Genesis 3:1-24

  • Apho saqala khona isono (1-13)

    • Ukuqalisa kobuxoki (4, 5)

  • UYehova ugweba aboni (14-24)

    • Kuprofetwa ngenzala yomfazi (15)

    • Abantu bayagxothwa e-Eden (23, 24)

3  Inyoka+ yaba yeyona ilumkileyo* kunazo zonke izilwanyana zasendle awayezenzile uYehova uThixo. Yathi kumfazi: “Ngaba utshilo nyhani uThixo ukuba nize ningatyi kuyo yonke imithi yomyezo?”+  Yena umfazi wathi kwinyoka: “Singazitya iziqhamo zemithi yomyezo.+  Kodwa uThixo uthe ngeziqhamo zomthi osemyezweni phakathi:+ ‘Nimele ningazityi, ningazichukumisi; kungenjalo niza kufa.’ ”  Yona inyoka yathi kumfazi: “Ngokuqinisekileyo anizukufa.+  UThixo uyazi ukuba mhla nithe natya kuzo, aza kuvuleka amehlo enu nibe njengoThixo, nazi okulungileyo nokubi.”+  Ngenxa yoko umfazi wabona ukuba umthi wawulungele ukutyiwa, uyinto nje enqwenelekayo emehlweni, unqweneleka ngokuwujonga nje. Ngoko wakha isiqhamo sawo waza watya.+ Emva koko wanika nendoda yakhe xa yayikunye naye, yaza nayo yatya.+  Emva koko amehlo abo bobabini avuleka, baza babona ukuba bahamba ze. Ngoko bathunga amagqabi omthi wamafiya,* bazenzela imibhinqo.+  Ethubeni beva ilizwi likaYehova uThixo njengoko wayehamba emyezweni emalanga,* yaza indoda nomfazi wayo bamzimela uYehova uThixo phakathi kwemithi yomyezo.  UYehova uThixo waqhubeka eyibiza indoda esithi: “Uphi?” 10  Ekugqibeleni yathi: “Ndive ilizwi lakho emyezweni, kodwa ndoyika kuba bendihamba ze, ngoko ndiye ndazimela.” 11  Yena wathi: “Uxelelwe ngubani ukuba uhamba ze?+ Ngaba utyile kumthi ebendikuyalele ukuba ungatyi kuwo?”+ 12  Indoda yathi: “Umfazi ondinike yena, undinike isiqhamo somthi ndaza ke nam ndatya.” 13  Emva koko uYehova uThixo wathi kumfazi: “Yintoni le uyenzileyo?” Umfazi waphendula wathi: “Inyoka indiqhathile, ndaza ndatya.”+ 14  Emva koko uYehova uThixo wathi kwinyoka:+ “Kuba wenze le nto, nguwe wedwa oqalekisiweyo kuzo zonke izilwanyana zasekhaya nakuzo zonke izilwanyana zasendle. Uza kurhubuluza ngesisu, utye uthuli ubomi bakho bonke. 15  Ndiza kubeka ubutshaba*+ phakathi kwakho+ nomfazi+ naphakathi kwenzala* yakho+ nenzala* yakhe.+ Yona iza kukutyumza* intloko+ uze wena uyilume* esithendeni.”+ 16  Wathi kumfazi: “Ndiza kuyandisa kakhulu intlungu ekumitheni kwakho; uza kuzala abantwana usezintlungwini, uza kuyifun’ apha indoda yakho, yona ikulawule.” 17  Wathi kuAdam:* “Kuba umamele ilizwi lomfazi wakho waza watya kumthi endakunika umyalelo+ ngawo ndathi, ‘Uze ungatyi kuwo,’ uqalekisiwe umhlaba ngenxa yakho.+ Uza kuyitya imveliso yawo usiva iintlungu, zonke iintsuku zobomi bakho.+ 18  Uza kukuntshulela ameva namakhakakhaka, yaye umele utye imifuno yasendle. 19  Uza kutya isonka* ubile ibunzi, ude ubuyele emhlabeni, kuba wenziwa ngawo.+ Kuba uluthuli, uza kubuyela eluthulini.”+ 20  Emva koko uAdam wambiza umfazi wakhe ngokuba nguEva,* kuba wayeza kuba ngumama wabo bonke abantu abaphilayo.+ 21  UYehova uThixo wenzela uAdam nomfazi wakhe iimpahla ezinde ngeemfele, wabanxibisa.+ 22  Emva koko uYehova uThixo wathi: “Ngoku umntu uye wafana nathi, wazigqibela ngokulungileyo nokubi.*+ Ngoko ukuze angasithathi isiqhamo somthi wobomi,+ atye aze aphile ngonaphakade,​—” 23  Ngokukhawuleza uYehova uThixo wamgxotha emyezweni wase-Eden+ ukuze ayokulima umhlaba awathathwa kuwo.+ 24  Wamkhupha umntu, wamisa iikherubhi+ nekrele elivuthayo, elijikelezayo ngasempuma komyezo wase-Eden ukuze kuqhubeke kugadwe indlela eya emthini wobomi.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ithe qwa; inamaqhinga.”
Okanye “wamakhiwane.”
Okanye “ngexesha ekudla ngokubakho ngalo impepho.”
Okanye “uyenzakalise; uyihlasele.”
Okanye “kukwenzakalisa; kukuhlasela.”
Ngokoqobo, “nembewu.”
Ngokoqobo, “kwembewu.”
Okanye “niza kujongana ngezikhondo zamehlo.”
Othetha ukuthi “Umntu Wasemhlabeni; Uluntu; Abantu.”
Okanye “ukutya.”
Othetha ukuthi “Ophilayo.”
Ngokoqobo, “wazi okulungileyo nokubi.”