Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Ndifanele Ndiboleke Imali?

Ngaba Ndifanele Ndiboleke Imali?

“Ukuboleka kufana nomtshato; ukubhatala kufana nokuzila.”—Isaci sesiSwahili.

LE NTETHO ixhaphakile kubantu bakwiMpuma yeAfrika, ibe ngokuqinisekileyo nabantu bakwamanye amazwe ehlabathini lonke bayangqinelana noku. Ngaba le yindlela ovakalelwa ngayo ngokuboleka imali kubahlobo nakwezinye iindawo? Nangona maxa wambi kusenokuba lelona cebo, ngaba ngokwenene kulungile? Ziziphi iingozi okanye imigibe yokuboleka?

Enye intetho yesiSwahili icacisa eyona ngozi ngokuboleka imali. Ithi: “Ukuboleka nokubolekisa konakalisa ubuhlobo.” Yinyaniso into yokuba amatyala angenza ubuhlobo bube semngciphekweni. Nokuba ubucebe ukuyibuyisa kwangethuba, izinto aziyi kusoloko zihamba ngendlela ocebe ngayo. Ngokomzekelo, ukuba awubhatali ngexesha obuthe uza kubhatala ngalo, lo mntu ububoleke kuye usenokucaphuka. Kusenokukhula umsindo, yaye nobuhlobo obuphakathi komboleki nombolekisi—nkqu neentsapho zabo—busenokuba yekeyeke. Ngenxa yokuba ukuboleka kungoyena nobangela weengxaki, endaweni yokucinga ukuba kuza kusinceda kwiingxaki zemali, simele sizame ukukuphepha.

Ukuboleka imali kungade konakalise ubuhlobo bomntu noThixo. Njani? Okokuqala, iBhayibhile ithi ngumntu ongendawo oboleka angabuyisi. (INdumiso 37:21) Iphinda icacise ngelithi, “obolekayo ngumkhonzi kumntu obolekisayo.” (IMizekeliso 22:7) Obolekayo umele aqonde ukuba de abe ubhatele, unetyala kulowo umbolekileyo. Inyanisile enye intetho yaseAfrika xa isithi: “Ukuba uyaboleka uya kuba likhoboka kulo mntu uboleke kuye.” Oku kuthetha ukuba lowo unetyala akasenayo inkululeko yokwenza oko akuthandayo.

Ngoko ukubuyisa loo nto uyibolekileyo kufanele kube yeyona nto ibalulekileyo. Kungenjalo kusenokubakho iingxaki. Ukwanda kwamatyala kunokuzisa iintlungu, ukungakwazi ukulala, ukusebenza ixesha elide, ukungavisisani kwindoda nomfazi, nokwahlukana kwentsapho, nkqu nokubanjwa. Anika ubulumko amazwi akweyabaseRoma  13:8 athi: “Musani ukuba natyala lanto nakubani na, ngaphandle kwelokuthandana.”

NGABA KUNYANZELEKILE?

Kuyacaca ukuba sifanele sikulumkele ukuboleka imali. Bubulumko ukuzibuza ukuba: Ngaba kunyanzelekile ukuba ndide ndiboleke? Ngaba uboleka kuba ungenayo enye indlela yokunyamekela intsapho yakho? Okanye ngaba wenziwa kukunyoluka, ufuna izinto ongakwaziyo ukuzifikelela? Ubukhulu becala, kuhle ukwanela zizinto onazo kunokuboleka.

Ewe kona, kusenokubakho amaxesha kaxakeka apho kungekho ndlela yimbi. Noko ke, ukuba ubani uceba ukuboleka imali ufanele abe uzimisele ukugcina isivumelwano sokuyibuyisa. Kungenziwa njani oku?

Okokuqala, ungaze umxhaphaze ngokungambhatali umntu kuba nje ebonakala enemali. Asimele sicinge ukuba kuba umntu ebonakala ngathi unezinto, unyanzelekile ukuba asincede ezimalini. Yaye asimele sicinge ukuba asinyanzelekanga simbhatale xa besiboleke kuye imali. Musa ukubamonela abo babonakala bephila ubomi obutofotofo.—IMizekeliso 28:22.

Qiniseka ukuba uyibuyisa ngokukhawuleza loo mali uyibolekileyo. Ukuba umbolekisi akachazi xesha afuna ukubuyiselwa ngalo, lichaze ngokwakho ixesha onokumbhatala ngalo, uze usigcine isithembiso sakho. Kungakuhle usibhale phantsi isivumelwano senu ukuze niphephe ukungavisisani. (Yeremiya 32:9, 10) Ukuba kunokwenzeka, yibuyise ngokwakho imali oyibolekileyo ukuze ukwazi ukumbulela lowo obekubolekile. Ukuzimisela ukuyibuyisa imali obuyibolekile kugcina ubuhlobo bungonakali. KwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni, uYesu wathi: “Ke uEwe makabe nguEwe, uHayi wenu, abe nguHayi.” (Mateyu 5:37) Kwakhona, hlala ukhumbula uMthetho Omkhulu othi: “Zonke izinto, ngoko, enifuna abantu bazenze kuni, yenzani ngokunjalo nani kubo.”—Mateyu 7:12.

IMIGAQO YEBHAYIBHILE ENOKUSINCEDA

IBhayibhile inikela iyeza lokuphepha ukuboleka imali. Ithi: “Phofu ke, iyinene yona into yokuba, uzinikelo lobuthixo kunye nokwanela, kuyinzuzo enkulu.” (1 Timoti 6:6) Ngamanye amazwi, ukwaneliseka zizinto onazo yeyona ndlela yokuphepha imiphumo yokuboleka. Siyavuma kona ukuba akukho lula ukwanela zizinto onazo kweli hlabathi likhuthaza izinto eziphathekayo. Lunceda xa kulapho ke “uzinikelo lobuthixo.” Ngayiphi indlela?

Ngokomzekelo, cinga ngesibini esingamaKristu saseAsia. Xa sasiselula sasirhala xa sibona abantu abanezindlu. Ngoko sagqiba ekubeni sithenge indlu ngemali esasiyigcinile, kunye naleyo sasiyiboleke ebhankini nakubahlobo. Noko ke, ngokukhawuleza saziva sisindwa ngumthwalo wokubhatala inyanga nenyanga. Saye safuna imisebenzi engakumbi, siphangela usuku lonke, nto leyo eyasenza asabi nalo ixesha labantwana baso. Umyeni wathi: “Ngenxa yestres, intlungu nokungalali, kwakungathi ndithwele ilitye elisindayo. Ndandifuthamiselekile.”

“Ukuxabisa izinto zokomoya ngaphezu kwezinto eziphathekayo kuyakhusela”

Ekuhambeni kwexesha, sakhumbula amazwi akweyoku-1 kuTimoti 6:6 saza sagqiba kwelokuba isicombululo sayo yonke le nto kukuthengisa le ndlu. Kwathatha iminyaka emibini ngaphambi kokuba yonke le ngxaki iphele. Esi sibini safunda ntoni kumava aso? Sathi: “Ukuxabisa izinto zokomoya ngaphezu kwezinto eziphathekayo kuyakhusela.”

Isaci sesiSwahili esichazwe ekuqaleni siqhelekile kwabaninzi. Kodwa asenzanga abantu bayeka ukuboleka. Sicinga ngemigaqo yeBhayibhile echazwe ngasentla, ngaba akuyi kuba bubulumko ukuzibuza umbuzo othi, Ngaba ndifanele ndiboleke imali?