Yobhi 2:1-13

  • USathana uphinda athandabuze izizathu zikaYobhi zokuthembeka (1-5)

  • USathana uyavunyelwa ukuba ambethe emzimbeni uYobhi (6-8)

  • Umfazi kaYobhi uthi: “Thetha kakubi ngalo Thixo, usuke ufe ke!” (9, 10)

  • Kufika abahlobo abathathu bakaYobhi (11-13)

2  Emva koko, oonyana bakaThixo wokwenene*+ bema phambi kukaYehova,+ noSathana wangena wema phambi kukaYehova.+  Wathi uYehova kuSathana: “Uvela phi?” USathana wamphendula uYehova wathi: “Bendizula-zula ndisehla ndisenyuka emhlabeni.”+  UYehova wathi kuSathana: “Umqaphele phofu umkhonzi wam uYobhi? Akukho mntu unjengaye emhlabeni. Uyindoda elungileyo nethembekileyo,+ eyoyika uThixo nengazenziyo izinto ezimbi. Nangoku akakasoleki nganto,+ nangona wena ufuna ndimtshabalalise*+ engenzanga nto.”  Kodwa uSathana wamphendula uYehova wathi: “Isikhumba ngesikhumba. Akukho nto umntu angenakuyincama ukuze asindise ubomi bakhe.  Khawolule nje isandla sakho, umbethe emathanjeni nasenyameni, uze ubone ukuba akazukujika akuthuke na.”+  UYehova wathi kuSathana: “Jonga ke, ndimyekela esandleni sakho! Kodwa ungakhe ulinge umbulale!”  USathana wemka phambi kukaYehova waza wenza uYobhi wanamathumba abuhlungu*+ ukususela ezinyaweni ukuyokutsho entloko.  UYobhi wahlala eluthuthwini,+ wathatha iceba lengqayi wazikrwempa ngalo.  Ekugqibeleni umfazi wakhe wathi kuye: “Usathembekile nangoku? Thetha kakubi ngalo Thixo, usuke ufe ke!” 10  Kodwa yena wathi kuye: “Uthetha okomfazi ongenangqondo. Simele samkele izinto ezintle qha na kuThixo wokwenene, singazifuni ezimbi?”+ Kuyo yonke loo nto, uYobhi akazange one ngamazwi akhe.+ 11  Bathi abahlobo bakaYobhi abathathu bakuva ngezinto ezibuhlungu ezimehleleyo, beza kumbona, ngamnye esuka ekhayeni lakhe. YayinguElifazi+ umTeman, uBhiledadi+ umShuha+ noTsofare+ umNahama. Bagqiba kwelokuba badibane baze bayokumthuthuzela. 12  Bambona besekude, kodwa babengatsho ukuba nguye. Basuka bakhala, bakrazula iimpahla zabo, baphosa umhlaba phezulu nasentloko.+ 13  Bahlala naye bhaxa phantsi, kwadlula iintsuku ezisixhenxe nobusuku bazo. Babethe cwaka bonke, kuba babona indlela awayengcungcutheka ngayo.+

Umbhalo osemazantsi

Isaci sesiHebhere esibhekisela koonyana bakaThixo abaziingelosi.
Ngokoqobo, “ndimginye.”
Okanye “wanezilonda ezoyikekayo.”