Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO 3

Indlela Yokulungisa Iingxaki

Indlela Yokulungisa Iingxaki

“Yibani nothando olunzulu omnye ngomnye, kuba uthando lugubungela inkitha yezono.”—1 Petros 4:8

Njengoko wena neqabane lakho niqala ubomi obutsha, iingxaki ngeengxaki ziya kuvela. Zisenokubangelwa kukuba indlela enicinga, enivakalelwa nenenza ngayo izinto ayifani. Okanye zisenokubangelwa nazezinye izinto, ezinye zazo ebezingalindelwanga.

Sisenokungafuni ukuthath’ iingxaki ngale ndlela ziyiyo, kodwa iBhayibhile isikhuthaza ukuba sizilungise iingxaki zethu. (Mateyu 5:23, 24) Uya kuncedakala kwiingxaki zakho xa usebenzisa imigaqo yeBhayibhile.

1 THETHANI NGENGXAKI

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE: ‘Kukho ixesha lokuthetha.’ (INtshumayeli 3:1, 7) Qinisekani ukuba nichitha ixesha nithetha ngale ngxaki. Chazela iqabane lakho eyona nto iyingxaki. Hlala ‘uthetha inyaniso’ kwiqabane lakho. (Efese 4:25) Noba sele ucaphukile, sukulwa neqabane lakho. Impendulo ezolileyo inokuthintela ingxabano.—IMizekeliso 15:4; 26:20.

Naxa ningavumelani, yiba ngozolileyo, ungalibali ukubonisa uthando nembeko kwiqabane lakho. (Kolose 4:6) Zamani ukulungisa loo ngxaki ngoko nangoko yaye ningayeki ukuncokola.—Efese 4:26.

OKO UNOKUKWENZA:

  • Khethani ixesha elifanelekileyo lokuthetha ngengxaki

  • Xa iqabane lakho lithetha, liphulaphule ungaliphazamisi. Nawe uza kulifumana elakho ixesha lokuthetha

2 PHULAPHULA UZE UQONDE

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE: “Yibani nomsa omnye komnye. Ekuboniseni imbeko omnye komnye khokelani.” (Roma 12:10) Indlela omamela ngayo ibaluleke kakhulu. Zama ukuqonda imbono yeqabane lakho ‘ngovelwano nokuthobeka.’ (1 Petros 3:8; Yakobi 1:19) Sukuba ngathi umamele. Ukuba kunokwenzeka yeka loo nto uyenzayo uze umamelisisise okanye ubuze ukuba aninakukwazi na ukuthetha ngale ngxaki ngelinye ixesha. Ukuba iqabane lakho ulibona njengomxhasi kungekhona umchasi, ‘awuyi kukhawuleza ukucaphuka.’—INtshumayeli 7:9.

OKO UNOKUKWENZA:

  • Phulaphula kakuhle noba le nto uyivayo ayikuhlali kakuhle

  • Zama ukuqonda owona mongo wale nto ithethwayo. Jonga izimbo zomzimba zeqabane lakho nendlela ilizwi lalo elivakala ngayo

3 QINISEKANI UKUBA NIYAZENZA IZINTO ENIVUMELENE NGAZO

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE: “Kulo lonke uhlobo lokubulaleka kubakho ingenelo, kodwa ilizwi nje lemilebe likhokelela ekusweleni.” (IMizekeliso 14:23) Ukufumana esona sicombululo sikrelekrele akwanelanga. Nifanele niqiniseke ukuba niyayenza loo nto nigqibe kuyo. Oku kusenokufuna ukuzibhokoxa, kodwa ke asikokudlala ngexesha. (IMizekeliso 10:4) Ukuba niyancedisana niya ‘kuvuzwa’ ngomsebenzi wenu onzima.—INtshumayeli 4:9.

OKO UNOKUKWENZA:

  • Xubushani ngamanyathelo ngamnye kuni amele awathabathe ukuze kulungiswe ingxaki

  • Qhubekani nihlola inkqubela eniyenzileyo