Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO 2

Elowo Makanyaniseke Komnye

Elowo Makanyaniseke Komnye

“Oko uThixo akubophelele ngedyokhwe ndawonye makungahlukaniswa mntu.”—Marko 10:9

UYehova ufuna ‘sinyaniseke yaye sithembeke.’ (INdumiso 31:23) Oku kubaluleke nangakumbi emtshatweni wakho, kuba ngaphandle kokunyaniseka aninakuthembana. Yaye ukuthembana kuyimfuneko ukuze uthando luhlale lukho.

Namhlanje, ukunyaniseka emitshatweni kunqabile. Ukuze uwukhusele umtshato wakho, kulungele ukwenza ezi zinto zimbini.

1 UMTSHATO WAKHO MAWUBE YINTO YOKUQALA

OKUFUNDISWA YIBHAYIBHILE: ‘Qinisekani ngezinto ezibaluleke ngakumbi.’ (Filipi 1:10) Umtshato wenu yenye yezona zinto zibalulekileyo ebomini. Ngoko ufanele ubekwe kwindawo yokuqala.

UYehova ufuna ukuba uhoye iqabane lakho nize ‘nidle ubomi’ kunye. (INtshumayeli 9:9) Uyenze yacaca into yokuba ufanele ulikhathalele iqabane lakho, uze wenze nonwabe. (1 Korinte 10:24) Lenze iqabane lakho libone ukuba uyalithanda yaye ulixabisile.

OKO UNOKUKWENZA:

  • Qiniseka ukuba uchitha ixesha neqabane lakho njengoko ubonisa indlela olithanda ngayo

  • Cinga “ngani” kunokucinga “ngawe”

2 KHUSELA INTLIZIYO YAKHO

OKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE: “Wonk’ ubani oqhubeka ekhangela umfazi ngokokude amkhanuke sele emkrexezile entliziyweni yakhe.” (Mateyu 5:28) Ukuba umntu uqhubeka ecinga ngamanyala, akanyanisekanga kwiqabane lakhe.

UYehova uthi umele ‘ulondoloze intliziyo yakho.’ (IMizekeliso 4:23; Yeremiya 17:9) Ukuze ukwenze oku, sukujonga yonk’ into le. (Mateyu 5:29, 30) Landela umzekelo kasolusapho uYobhi, owenza umnqophiso namehlo akhe wokungaze ajonge ibhinqa ngeliso elirhalayo. (Yobhi 31:1) Zixelele ukuba soze uyibukele iphonografi. Yaye kulumkele ukuqhelana kakhulu nomntu ongeloqabane lakho ude umncwase.

OKO UNOKUKWENZA:

  • Yenze icace kwabanye into yokuba uzinikele kwiqabane lakho.

  • Jonga indlela iqabane lakho elivakalelwa ngayo, uze ngoko nangoko ubuphelise ubuhlobo obulenza lizive lingonwabanga