Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 Isahluko Sesibhozo

Buyintoni UBukumkani BukaThixo?

Buyintoni UBukumkani BukaThixo?
  • Isixelela ntoni iBhayibhile ngoBukumkani bukaThixo?

  • Yintoni eza kwenziwa buBukumkani bukaThixo?

  • UBukumkani buza kukuphumeza nini ukuthanda kukaThixo emhlabeni?

1. Nguwuphi umthandazo odumileyo esiza kuwuhlolisisa?

IZIGIDI zabantu ehlabathini lonke ziqhelene nomthandazo obizwa ngabaninzi ngokuba nguBawo Wethu Osezulwini, okanye uMthandazo weNkosi. Omabini la mabinzana abhekisela kumthandazo odumileyo nongumzekelo owenziwa nguYesu Kristu. Ubaluleke gqitha lo mthandazo, yaye njengoko siza kuhlolisisa izibongozo zawo ezithathu zokuqala, oko kuza kukunceda wazi ngakumbi ngoko kufundiswa yiBhayibhile.

2. Ziziphi izinto ezintathu uYesu awafundisa abafundi bakhe ukuba bazithandazele?

2 Ekuqaleni kwalo mthandazo ungumzekelo, uYesu wayalela abo babephulaphule wathi: “Ngoko ke, nina nize nithandaze ngale ndlela: ‘Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.’” (Mateyu 6:9-13) Zibaluleke ngantoni ezi zinto zintathu?

3. Yintoni esifanele siyazi ngoBukumkani bukaThixo?

3 Sele sifunde okuninzi ngegama likaThixo, elinguYehova. Yaye siye saxubusha kancinane ngokuthanda kukaThixo—oko sele ekwenzile naseza kukwenzela uluntu. Kodwa wayebhekisela entwenini uYesu xa wathi masithandaze sithi: “Mabufike ubukumkani bakho”? Buyintoni uBukumkani bukaThixo?  Ukufika kwabo kuza kulingcwalisa njani igama likaThixo? Yaye ukufika koBukumkani kuhlobene njani nokwenziwa kokuthanda kukaThixo?

OKO BUKUKO UBUKUMKANI BUKATHIXO

4. Buyintoni uBukumkani bukaThixo, yaye ngubani uKumkani wabo?

4 UBukumkani bukaThixo ngurhulumente omiselwe nguYehova uThixo, yaye uKumkani wabo ukhethwe nguThixo uqobo. Ngubani lo Kumkani woBukumkani bukaThixo? NguYesu Kristu. Lo Kumkani unguYesu mkhulu kunabo bonke abalawuli abangabantu yaye ubizwa ngokuba “nguKumkani wookumkani neNkosi yeenkosi.” (1 Timoti 6:15) Unamandla okwenza okuhle ngaphezu kwakhe nawuphi na umlawuli ongumntu, enoba ubalasele kangakanani na.

5. Buphi uBukumkani bukaThixo, yaye buza kulawula phi?

5 Buza kulawula buphi uBukumkani bukaThixo? Phofu, uphi yena uYesu? Khumbula ukuba besikhe seva ukuba wabulawa kwisibonda sentuthumbo, kodwa waphinda wavuswa. Ngokukhawuleza emva koko wanyukela ezulwini. (IZenzo 2:33) Ngoko bulapho noBukumkani bukaThixo—ezulwini. Kungenxa yoko le nto iBhayibhile isithi ‘bubukumkani basezulwini.’ (2 Timoti 4:18) Nangona uBukumkani bukaThixo busezulwini, buza kulawula emhlabeni.—ISityhilelo 11:15.

6, 7. Yintoni eyenza uYesu abe nguKumkani obalaseleyo?

6 Yintoni eyenza uYesu abe nguKumkani obalaseleyo? Okokuqala nje, kukuba akasayi kuze afe. Xa ithelekisa uYesu kunye nookumkani abangabantu, iBhayibhile ithi ‘nguye kuphela onokungafi, ohlala ekukhanyeni okungenakufikeleleka.’ (1 Timoti 6:16) Oku kuthetha ukuba konke okuhle okuza kufezwa nguYesu kuza kuhlala kuhleli. Yaye siqinisekile ukuba kuninzi okuhle aza kukufeza.

7 Khawukhe uhlolisise esi siprofeto seBhayibhile sibhekisela kuYesu: “Umoya kaYehova umele uhlale phezu [kwakhe], umoya wobulumko nowokuqonda, umoya wecebo nowamandla, umoya wokwazi nowokoyika uYehova; yaye uya kuyoliswa kukoyika uYehova. Akayi kugweba ngayo nayiphi na  imbonakalo nje esemehlweni akhe, engayi kohlwaya ngokwento nje eviwe ziindlebe zakhe. Uya kuzigweba izisweli ngobulungisa, abohlwaye ngokuthe tye abo balulamileyo bomhlaba.” (Isaya 11:2-4) Loo mazwi abonisa ukuba uYesu uza kuba nguKumkani onobulungisa novelwano kubantu abasemhlabeni. Ngaba ungathanda ukuba nomlawuli ololo hlobo?

8. Ngoobani abaza kulawula noYesu?

8 Enye into ebalulekileyo ngoBukumkani bukaThixo kukuba, uYesu akazi kulawula yedwa. Kukho abanye abaza kulawula naye. Ngokomzekelo, umpostile uPawulos wathi kuTimoti: “Ukuba siyaqhubeka sinyamezela, siya kulawula ndawonye njengookumkani.” (2 Timoti 2:12) Ewe, uPawulos, uTimoti, nabanye abathembekileyo abakhethwe nguThixo, baza kulawula noYesu kuBukumkani basezulwini. Bangaphi abaza kufumana elo lungelo?

9. Bangaphi abaza kulawula noYesu, yaye uThixo waqala nini ukubakhetha?

9 Njengoko kuchaziwe kwiSahluko 7 sale ncwadi, umpostile uYohane waboniswa embonweni “iMvana [uYesu Kristu] imi phezu kweNtaba yeZiyon [isigxina sayo sobukhosi ezulwini], kumi nayo ikhulu elinamashumi amane anesine lamawaka linalo igama layo negama loYise libhaliwe emabunzini alo.” Ngoobani abo bali-144 000? UYohane usixelela oku: “Aba ngabo bahlala beyilandela iMvana kungakhathaliseki apho iya khona. Aba bathengwa phakathi koluntu njengeentlahlela kuThixo nakuyo iMvana.” (ISityhilelo 14:1, 4) Bangabalandeli abathembekileyo bakaYesu Kristu abakhethelwe ngokukhethekileyo ukulawula naye ezulwini. Xa besifa baze bavuselwe kubomi basezulwini, ‘balawula njengookumkani phezu komhlaba’ kunye noYesu. (ISityhilelo 5:10) Ukususela kwimihla yabapostile, uThixo ebekhetha amaKristu athembekileyo ukuze liphelele inani labali-144 000.

10. Kutheni ililungiselelo lothando eli lokuba uluntu lulawulwe nguYesu kunye nabantu abali-144 000?

10 Lilungiselelo lothando ngenene eli lokuba uluntu lulawulwe nguYesu kunye nabantu abali-144 000. Kaloku, uYesu  uyazi ukuba kunjani ukuba ngumntu nokubandezeleka. UPawulos wathi uYesu “uyavelana nobuthathaka bethu, kuba naye wavavanywa ngandlela zonke njengathi, kodwa engenasono.” (Hebhere 4:15; 5:8) Abo balawula kunye naye nabo baye babandezeleka njengabantu. Ngaphezu koko, baye banyamezela ukungafezeki nazo zonke iintlobo zezifo. Ngokuqinisekileyo, baya kuziqonda iingxaki olujamelene nazo uluntu!

YINTONI EZA KUFEZWA BUBUKUMKANI BUKATHIXO?

11. Yintoni uYesu awathi abafundi bakhe bafanele bayithandazele ngokuphathelele ukuthanda kukaThixo?

11 Xa uYesu wathi abafundi bakhe bafanele bathandazele ukufika koBukumkani bukaThixo, wakhankanya nokuba bafanele bathandazele ukuba ukuthanda kukaThixo kwenzeke “emhlabeni, njengasezulwini.” UThixo usezulwini, yaye ukuthanda kwakhe bekusoloko kusenziwa apho ziingelosi ezithembekileyo. Noko ke, kwiSahluko 3 sale ncwadi siye safunda ukuba enye ingelosi engendawo yayeka ukwenza ukuthanda kukaThixo yaza yabangela ukuba uAdam noEva bone. KwiSahluko 10 siza kuva okungakumbi ngoko iBhayibhile ikufundisayo ngaloo ngelosi ingendawo, ebizwa ngokuba nguSathana uMtyholi. USathana kunye neengelosi ezakhetha ukumlandela—ezibizwa ngokuba ziidemon—bavunyelwa ukuba bahlale ezulwini okwethutyana. Ngoko asinguye wonk’ ubani ezulwini owayesenza ukuthanda kukaThixo. Kodwa oko kwatshintsha ekuqaliseni koBukumkani bukaThixo ukulawula. Akuba emiselwe njengoKumkani, uYesu Kristu walwa noSathana.—ISityhilelo 12:7-9.

12. Ziziphi iziganeko ezibini ezibalulekileyo ezichazwe kwiSityhilelo 12:10?

12 Isiprofeto sikuchaza ngale ndlela oko kwenzekayo: “Ndeva ilizwi elikhulu ezulwini lisithi: ‘Ngoku lufikile usindiso namandla nobukumkani boThixo wethu negunya likaKristu wakhe, ngenxa yokuba uye waphoswa phantsi ummangaleli wabazalwana bethu [uSathana], obamangalela imini nobusuku  phambi koThixo wethu!’” (ISityhilelo 12:10) Ngaba uziphawulile iziganeko ezibini ezibaluleke gqitha ezikhankanywe kule ndinyana yeBhayibhile? Okokuqala, uBukumkani bukaThixo obunomlawuli onguYesu Kristu buqalisa ukulawula. Okwesibini, uSathana uyagxothwa ezulwini aphoswe emhlabeni.

13. Ube yintoni umphumo wokugxothwa kukaSathana ezulwini?

13 Ube yintoni umphumo wezo ziganeko zibini? Kuchazwa ngale ndlela oko kuye kwenzeka ezulwini: “Chulumancani, nina mazulu nani nihlala kuwo!” (ISityhilelo 12:12) Ewe, iingelosi ezithembekileyo ezulwini ziyavuya kuba uSathana needemon zakhe bengasekho apho, yaye wonk’ ubani osezulwini uthembekile kuYehova uThixo. Kukho uxolo nemvisiswano epheleleyo ezulwini. Ukuthanda kukaThixo kuyenziwa apho.

Ukugxothwa kukaSathana needemon zakhe ezulwini kubangele uyeha emhlabeni. Ezo nkathazo ziza kuphela kungekudala

14. Yintoni eye yaba ngumphumo wokuphoswa kukaSathana emhlabeni?

14 Kodwa, kuthekani ngomhlaba? IBhayibhile ithi: “Yeha kuwo umhlaba nakulo ulwandle, ngenxa yokuba uhlile weza kuni uMtyholi, enomsindo omkhulu, esazi ukuba ixesha analo lifutshane.” (ISityhilelo 12:12) USathana unomsindo kuba egxothiwe ezulwini yaye enexesha nje elifutshane eliseleyo. Ngomsindo ubangela iinkathazo ‘noyeha’ emhlabeni. Siza kufunda ngakumbi ngalo “yeha” kwisahluko esilandelayo. Kodwa ekubeni imeko imbi ngolu hlobo, sisenokuzibuza ukuba, UBukumkani bunokukwazi njani ukubangela ukuba ukuthanda kukaThixo kwenziwe emhlabeni?

15. Kuyintoni ukuthanda kukaThixo ngomhlaba?

15 Kaloku, khumbula ukuba kuyintoni na ukuthanda kukaThixo ngomhlaba. Ufundile ngako kwiSahluko 3. E-Eden uThixo wabonisa ukuba ukuthanda kwakhe kukuba lo mhlaba ube yiparadesi ezaliswe ngabantu abangamalungisa nabangafiyo. USathana wabangela ukuba uAdam noEva bone, yaye oko kwakuchaphazela ukuthanda kukaThixo ngomhlaba kodwa akuzange kukutshintshe. UYehova usenenjongo yokuba ‘amalungisa awudle ilifa umhlaba, ahlale kuwo ngonaphakade.’  (INdumiso 37:29) Yaye uBukumkani bukaThixo buza kukufeza oko. Njani?

16, 17. Usixelela ntoni uDaniyeli 2:44 ngoBukumkani bukaThixo?

16 Khawuqwalasele isiprofeto esikuDaniyeli 2:44. Sona sifundeka ngokuthi: “Ngemihla yabo kumkani uThixo wezulu uya kumisa ubukumkani obungenakuze bonakaliswe. Yaye obo bukumkani abuyi kudluliselwa kubo nabaphi na abanye abantu. Buya kuzityumza buziphelise zonke ezi zikumkani, buze bona bume ukusa kwixesha elingenammiselo.” Kusixelela ntoni oku ngoBukumkani bukaThixo?

17 Okokuqala, kusixelela ukuba uBukumkani bukaThixo babuza kumiselwa “ngemihla yabo kumkani,” okanye ngoxa kukho ezinye izikumkani. Okwesibini, kusixelela ukuba uBukumkani buza kuhlala ngonaphakade. Abuyi koyiswa buze buthatyathelw’ indawo ngomnye urhulumente. Okwesithathu, kubonakala ukuba kuza kubakho imfazwe phakathi koBukumkani bukaThixo kunye nezikumkani zeli hlabathi. UBukumkani bukaThixo buza koyisa. Ekugqibeleni, bubo kuphela obuya kuba ngurhulumente olawula uluntu. Ngoko abantu baya kulawulwa ngeyona ndlela ibalaseleyo.

18. Ibizwa ngokuthini imfazwe yokugqibela ephakathi koBukumkani bukaThixo kunye noorhulumente beli hlabathi?

18 IBhayibhile isixelela okuninzi ngaloo mfazwe yokugqibela, phakathi koBukumkani bukaThixo kunye noorhulumente beli hlabathi. Ngokomzekelo, ifundisa ukuba njengoko isiphelo sisondela, oomoya abangendawo baza kusasaza ubuxoki ngenjongo yokukhohlisa “ookumkani bomhlaba omiweyo uphela.” Ngayiphi injongo? Ngenjongo ‘yokubahlanganisela ndawonye kwimfazwe yemini enkulu kaThixo uSomandla.’ Aba kumkani bomhlaba baza kuhlanganiselwa ndawonye “kwindawo ebizwa ngesiHebhere ngokuba yiHar–Magedon.” (ISityhilelo 16:14, 16) Ngenxa yoko kuchazwe kwezo ndinyana zimbini, imfazwe yokugqibela ephakathi koorhulumente babantu kunye noBukumkani bukaThixo ibizwa ngokuba yimfazwe yeHar–Magedon, okanye iArmagedon.

19, 20. Yintoni ebangela ukuba ukuthanda kukaThixo kungenzeki emhlabeni namhlanje?

 19 Yintoni eza kufezwa buBukumkani bukaThixo ngemfazwe yeArmagedon? Kwakhona, khumbula ukuba kuyintoni na ukuthanda kukaThixo ngomhlaba. Injongo kaYehova uThixo yayikukuba umhlaba ube yiParadesi ezaliswe ngabakhonzi bakhe abangamalungisa nabafezekileyo. Yintoni ebangela ukuba kungenzeki oko namhlanje? Okokuqala, sinesono yaye siyagula size sife. Kodwa sifundile kwiSahluko 5 ukuba uYesu wasifela ukuze sibe nako ukuphila ngonaphakade. Mhlawumbi uyawakhumbula amazwi abhalwe kwincwadi yeVangeli kaYohane athi: “UThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.”—Yohane 3:16.

20 Enye ingxaki kukuba abantu abaninzi benza izinto ezingendawo. Bayaxoka, bayaqhatha, yaye baziphatha kakubi. Abafuni ukwenza ukuthanda kukaThixo. Abantu abenza izinto ezingendawo baza kutshatyalaliswa ebudeni bemfazwe kaThixo yeArmagedon. (INdumiso 37:10) Esinye isizathu sokuba ukuthanda kukaThixo kungenziwa emhlabeni sikukuba oorhulumente ababakhuthazi abantu ukuba bakwenze. Oorhulumente abaninzi bayasilela, bakhohlakele, abanye banobuqhetseba. IBhayibhile yayikuchazile oku yathi: “Ngexesha athi umntu alawule umntu iba kukwenzakala kwakhe.”—INtshumayeli 8:9.

21. UBukumkani buza kubangela njani ukuba ukuthanda kukaThixo kwenzeke emhlabeni?

21 Emva kweArmagedon, uluntu luza kulawulwa ngurhulumente omnye kuphela, uBukumkani bukaThixo. Obo Bukumkani buza kwenza ukuthanda kukaThixo buze buzise iintsikelelo ezimangalisayo. Ngokomzekelo, buza kushenxisa uSathana needemon zakhe. (ISityhilelo 20:1-3) Ngenxa yokusebenza kwamandla edini likaYesu, abantu abayi kugula baze  bafe. Kodwa ngaphantsi kolawulo loBukumkani baya kuphila ngonaphakade. (ISityhilelo 22:1-3) Umhlaba uza kwenziwa ube yiparadesi. Ngoko uBukumkani buza kubangela ukuba ukuthanda kukaThixo kwenziwe emhlabeni, yaye buza kungcwalisa igama likaThixo. Kuthetha ukuthini oku? Kuthetha ukuba ekugqibeleni ngaphantsi koBukumkani bukaThixo wonk’ ubani ophilayo uza kuzukisa igama likaYehova.

BUZA KUKWENZA NINI OKU UBUKUMKANI BUKATHIXO?

22. Sazi njani ukuba uBukumkani bukaThixo abuzange bufike xa uYesu wayesemhlabeni okanye ngokukhawuleza emva kokuvuswa kwakhe?

22 Xa uYesu waxelela abalandeli bakhe ukuba bathandaze bathi “Mabufike ubukumkani bakho,” kwakucacile ukuba uBukumkani babungekafiki ngelo xesha. Ngaba bafika emva kokuba uYesu enyukele ezulwini? Akunjalo, kuba emva kokuba uYesu evusiwe uPetros noPawulos bathi sasibhekisela kuye isiprofeto esikwiNdumiso 110:1 esithi: “Utsho uYehova eNkosini yam ukuthi: ‘Hlala ngasekunene kwam ndide ndizibeke iintshaba zakho njengesitulo seenyawo zakho.’” (IZenzo 2:32-35; Hebhere 10:12, 13) Ngoko kwakuza kufuneka alinde.

Ngaphantsi kolawulo loBukumkani, ukuthanda kukaThixo kuya kwenziwa emhlabeni njengasezulwini

23. (a) Buqalise nini ukulawula uBukumkani bukaThixo? (b) Yintoni eza kuxutyushwa kwisahluko esilandelayo?

23 Wayeza kulinda ithuba elide kangakanani? Ebudeni benkulungwane ye-19 neyama-20, abafundi beBhayibhile abanyanisekileyo baqonda ukuba wayeza kulinda de kube sekupheleni kowe-1914. (Ngokuphathelele lo nyaka, bona iSihlomelo, kwiphepha 215-18.) Iziganeko zehlabathi ezaqalisa  ngowe-1914 zingqina ukuba aba bafundi beBhayibhile banyanisekileyo babechanile. Ukuzaliseka kweziprofeto zeBhayibhile kubonisa ukuba ngowe-1914 uKristu waba nguKumkani, yaye uBukumkani bukaThixo basezulwini baqalisa ngaloo nyaka ukulawula. Ngoko siphila ebudeni ‘bexesha elifutshane’ analo uSathana. (ISityhilelo 12:12; INdumiso 110:2) Kwakhona sinokuqiniseka ukuba kungekudala uBukumkani bukaThixo buza kubangela ukuba ukuthanda kwakhe kwenzeke emhlabeni. Zimnandi ngokwenene ezo ndaba, akunjalo? Kodwa ngaba uyazikholelwa? Isahluko esilandelayo siza kukunceda ubone ukuba ngokwenene oku koko kanye kufundiswa yiBhayibhile.