Eyesibini KwabaseKorinte 8:1-24

  • Kuqokelelwa iminikelo eya kumaKristu akwaYuda (1-15)

  • UTito uza kuthunyelwa eKorinte (16-24)

8  Sifuna nazi bazalwana ukuba uThixo uwenzele ububele* amabandla aseMakedoni.+  Nangona ayejongene nobunzima yaye engamahlwempu ngeyona ndlela, ukuvuya kwawo kwawenza anikela.  Anikela kangangoko anako,+ ibe ndiyaniqinisekisa ukuba anikela nangaphezulu,+  esicenga ngokwawo ukuba afumane le nyhweba yokunikela ukuze ancedise kumsebenzi wokunceda abangcwele.+  Enza ngaphezu koko sasikulindele, aqala azinikela eNkosini aza anceda nathi, esenza ukuthanda kukaThixo.  Ngoko samkhuthaza uTito+ ukuba awugqibe umsebenzi awayewuqalile wokuqokelela isipho senu.  Ngoko kanye njengokuba nizenza kakuhle zonke izinto, ninokholo, nikwazi ukuthetha, ninolwazi, nisenza izinto ngokuzimisela, nithandana ngendlela esinithanda ngayo, kwanga ningenza ngolo hlobo nasekunikeleni.+  Le nto andiyithethi kuba ndifuna ukuniyalela, kodwa ndifuna nazi ukuba abanye bazimisele, ibe ndifuna ukubona ukuba ninalo nyhani na uthando.  Kuba niyabazi ububele* esabenzelwa yiNkosi yethu uYesu Kristu. Nakuba wayesisityebi, waba lihlwempu ngenxa yenu,+ ukuze nibe zizityebi ngenxa yokuba elihlwempu. 10  Nantsi into endiyicingayo:+ Le nto iza kuninceda kuba kunyaka ophelileyo besele niqalile ukuqokelela iminikelo. Benifuna nyhani ukuyenza le nto. 11  Ngoko ke wugqibeni umsebenzi eniwuqalileyo, ukuze niyigqibe into enanizimisele ukuyenza ngokwamandla enu. 12  Kaloku ukuba umntu uyafuna ukunikela, umnikelo wakhe wamkelekile kuThixo. UThixo akalindelanga ukuba umntu anikele ngento angenayo, ufuna anikele ngaloo nto anayo.+ 13  Kuba andifuni kube lula kwabanye kodwa kube nzima kuni; 14  ndifuna wonke umntu alingane, izinto ezininzi eninazo zongeze kwabo bangenazo, nezinto ezininzi abanazo zongeze kuni. 15  Kanye njengokuba kubhaliwe kwathiwa: “Umntu owayenokuninzi akazange abe nokuninzi kakhulu, nomntu owayenokuncinci akazange abe nokuncinci kakhulu.”+ 16  Siyambulela uThixo kuba eye wenza uTito wanixhalabela njengathi,+ 17  kuba uye wavuma xa simcela, kodwa kuba kakade ebefuna ukuza, uza kuza kuni. 18  Kodwa sithumela kunye naye umzalwana odume kuwo onke amabandla ngokushumayela iindaba ezilungileyo. 19  Ngaphezu koko, wakhethwa ngamabandla ukuba ahambe nathi, asincedise sinike abantu iminikelo yobubele eqokelelweyo ukuze kuzukiswe iNkosi, nokuze sibonise ukuba sikulungele ukunceda. 20  Sizama ukuba kungabikho mntu usigxekayo ngalo msebenzi siwenzayo wokunika abantu iminikelo.+ 21  Kuba ‘sizama ukunyaniseka kuzo zonke izinto, kungekhona phambi koYehova* kuphela kodwa naphambi kwabantu.’+ 22  Sithumela kunye nabo nomzalwana wethu esiye samvavanya, sambona ukuba uyazimisela xa esenza izinto, kodwa ngoku uzimisele nangaphezulu kuba enithemba. 23  Kodwa ke ukuba kuphakama umbuzo ngoTito, ndisebenza naye sinceda nina; okanye ukuba kukho imibuzo ngaba bazalwana bethu, bangabapostile bamabandla abazukisa uKristu. 24  Ngoko ke bonisani ukuba niyabathanda,+ nibonise namabandla ukuba kutheni siqhayisa ngani.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ububele obungasifanelanga.”
Okanye “ububele obungasifanelanga.”