Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Incwadi Yesibini YooKumkani

Izahluko

Oko kuqulethweyo

  • 1

    • UEliya uprofeta ngokufa kuka-Ahaziya (1-18)

  • 2

    • UEliya unyuswa ngesaqhwithi somoya (1-18)

      • UElisha ufumana isambatho sikaEliya (13, 14)

    • UElisha wenza amanzi aseYeriko aseleke (19-22)

    • Amakhwenkwe aseBheteli abulawa ngamabhere (23-25)

  • 3

    • UYehoram, ukumkani wakwaSirayeli (1-3)

    • AmaMowabhi alwa namaSirayeli (4-25)

    • AmaMowabhi oyiswa ngamaSirayeli (26, 27)

  • 4

    • UElisha uyenza ibe ninzi ioli yomhlolokazi (1-7)

    • Umfazi womShunem wamkela iindwendwe ngobubele (8-16)

    • Umfazi womShunem ufumana unyana; unyana uyafa (17-31)

    • UElisha uvusa unyana ofileyo (32-37)

    • UElisha wenza isityu sityeke (38-41)

    • UElisha wenza isonka sibe sininzi (42-44)

  • 5

    • UElisha uphilisa iqhenqa likaNahaman (1-19)

    • UGehazi onyolukileyo ubethwa ngeqhenqa (20-27)

  • 6

    • UElisha wenza intloko yezembe idade (1-7)

    • UElisha ulwa namaSiriya (8-23)

      • Amehlo esicaka sikaElisha ayavuleka (16, 17)

      • AmaSiriya enziwa angaboni (18, 19)

    • Kukho indlala kwiSamariya erhangqiweyo (24-33)

  • 7

    • UElisha uprofeta ukuba iza kuphela indlala (1, 2)

    • Kufunyanwa ukutya kwinkampu yamaSiriya engenabantu (3-15)

    • Into eprofetwe nguElisha iyenzeka (16-20)

  • 8

    • Umfazi womShunem ubuyiselwa umhlaba wakhe (1-6)

    • UElisha, uBhen-hadadi noHazayeli (7-15)

    • UYehoram, ukumkani wakwaYuda (16-24)

    • UAhaziya, ukumkani wakwaYuda (25-29)

  • 9

    • UYehu wenziwa ukumkani wakwaSirayeli (1-13)

    • UYehu ubulala uYehoram noAhaziya (14-29)

    • UIzebhele uyabulawa, inyama yakhe ityiwa zizinja (30-37)

  • 10

    • UYehu ubulala indlu ka-Ahabhi (1-17)

      • UYehonadabhi uba kwicala likaYehu (15-17)

    • UYehu ubulala abakhonzi bakaBhahali (18-27)

    • Ukulawula kukaYehu (28-36)

  • 11

    • UAtaliya ubhukuqa ukumkani (1-3)

    • UYehowashe wenziwa ukumkani emfihlekweni (4-12)

    • UAtaliya uyabulawa (13-16)

    • UYehoyada utshintsha izinto (17-21)

  • 12

    • UYehowashe, ukumkani wakwaYuda (1-3)

    • UYehowashe ulungisa itempile (4-16)

    • AmaSiriya ayahlasela (17, 18)

    • UYehowashe uyabulawa (19-21)

  • 13

    • UYehowahazi, ukumkani wakwaSirayeli (1-9)

    • UYehowashe, ukumkani wakwaSirayeli (10-13)

    • UElisha uvavanya ukuzinikela kukaYehowashe (14-19)

    • UElisha uyafa; amathambo akhe avusa umntu ofileyo (20, 21)

    • Kuzaliseka isiprofeto sokugqibela sikaElisha (22-25)

  • 14

    • UAmatsiya, ukumkani wakwaYuda (1-6)

    • UYuda ulwa imfazwe noEdom kunye noSirayeli (7-14)

    • UYehowashe wakwaSirayeli uyafa (15, 16)

    • UAmatsiya uyafa (17-22)

    • UYerobhoham II, ukumkani wakwaSirayeli (23-29)

  • 15

    • UAzariya, ukumkani wakwaYuda (1-7)

    • Ookumkani bokugqibela bakwaSirayeli: UZekariya (8-12), uShalum (13-16), uMenahem (17-22), uPekahiya (23-26), uPeka (27-31)

    • UYotham, ukumkani wakwaYuda (32-38)

  • 16

    • UAhazi, ukumkani wakwaYuda (1-6)

    • UAhazi unyoba ama-Asiriya (7-9)

    • UAhazi wenza isibingelelo esifana nesabantu abakhonza izithixo (10-18)

    • UAhazi uyafa (19, 20)

  • 17

    • UHosheya, ukumkani wakwaSirayeli (1-4)

    • Ukuwa kwamaSirayeli (5, 6)

    • USirayeli usiwa ekuthinjweni ngenxa yokuwexuka (7-23)

    • Kuhlaliswa abanye abantu kwizixeko zaseSamariya (24-26)

    • AmaSamariya akhonza oothixo abahlukahlukeneyo (27-41)

  • 18

    • UHezekiya, ukumkani wakwaYuda (1-8)

    • Ukuwa kwamaSirayeli (9-12)

    • USenaribhe uhlasela kwaYuda (13-18)

    • IRabheshake idelela uYehova (19-37)

  • 19

    • UHezekiya ucela uIsaya ukuba acele uncedo kuThixo (1-7)

    • USenaribhe ugrogrisa iYerusalem (8-13)

    • Umthandazo kaHezekiya (14-19)

    • UIsaya uchaza impendulo kaThixo (20-34)

    • Ingelosi ibulala ama-Asiriya ayi-185 000 (35-37)

  • 20

    • UHezekiya uyagula aze achache (1-11)

    • Abantu abathunywe bevela eBhabhiloni (12-19)

    • UHezekiya uyafa (20, 21)

  • 21

    • UManase, ukumkani wakwaYuda; ukubulala kwakhe abantu (1-18)

      • IYerusalem iza kutshatyalaliswa (12-15)

    • UAmon, ukumkani wakwaYuda (19-26)

  • 22

    • UYosiya, ukumkani wakwaYuda (1, 2)

    • Indlela itempile emele ilungiswe ngayo (3-7)

    • Kufunyanwa incwadi yoMthetho (8-13)

    • UHulida uprofeta ukuba kuza kubakho intlekele (14-20)

  • 23

    • UYosiya utshintsha izinto (1-20)

    • Kubhiyozelwa iPasika (21-23)

    • UYosiya uyaqhubeka etshintsha izinto (24-27)

    • UYosiya uyafa (28-30)

    • UYehowahazi, ukumkani wakwaYuda (31-33)

    • UYehoyakim, ukumkani wakwaYuda (34-37)

  • 24

    • UYehoyakim akathobeli aze afe (1-7)

    • UYehoyakin, ukumkani wakwaYuda (8, 9)

    • Iqela lokuqala ukuthinjelwa eBhabhiloni (10-17)

    • UZedekiya, ukumkani wakwaYuda nokungathobeli kwakhe (18-20)

  • 25

    • UNebhukadenetsare urhangqa iYerusalem (1-7)

    • Kutshatyalaliswa iYerusalem netempile; Iqela lesibini ukuthinjelwa eBhabhiloni (8-21)

    • UGedaliya wenziwa umlawuli (22-24)

    • UGedaliya uyabulawa; abantu babalekela eYiputa (25, 26)

    • UYehoyakin uyakhululwa eBhabhiloni (27-30)