Ileta KaYakobi 2:1-26

  • Ukucalula sisono (1-13)

    • Uthando, umthetho wakomkhulu (8)

  • Ukholo olungenamisebenzi lufile (14-26)

    • Iidemon ziyakholelwa zize zoyike (19)

    • UAbraham kuthiwa ngumhlobo kaYehova (23)

2  Bazalwana bam, kwenzeka njani ukuba nithi ninokholo kwiNkosi yethu ezukisiweyo uYesu Kristu, nibe niphakamisa abanye abantu ngoxa nibajongela phantsi abanye?+  Kaloku nina xa nidibene, kuze kungene umntu onxibe iiringi zegolide neempahla zodidi, kungene nolihlwempu onxibe amadlavu,  niyamtatazelela lowo onxibe iimpahla zodidi, nithi kuye, “Hlala apha, nantsi indawo yabantu ababalulekileyo,” nize nithi kulo olihlwempu, “Yima apho wena,” okanye nithi, “Hlala pha phantsi.”*+  Anicalulani na ke xa nisenza loo nto?+ Anizenzi abagwebi abawisa izigwebo ezingalunganga na?+  Ndimameleni bazalwana bam endibathandayo. UThixo akakhethanga abantu abajongwa njengamahlwempu na lihlabathi, ukuba babe zizityebi elukholweni,+ neendlalifa zoBukumkani awabuthembisa abo bamthandayo?+  Kodwa nina nihlekisa ngawo amahlwempu. Ayizozityebi na kanti ezinicinezelayo,+ nezinirhuqela ezinkundleni?  Azithethi kakubi na nangegama elihle enibizwa ngalo?  Ukuba ke niyawuthobela umthetho wakomkhulu osezibhalweni, othi: “Umele umthande ummelwane wakho ngendlela ozithanda ngayo nawe,”+ nakuba nenza kakuhle.  Kodwa ukuba niyaqhubeka nicalulana,+ niyona, ibe umthetho uyanigweba.+ 10  Nokuba umntu angawuthobela wonke uMthetho, kodwa ophule nje ube mnye, uwophule wonke.+ 11  Kuba lowo wathi, “Uze ungakrexezi,”*+ ikwanguye nowathi, “Uze ungabulali.”+ Ngoko ke, ukuba awukrexezi kodwa uyabulala usisaphuli-mthetho. 12  Hlalani nithetha ibe nisenza izinto ngendlela ebonisa ukuba ningabantu abaza kugwetywa ngomthetho wabantu abakhululekileyo.*+ 13  Kuba lowo ungenanceba akazukwenzelwa nceba xa egwetywa.+ Kaloku ukuba nenceba kubaluleke ngaphezu kokugweba. 14  Kunceda ngantoni bazalwana bam, ukuba umntu athi unokholo, kodwa lube lungenamisebenzi?+ Soze lumsindise olo kholo, andithi?+ 15  Ukuba umzalwana okanye udade uyadlakazela* okanye ulambile, 16  kunceda ngantoni ukuba omnye wenu athi kuye, “Hamba ngoxolo, ufudumale, uhluthe,” kodwa abe engamnikanga nto?+ 17  Kunjalo ke nangokholo; ukuba alunamisebenzi, lufile.+ 18  Kodwa omnye umntu usenokuthi, “Wena ­unokholo, mna ­ndinemisebenzi. Ndibonise ukholo lwakho olungenamisebenzi, mna ndiza kukubonisa olwam ngemisebenzi.” 19  Andithi uyakholelwa ukuba mnye uThixo? Intle loo nto. Kodwa ke needemon ziyayikholelwa loo nto, zize zoyike.+ 20  Mntundini ongayisebenzisiyo ingqondo, awazi na ukuba ukholo olungenamise­benzi lufana nolungekhoyo? 21  Akuzange na kuthiwe uAbraham utata wethu ulilungisa emva kokuba enikele ngonyana wakhe uIsake esibingelelweni?+ 22  Ngoko ukholo lwakhe lwalunemisebenzi, ibe imisebenzi yakhe yalwenza lwacaca ngokupheleleyo,+ 23  aza enzeka amazwi asezibhalweni, athi: “UAbraham wakholwa kuYehova,* wajongwa njengelungisa,”+ waza wabizwa ngokuba ngumhlobo kaYe­hova.*+ 24  Niyabona ke ukuba umntu kuthiwa lilungisa ngemisebenzi, hayi ngokholo kuphela. 25  Andithi noRahabhi owayengumfazi othengisa ngomzimba, kwathiwa lilungisa emva kokuba ezamkele ngobubele iindwendwe ezazithunyiwe, waza wathi mazihambe ngenye indlela?+ 26  Kucacile ke ukuba, njengokuba umzimba ngaphandle komoya* ufile,+ nokholo olungenamisebenzi lufile.+

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “ngakwisitulo seenyawo zam.”
Oko kukuthi, umntu otshatileyo makangalali nomntu angatshatanga naye.
Ngokoqobo, “ngomthetho wenkululeko.”
Ngokoqobo, “uhamba ze.”
Okanye “kwempefumlo.”