Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO 7

Indlela Yokufundisa Umntwana Wakho

Indlela Yokufundisa Umntwana Wakho

“La mazwi ndikuyalela wona namhlanje amele abe sentliziyweni yakho, uze uwabethelele kunyana wakho.”—Duteronomi 6:6, 7

Xa uYehova wayeseka intsapho, wanika abazali umsebenzi wokukhulisa abantwana. (Kolose 3:20) Ngumsebenzi wakho njengomzali ukuqeqesha umntwana ukuze athande uYehova aze akhule engumzekelo. (2 Timoti 1:5; 3:15) Kubalulekile ukumazi kakuhle umntwana wakho. Kakade ke, nomzekelo owubonisayo ubalulekile. Indlela yokufundisa umntwana wakho ngeLizwi likaYehova kukuba uqale ulifunde wena siqu.—INdumiso 40:8.

1 YENZA UMNTWANA WAKHO ANGAKOYIKI

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE: ‘Khawuleza ukuva uze ucothe ukuthetha.’ (Yakobi 1:19) Ukuba ufuna abantwana bakho bakwazi ukuthetha nawe ngokukhululekileyo, benze babone ukuba ukulungele ukubamamela nanini na befuna ukuthetha nawe. Ukuze bakwazi ukuthetha nawe ngeengxaki zabo, sukuba ngumntu owoyikekayo. (Yakobi 3:18) Xa becingela ukuba ungqwabalala, abayi kukhululeka xa bethetha nawe. Yiba nomonde kubantwana bakho uze ubaqinisekise ukuba uyabathanda.—Mateyu 3:17; 1 Korinte 8:1.

OKO UNOKUKWENZA:

  • Yiba khona xa abantwana bakho bekufuna

  • Ncokola rhoqo nabantwana, kungekuphela nje xa beneengxaki

2 QONDA INDLELA ABAVAKALELWA NGAYO

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE: “Obonakalisa ingqiqo kumbandela uya kufumana okulungileyo.” (IMizekeliso 16:20) Ngamanye amaxesha, kuya kufuneka uzame ukuqonda intsusa yamazwi abantwana bakho ukuze uqonde indlela abavakalelwa ngayo. Yinto eqhelekileyo ngabantwana ukubaxa izinto okanye bathethe amazwi abangaqondanga kuwathetha. “Ukuba nabani na uphendula umbandela ngaphambi kokuwuva, bubudenge obo kuye.” (IMizekeliso 18:13) Ngoko, sukukhawuleza ucaphuke.—IMizekeliso 19:11.

OKO UNOKUKWENZA:

  • Sukuphazamisa okanye ube nomsindo, noba sele esithini umntwana

  • Zikhumbuze ngendlela owawuvakalelwa ngayo xa wawulingana naye nento eyayibalulekile kuwe

3 MANYANANI

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE: “Yiphulaphule, nyana wam, ingqeqesho kayihlo, ungawushiyi umthetho kanyoko.” (IMizekeliso 1:8) UYehova unike abazali umsebenzi wokuqeqesha abantwana. Bafundise abantwana bakho ukuba bakumamele yaye bakuthobele. (Efese 6:1-3) Abantwana bayakwazi ukubona xa abazali ‘bengamanyananga engqondweni.’ (1 Korinte 1:10) Ukuba anivumelani ngento ethile, zamani ukuzifihla ebantwaneni kuba oko kunokubenza banidele.

OKO UNOKUKWENZA:

  • Thethani ngendlela yokuqeqesha abantwana benu

  • Ukuba wena neqabane lakho niqeqesha abantwana ngendlela engafaniyo, zama ukwazi indlela elibona ngayo iqabane lakho

4 CEBANI

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE: “Yiqeqeshe inkwenkwe ngokwendlela yayo.” (IMizekeliso 22:6) Imfundiso egqwesileyo yabantwana bakho ayizenzekeli. Kufuneka nibe nendlela yokuqeqesha abantwana ecetyiweyo. (INdumiso 127:4; IMizekeliso 29:17) Ukuqeqesha akuthethi nje ukubetha kuphela, kodwa kuthetha ukunceda abantwana baqonde isizathu sokubekelwa imithetho. (IMizekeliso 28:7) Bafundise nokuthanda iLizwi likaYehova baze baqonde imigaqo yalo. (INdumiso 1:2) Oku kuya kubanceda babe nesazela esicocekileyo.—Hebhere 5:14.

OKO UNOKUKWENZA:

  • Qinisekisa ukuba abantwana bakho bayamthemba yaye bamazi njengoMntu wokwenene uThixo

  • Bancede balumkele imigibe enjengaleyo ikwi-intanethi nakwiiwebhsayithi zokuncokola. Bafundise ukuba balumkele abantu abafuna ukubaxhaphaza ngokwesini

“Yiqeqeshe inkwenkwe ngokwendlela yayo”