Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO 4

Indlela Yokusebenzisa Imali

Indlela Yokusebenzisa Imali

“Amacebo ayamiselwa ngokuqinileyo ngengcebiswano.”—IMizekeliso 20:18

Sonke sifuna imali ukuze sincede iintsapho zethu zifumane oko zikufunayo. (IMizekeliso 30:8) Ngapha koko ‘imali iyakhusela.’ (INtshumayeli 7:12) Kusenokuba nzima ngani ukuthetha ngemali, kodwa ningavumeli loo nto ibangele iingxaki emtshatweni wenu. (Efese 4:32) Nifanele nithembane nize nithethe ngendlela yokusebenzisa imali.

1 CEBANI KAKUHLE

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE: “Ngubani na kuni othi efuna ukwakha inqaba angahlali phantsi kuqala, abale indleko, ukuze abone ukuba unokwaneleyo kusini na kokuyigqiba?” (Luka 14:28) Kubalulekile ukuba nicebe kunye ngendlela eniza kuyisebenzisa ngayo imali. (Amosi 3:3) Thethani ngezinto enizifuna ukuzithenga nemali eninokukwazi ukuyisebenzisa. (IMizekeliso 31:16) Akunyanzelekanga ukuba nisoloko nithenga kuba nje ninayo imali. Kulumkeleni ukwenza amatyala. Sebenzisani kuphela imali eninayo.—IMizekeliso 21:5; 22:7.

OKO UNOKUKWENZA:

  • Ukuba ninemali esecaleni ekupheleni kwenyanga, thethani ngento eniza kuyenza ngayo

  • Ukuba iindleko zenu zingaphezu kwemali eniyifumanayo zinciphiseni. Ngokomzekelo, nisenokupheka ekhaya kunokutya ngaphandle

2 NYANISEKANI

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE: ‘Nyaniseka, kungekuphela nje emehlweni kaYehova, kodwa kwanasemehlweni abantu.’ (2 Korinte 8:21) Lixelele iqabane lakho imali oyamkelayo noyichithayo.

Qiniseka ukuba ubuza uluvo lweqabane lakho rhoqo xa usenza izigqibo ezibalulekileyo ngemali yenu. (IMizekeliso 13:10) Ukuthetha ngemali kuya kugcina uxolo emtshatweni wenu. Mus’ ukucinga ukuba umvuzo wakho yimali yakho, kodwa wujonge njengemali yentsapho.—1 Timoti 5:8.

OKO UNOKUKWENZA:

  • Yenzani isivumelwano ngemali ngamnye wenu anokuyisebenzisa engagqithanga komnye

  • Musani ukulinda de kubekho ingxaki ukuze nithethe ngemali