

  • 18

    • Izinto eziza kunikwa ababingeleli nabaLevi (1-8)

    • Ubugqwirha abuvumelekanga (9-14)

    • Umprofeti ofana noMoses (15-19)

    • Indlela yokubona umprofeti wobuxoki (20-22)

  • 19

    • Ukuba netyala legazi nezixeko zokubalekela (1-13)

    • Mayingabhekeliswa imida (14)

    • Amangqina enkundleni (15-21)

      • Kufuneka amangqina amabini okanye amathathu (15)

  • 20

    • Imithetho yemfazwe (1-20)

      • Izizathu zokungayi emfazweni (5-9)

  • 21

    • Amatyala okubulala angekachotshelwa (1-9)

    • Ukutshata abafazi abathinjiweyo (10-14)

    • izinto ezimele zifunyanwe lizibulo (15-17)

    • Unyana onenkani (18-21)

    • Uqalekisiwe umntu oxhonywa esibondeni (22, 23)

  • 22

    • Ukukhathalela izilwanyana zommelwane (1-4)

    • Ukunxiba iimpahla zomntu wesini esahlukileyo kwesakho (5)

    • Ukuphatha izilwanyana kakuhle (6, 7)

    • Ukwakha udonga olunyukileyo eluphahleni (8)

    • Izinto ezingenakudityaniswa (9-11)

    • Imisonto edityanisiweyo empahleni (12)

    • Imithetho ngokwabelana ngesondo (13-30)

  • 23

    • Abantu abangamele babe kwibandla likaThixo (1-8)

    • Ukucoceka kwenkampu (9-14)

    • Ikhoboka elibalekileyo (15, 16)

    • Ukuthengisa ngomzimba akuvumelekanga (17, 18)

    • Inzala nezifungo (19-23)

    • Izinto ezinokutyiwa ngumntu odlulayo (24, 25)

  • 24

    • Umtshato noqhawulo-mtshato (1-5)

    • Ukuhlonipha ubomi (6-9)

    • Ukukhathalela amahlwempu (10-18)

    • Umthetho ngokuchola-chola entsimini (19-22)

  • 25

    • Umthetho ngokubethwa imivumbo (1-3)

    • Ungayivali umlomo ngesicheme inkunzi yenkomo xa ibhula (4)

    • Umtshato womntakwabendoda eswelekileyo (5-10)

    • Ukubamba iindawo ezingamele zibanjwe xa kusiliwa (11, 12)

    • Izikali ezichanileyo (13-16)

    • Ama-Amaleki amele atshatyalaliswe (17-19)

  • 26

    • Ukunikela ngezivuno zokuqala (1-11)

    • Isishumi sesibini (12-15)

    • AmaSirayeli, abantu abakhethileyo uYehova (16-19)

  • 27

    • UMthetho kufuneka ubhalwe ematyeni (1-10)

    • ENtabeni Ye-Ebhali naseNtabeni YeGerizim (11-14)

    • Kuchazwa iziqalekiso (15-26)

  • 28

    • Ukusikelelwa ngenxa yokuthobela (1-14)

    • Iziqalekiso ngenxa yokungathobeli (15-68)

  • 29

    • Kwenziwa isivumelwano namaSirayeli kwaMowabhi (1-13)

    • Isilumkiso ngokungathobeli (14-29)

      • Izinto ezifihlakeleyo nezityhiliweyo (29)

  • 30

    • Ukubuyela kuYehova (1-10)

    • Imiyalelo kaYehova ayikho nzima (11-14)

    • Ukukhetha phakathi kobomi nokufa (15-20)

  • 31

    • UMoses seza kufa (1-8)

    • Ukufundwa koMthetho phambi kwamaSirayeli (9-13)

    • UYoshuwa uyabekwa abe yinkokheli (14, 15)

    • AmaSirayeli axelelwa kwangaphambili ngokulahla uThixo (16-30)

      • Ingoma yokufundisa amaSirayeli (19, 22, 30)

  • 32

    • Ingoma kaMoses (1-47)

      • UYehova liLiwa (4)

      • AmaSirayeli ayalilibala iLiwa (18)

      • ‘Ndim ophindezelayo’ (35)

      • “Vuyani zintlanga nabantu bakhe” (43)

    • UMoses uza kufela kwiNtaba INebho (48-52)

  • 33

    • UMoses usikelela izizwe (1-29)

      • “Iingalo zikaYehova zikanaphakade” (27)

  • 34

    • UYehova ubonisa uMoses ilizwe (1-4)

    • UMoses uyafa (5-12)