Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 Isahluko Sesihlanu

Intlawulelo—Esona Sipho Sikhulu SikaThixo

Intlawulelo—Esona Sipho Sikhulu SikaThixo
  • Yintoni intlawulelo?

  • Iye yenziwa njani?

  • Inokuthetha ntoni kuwe?

  • Unokubonisa njani ukuba uyayixabisa?

1, 2. (a) Yintoni eyenza isipho sixabiseke kakhulu kuwe? (b) Yintoni eyenza ukuba intlawulelo ibe sesona sipho sixabisekileyo wakha wasifumana?

SISIPHI esona sipho sikhulu wakha wasifumana? Akuyomfuneko ukuba isipho sibize imali eninzi ukuze sibaluleke. Ngapha koko, ukuxabiseka kwesipho akuxhomekekanga emalini esithengwe ngayo. Kodwa kuxhomekeke ekuthini eso sipho siyakuvuyisa okanye sikunceda ngokwenene kusini na.

2 Kuzo zonke izipho onokuzifumana, sikho esikhulu ngaphezu kwazo zonke. Sisipho uThixo awasinika abantu. UYehova usinike izinto ezininzi, kodwa esona sipho sakhe sikhulu lidini lentlawulelo loNyana wakhe, uYesu Kristu. (Mateyu 20:28) Njengoko siza kubona kwesi sahluko, intlawulelo isesona sipho sixabisekileyo unokusifumana, kuba inokukuzisela ulonwabo olugqithiseleyo ize ikuncede ngokwenene. Ngokwenene intlawulelo iyeyona ndlela ibalaseleyo uYehova aye wabonisa ngayo indlela akuthanda ngayo.

YINTONI INTLAWULELO?

3. Yintoni intlawulelo, yaye yintoni esimele siyiqonde kakuhle kuqala ngaphambi kokuba sikuqonde ukuxabiseka kwesi sipho?

3 Ngamafutshane singathi intlawulelo lilungiselelo lika Yehova lokukhulula, okanye lokusindisa abantu esonweni nasekufeni. (Efese 1:7) Ukuze sikuqonde oko kufundiswa yiBhayibhile ngentlawulelo, sifanele sikhumbule oko kwenzeka kumyezo wase-Eden. Simele siyiqonde kakuhle kuqala into awalahlekelwa yiyo uAdam xa wonayo, ngaphambi kokuba siyiqonde indlela esixabiseke ngayo kuthi isipho sentlawulelo.

4. Ukuba nobomi obufezekileyo kwakuthetha ntoni kuAdam?

4 Xa uYehova wadala uAdam, wamnika into exabiseke ngokwenene—ubomi obufezekileyo. Oko kwakuthetha ukuba uAdam, wayenomzimba nengqondo efezekileyo, yaye wayengasayi kuze agule, aluphale, okanye afe. Njengomntu ofezekileyo, wayenolwalamano olukhethekileyo noYehova. IBhayibhile ithi uAdam ‘wayengunyana kaThixo.’ (Luka 3:38) Ngoko uAdam wayenolwalamano oluhle kakhulu noYehova uThixo, olufana nolo ludla ngokubakho phakathi konyana noyise onothando. UYehova wayethetha nalo nyana wakhe wasemhlabeni, emnika umsebenzi owanelisayo yaye emchazela oko afuna akwenze.—Genesis 1:28-30; 2:16, 17.

5. Ithetha ukuthini iBhayibhile xa isithi uAdam wenziwa “ngokomfanekiso kaThixo”?

5 UAdam wenziwa “ngokomfanekiso kaThixo.” (Genesis 1:27) Oko akuthethi ukuba uAdam wayefana noThixo ngembonakalo. Njengoko sifundile kwiSahluko 1 sale ncwadi, uYehova ungumoya ongabonakaliyo. (Yohane 4:24) Ngoko uYehova akanamzimba wenyama negazi. Ukwenziwa kuka-Adam ngokomfanekiso kaThixo kuthetha ukuba wadalwa waneempawu ezifana nezikaThixo, njengothando, ubulumko, okusesikweni, namandla. Enye indlela ebalulekileyo uAdam awayefana ngayo noYise kukuba wayenenkululeko yokuzikhethela. Ngoko wayengafani nomatshini oyilelwe ukwenza into enye kuphela. Kodwa yena wayenokuzenzela izigqibo, akhethe phakathi kokulungileyo nokungalunganga.  Ukuba wayekhethe ukuthobela uThixo, wayeza kuphila ngonaphakade kwiParadesi esemhlabeni.

6. Xa uAdam wakhetha ukungamthobeli uThixo, walahlekelwa yintoni, ibe yachaphazeleka njani inzala yakhe?

6 Ngoko kucacile ukuba, xa uAdam wakhetha ukungamthobeli uThixo waza wagwetyelwa ukufa, walahlekelwa yinto enkulu gqitha. Isono sakhe samenza walahlekelwa bubomi obufezekileyo nazo zonke iingenelo ezihambisana nabo. (Genesis 3:17-19) Okubuhlungu kukuba, asingoAdam nje kuphela owalahlekelwa sesi sipho sixabisekileyo sobomi, kodwa nenzala yakhe yalahlekelwa siso. ILizwi likaThixo lithi: “Isono sangena ngamntu mnye [uAdam] ehlabathini nokufa ngaso isono, ngaloo ndlela ukufa kwasasazeka kubo bonke abantu ngenxa yokuba bonke bonayo.” (Roma 5:12) Ewe, sonke siye sasizuz’ ilifa isono kuAdam. Ngenxa yoko, iBhayibhile ithi ‘uzithengise’ yena nenzala yakhe ebukhobokeni besono nokufa. (Roma 7:14) UAdam noEva babengenathemba lakukhululeka, kuba bazikhethela ngokuzithandela ukungamthobeli uThixo. Kodwa kuthekani ngenzala yabo, kuquka nathi?

7, 8. Ziziphi iindidi ezimbini ezikhoyo zentlawulelo?

7 UYehova waluhlangula uluntu ngelungiselelo lentlawulelo. Yintoni intlawulelo? Kukho iindidi ezimbini zentlawulelo. Okokuqala, intlawulelo yimali ehlawulwayo ukuze kukhululwe okanye kuthengwe into ebihluthiwe. Singayifanisa nemali ehlawulwayo ukuze kukhululwe ibanjwa lemfazwe. Okwesibini, intlawulelo yimali ekhutshwayo ukuze kuhlawulelwe ilahleko okanye umonakalo owenzekileyo. Ngokomzekelo, ukuba umntu wenza ingozi, kufuneka ahlawule imali elingene umonakalo owenzekileyo.

8 Yayinokuhlawulelwa njani ilahleko enkulu kakhulu eyabangelwa nguAdam kuthi sonke size sikhululwe ebukhobokeni besono nokufa? Makhe sihlolisise intlawulelo eyakhutshwa nguYehova nendlela enokuba yingenelo ngayo kuwe.

 INDLELA UYEHOVA AWAYIKHUPHA NGAYO INTLAWULELO

9. Kwakufuneka uhlobo olunjani lwentlawulelo?

9 Ekubeni ilahleko yayibubomi bomntu ofezekileyo, ngoko babungenakuhlawulelwa ngobomi bomntu ongafezekanga. (INdumiso 49:7, 8) Kwakufuneka intlawulelo elinganayo noko kulahlekileyo. Oku kuvisisana nomgaqo ogqibeleleyo wokusesikweni ofumaneka eLizwini likaThixo, othi: “Umphefumlo wobuyiselwa ngomphefumlo.” (Duteronomi 19:21) Ngoko yintoni eyayinokuhlawulela ixabiso lomphefumlo, okanye ubomi obufezekileyo obalahlwa nguAdam? Kwakufuneka obunye ubomi bomntu ofezekileyo njengentlawulelo.—1 Timoti 2:6.

10. UYehova wayikhupha njani intlawulelo?

10 UYehova wayikhupha njani le ntlawulelo? Wathumela omnye woonyana bakhe abafezekileyo bomoya emhlabeni. Kodwa uYehova akazange athumele nje nasiphi na isidalwa somoya. Wathumela esona sixabisekileyo kuye, uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo. (1 Yohane 4:9, 10) Ngokuzithandela, lo Nyana walishiya ikhaya lakhe lasezulwini. (Filipi 2:7) Njengoko sifundile kwisahluko esingaphambili sale ncwadi, uYehova wabufudusa ngokungummangaliso ubomi boNyana wakhe wabufaka esibelekweni sikaMariya. Ngoncedo lomoya oyingcwele kaThixo, uYesu wazalwa engumntu ofezekileyo yaye wayengekho ngaphantsi kwesigwebo sesono.—Luka 1:35.

UYehova wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo njengentlawulelo yethu

11. Kwenzeka njani ukuba umntu omnye abe yintlawulelo yezigidi zabantu?

11 Kwenzeka njani ukuba umntu omnye abe yintlawulelo yezigidi zabantu? Phofu, yayenzeke njani kwainto yokuba ezi zigidi zabantu zibe nesono? Khumbula ukuba ngokona kwakhe, uAdam walahlekelwa bubomi obufezekileyo. Ngoko, wayengenakukwazi ukubudlulisela kwinzala yakhe. Ekuphela kwento awayenokuyidlulisela kuyo, sisono nokufa. UYesu, lowo iBhayibhile imbiza ngokuba “nguAdam  wokugqibela,” wayenobomi obufezekileyo, yaye akazange one. (1 Korinte 15:45) Ngoko uYesu wathatha indawo ka-Adam ukuze asisindise. Ngokuthobela kwakhe uThixo aze anikele ngobomi bakhe obufezekileyo, uYesu walihlawula ixabiso lesono sika-Adam. Ngaloo ndlela uYesu wayizisela ithemba inzala ka-Adam.—Roma 5:19; 1 Korinte 15:21, 22.

12. Yintoni eyangqinwa kukuva kukaYesu ubunzima?

12 IBhayibhile ikuchaza ngokweenkcukacha ukubandezeleka awakunyamezelayo uYesu ngaphambi kokufa kwakhe. Watywatyushwa, wabethelelwa ngenkohlakalo, waza wafa kabuhlungu kwisibonda sentuthumbo. (Yohane 19:1, 16-18, 30; iSihlomelo, esikwiphepha 204-6) Kutheni kwafuneka ukuba uYesu abandezeleke ngaloo ndlela? Kwesinye sezahluko zale ncwadi, siza kufunda ukuba uSathana uye wayithandabuza into yokuba kukho nawuphi na umkhonzi kaYehova ongumntu oya kuhlala ethembekile xa evavanywa. Ngokunyamezela kwakhe ngokuthembekileyo nakubeni wayesiva ubunzima obukhulu, uYesu wawangqina ebubuxoki ngokupheleleyo amathandabuzo kaSathana. UYesu wanikela ubungqina bokuba umntu ofezekileyo onenkululeko yokuzikhethela wayenako ukugcina ingqibelelo yakhe kuThixo nokuba uvavanywa ngayiphi na indlela nguMtyholi. Umele ukuba wakuvuyela gqitha uYehova ukuthembeka koNyana wakhe othandekayo!—IMizekeliso 27:11.

13. Yanikelwa njani intlawulelo?

13 Yanikelwa njani intlawulelo? Ngosuku lwe-14 kwinyanga yamaYuda enguNisan ngowama-33 C.E., uThixo wavumela ukuba uNyana wakhe ofezekileyo nongenasono abulawe. Ngaloo ndlela uYesu wanikela ngobomi bakhe obufezekileyo “kwaba kanye.” (Hebhere 10:10) Ngosuku lwesithathu emva kokufa kukaYesu, uYehova wamvusela kwakhona kubomi bomoya. Ezulwini, uYesu wanika uThixo ixabiso lobomi bakhe obufezekileyo, enikela  ngalo njengentlawulelo yenzala ka-Adam. (Hebhere 9:24) UYehova walamkela ixabiso elanikelwa nguYesu njengentlawulelo yokukhulula abantu ebukhobokeni besono nokufa.—Roma 3:23, 24.

OKO KUNOKUTHETHWA YINTLAWULELO KUWE

14, 15. Yintoni esimele siyenze ukuze ‘sixolelwe izono zethu’?

14 Nakubeni sinesono, sinokunandipha iintsikelelo ezingathethekiyo ngenxa yentlawulelo. Makhe sihlolisise ezinye zeengenelo zesi sipho sikhulu kangaka sikaThixo esinokuzinandipha ngoku nakwixesha elizayo.

15 Ukuxolelwa kwezono. Ngenxa yokungafezeki esikuzuze ilifa, kungumzamo omkhulu kuthi ukwenza okulungileyo. Sonke siyona ngamazwi nangezenzo. Kodwa ngenxa yedini lentlawulelo likaYesu, sinako ‘ukuxolelwa izono zethu.’ (Kolose 1:13, 14) Noko ke, ukuze sixolelwe simele siguquke ngokunyanisekileyo. Yaye simele simbongoze ngokuthobekileyo uYehova, simcele ukuba asixolele ngenxa yokubonisa kwethu ukholo kwidini lentlawulelo loNyana wakhe.—1 Yohane 1:8, 9.

16. Yintoni eyenza sikhonze uThixo ngesazela esihlambulukileyo, yaye kubaluleke ngantoni ukuba nesazela esinjalo?

16 Isazela esihlambulukileyo phambi kukaThixo. Ukukhathazwa sisazela kunokusenza siphelelwe lithemba yaye sizive singento yanto. Kodwa ke, ngenxa yelungiselelo likaYehova lentlawulelo elenza sikwazi ukuxolelwa, siyakwazi ukumkhonza ngesazela esihlambulukileyo nakubeni singafezekanga. (Hebhere 9:13, 14) Oku kwenza sikwazi ukuthetha ngokukhululekileyo noYehova emthandazweni. (Hebhere 4:14-16) Ukulondoloza isazela esihlambulukileyo kwenza sibe noxolo lwengqondo, isidima, nolonwabo.

17. Ziziphi iintsikelelo eziza kubakho ngenxa yokusifela kukaYesu?

17 Ithemba lokuphila ngonaphakade kumhlaba oyiparadesi. “Umvuzo isono esiwuhlawulayo kukufa,” itsho njalo incwadi yamaRoma 6:23. Kwale ndinyana inye  iqhubeka ithi: “Kodwa isipho uThixo asinikayo bubomi obungunaphakade ngoKristu Yesu iNkosi yethu.” KwiSahluko 3 sale ncwadi, sixubushe ngeentsikelelo eziya kubakho kwiParadesi yasemhlabeni ezayo. (ISityhilelo 21:3, 4) Zonke ezo ntsikelelo, kuquka ubomi obungunaphakade nempilo egqibeleleyo, ziza kubakho ngenxa yokusifela kukaYesu. Ukuze sizuze ezo ntsikelelo, sifanele sibonise ukuba siyasixabisa isipho sentlawulelo.

UNOKULUBONISA NJANI UXABISO?

18. Kutheni sifanele simbulele uYehova ngelungiselelo lentlawulelo?

18 Kutheni sifanele simbulele ngokunzulu uYehova ngelungiselelo lentlawulelo? Kaloku, isipho sixabiseka ngokukhethekileyo xa lowo siphuma kuye enze umgudu omkhulu, waza wasebenzisa ixesha okanye wangena ezindlekweni. Sichukumiseka gqitha xa sibona ukuba umntu osinika isipho uqhutywa luthando lokwenene. Intlawulelo isesona sipho sixabiseke ngaphezu kwazo zonke ezinye, kuba uThixo uncame eyona nto inkulu ukuze asinike sona. “UThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo,” utsho njalo uYohane 3:16. Intlawulelo ibobona bungqina bubalaseleyo bokusithanda kukaYehova. Ikwabubungqina bothando lukaYesu,  kuba wanikela ngokuzithandela ngobomi bakhe ngenxa yethu. (Yohane 15:13) Ngoko isipho sentlawulelo sifanele sisiqinisekise ukuba uYehova noNyana wakhe bathanda ngamnye wethu.—Galati 2:20.

Ukwenza umzamo wokumazi ngakumbi uYehova kuyenye indlela onokubonisa ngayo ukuba uyasixabisa isipho sakhe sentlawulelo

19, 20. Ziziphi iindlela onokubonisa ngazo ukuba uyasixabisa isipho sikaThixo sentlawulelo?

19 Ngoko unokubonisa njani ukuba uyasixabisa isipho sikaThixo sentlawulelo? Okokuqala, yenza umzamo wokumazi ngakumbi uMphi Omkhulu, uYehova. (Yohane 17:3) Oko ungakwenza ngokufundisisa iBhayibhile usebenzisa le ncwadi. Njengoko usiba nolwazi olungakumbi ngoYehova, luya kukhula ngakumbi uthando lwakho ngaye. Yaye olo thando luya kukwenza ufune ukumkholisa.—1 Yohane 5:3.

20 Bonisa ukholo kwidini lentlawulelo likaYesu. Xa ithetha ngoYesu iBhayibhile ithi: “Lowo ubonisa ukholo kuNyana unobomi obungunaphakade.” (Yohane 3:36) Sinokulubonisa njani ukholo kuYesu? Asinakulubonisa ngamazwi kuphela. UYakobi 2:26 uthi: ‘Ukholo ngaphandle kwemisebenzi lufile.’ Ewe, ukholo lokwenyaniso lubonakala ‘ngemisebenzi,’ oko kukuthi, ngezenzo zethu. Enye indlela esinokubonisa ngayo ukuba siyakholwa kuYesu kungokwenza konke okusemandleni ethu ukuzama ukumxelisa, kungekuphela nje ngamazwi kodwa nangezenzo.—Yohane 13:15.

21, 22. (a) Kutheni sifanele sibekho kumbhiyozo waminyaka le weSidlo SeNkosi Sangokuhlwa? (b) Yintoni eza kuchazwa kwiSahluko 6 nesesi-7?

21 Yibakho kwiSidlo SeNkosi Sangokuhlwa saminyaka le. Ngengokuhlwa yangoNisan 14, 33 C.E., uYesu waqalisa umbhiyozo okhethekileyo obizwa eBhayibhileni ngokuba ‘sisidlo seNkosi sangokuhlwa.’ (1 Korinte 11:20; Mateyu 26:26-28) Lo mbhiyozo ukwabizwa ngokuba siSikhumbuzo sokufa kukaKristu. UYesu wawenza ngenjongo yokunceda abapostile bakhe nawo onke amaKristu okwenyaniso awayeza kubakho emva kwabo ukuba akhumbule ukuba  ngokufa kwakhe njengomntu ofezekileyo, wayenikela ngomphefumlo, okanye ubomi bakhe, njengentlawulelo. UYesu wayalela oku ngokuphathelele lo mbhiyozo: “Hlalani nisenza oku nindikhumbula.” (Luka 22:19) Ukubakho eSikhumbuzweni kusikhumbuza ngothando olukhulu olwaboniswa nguYehova nanguYesu ngokulungiselela kwabo intlawulelo. Sinokubonisa uxabiso lwethu ngokuthi sibekho kumbhiyozo waminyaka le weSikhumbuzo sokufa kukaYesu. *

22 Ilungiselelo likaYehova lentlawulelo lisisipho esixabiseke ngokwenene. (2 Korinte 9:14, 15) Esi sipho sixabisekileyo sinokuba yingenelo nakwabo bafileyo. Oko kuza kuchazwa kwiSahluko 6 nesesi-7.

^ isiqe. 21 Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngokuphathelele intsingiselo yeSidlo SeNkosi Sangokuhlwa, bona iSihlomelo, esikwiphepha 206-8.