Eyesibini KwabaseKorinte 6:1-18

  • Ukungabusebenzisi kakubi ububele bukaThixo (1, 2)

  • Kucaciswa umsebenzi kaPawulos (3-13)

  • Sanukubotshwa edyokhweni nabangakholwayo (14-18)

6  Ekubeni sisebenza kunye noThixo,+ siyanicela ukuba ningamkeli ububele* bakhe nize niyiphose injongo yabo.+  Kuba yena uthi: “Ndakuva ngexesha elamkelekileyo, ndakunceda nangemini yosindiso.”+ Jongani! Ngoku lelona xesha lamkelekileyo. Jongani! Ingoku imini yosindiso.  Siyakuphepha ukukhubekisa abanye, ukuze kungabikho nto igxekwayo kumsebenzi wethu;+  kodwa sibonisa ngazo zonke iindlela ukuba singabakhonzi bakaThixo,+ ngokunyamezela izinto ezininzi, ubunzima, amaxesha okungabi nanto, iingxaki,+  ukubethwa, iijele, izidubedube,+ ukusebenza nzima, ukungalali ebusuku, ukungabi nakutya,+  ukuba msulwa, ukuba nolwazi, umonde,+ ububele,*+ umoya oyingcwele, uthando olungazenzisiyo,+  ukuthetha inyani, ukuthembela kumandla kaThixo;+ ukuphatha izixhobo zobulungisa+ kwisandla sasekunene* nesasekhohlo,*  ukudunyiswa nokuhlaziswa, ukugxekwa nokunconywa. Kuthiwa singamaxoki kodwa sinenyani,  kuthiwa asaziwa sibe sisaziwa nguThixo, kube ngathi siza kufa,* kodwa siyaphila,+ kube ngathi siyohlwaywa kodwa singafi.+ 10  Abantu bacinga ukuba siselusizini kodwa siyavuya, bacinga ukuba singamahlwempu kodwa senza abaninzi babe zizityebi, bacinga ukuba asinanto kodwa sinayo yonke into.+ 11  Sithethe ngokuphandle nani, bazalwana baseKorinte, ibe sinithanda nyhani.* 12  Sinithanda kakhulu,+ kodwa nina nisithanda kancinci. 13  Ngoko ndithetha nani njengabantwana bam, nani vulani iintliziyo zenu.*+ 14  Sanukubotshwa edyokhweni enye* nabantu abangakholwayo.+ Kuba budibana njani ubulungisa nokungabi namthetho?+ Okanye kudibana njani ukukhanya nobumnyama?+ 15  Ukongezelela, udibana njani uKristu noBheliyali?*+ Okanye yintoni edibanisa umntu okholwayo* nomntu ongakholwayo?+ 16  Idibana njani itempile kaThixo nezithixo?+ Kaloku siyitempile kaThixo ophilayo;+ kanye njengokuba uThixo wathi: “Ndiza kuhlala phakathi kwabo,+ ndihambe phakathi kwabo, ndibe nguThixo wabo, bona babe ngabantu bam.”+ 17  “Uthi uYehova,* ‘Phumani phakathi kwabo, nizahlule, ningayichukumisi into engcolileyo’”;+ “‘yaye ndiza kunamkela.’”+ 18  “Uphinde athi uYehova* uSomandla, ‘Ndiza kuba ngutata kuni,+ nina nibe ngoonyana neentombi kum.’”+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ububele obungasifanelanga.”
Okanye “ububele obungasifanelanga.”
Mhlawumbi zezokuhlasela.
Mhlawumbi zezokuzikhusela.
Okanye “sijongwa njengabafanelwe kukufa.”
Okanye “sinivulele iintliziyo zethu.”
Okanye “phangalalani.”
Okanye “Sanukuzidibanisa.”
Okanye “othembekileyo.”
Lithathwe kwigama lesiHebhere elithetha “Ungantweni.” Libhekisela kuSathana.