Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba iBhayibhile Ingakunceda Umelane Neentlekele Ezibangelwa Yimozulu?

Ngaba iBhayibhile Ingakunceda Umelane Neentlekele Ezibangelwa Yimozulu?

 Ngaba nawe njengabaninzi uchatshazelwe ziintlekele ezibangelwe yimozulu embi? Imozulu embi iza neengxaki ezingafaniyo. Iinkanyamba nezantyalantyala zenza umonakalo omkhulu. Iimvula ezinkulu zidiliza iindonga zibangele nomhlaba uhodoke. Imimoya yenza kulanyaze imibane ize loo nto ibangele imililo etshabalalisayo. Imbalela nemimoya yasebusika inokwenza umonakalo omkhulu.

 Kwiindawo ezininzi emhlabeni imozulu embi yenzeka kakhulu kunakuqala ibe yonakalisa ngendlela engazange yabonwa. I-International Federation of Red Cross and Red Crescent Societies ithi, “Nyaka ngamnye, inani labantu ababa kwiintlekele liyanda. Le nto yenzeka ngenxa yokuba kukho izantyalantyala, imimoya neembalela ezininzi kunakuqala. Ngenxa yaloo nto, baninzi abantu abaswelekayo, abanye bayasokola, kanti ke abaninzi abasenawo amakhaya.”

 Xa ezi zinto zisenzeka, abantu abaphulukani nezinto abanazo nje qha kodwa bachaphazeleka nasengqondweni. Banokukhathazeka ngenxa yokulahlekelwa zizinto zabo, amakhaya abo, nabantu ababathandayo abaswelekileyo.

 Ukuba nawe ukhe wathwaxwa ziintlekele ngenxa yemozulu, iBhayibhile ingakunceda umelane nengxaki okuyo. Iyathuthuzela, isinike ithemba, isinike necebiso esinokulisebenzisa eliye lanceda abantu abaninzi abebekule ngxaki yeentlekele ngenxa yemozulu. (Roma 15:4) Iphendula imibuzo emininzi abadla ngokuzibuza yona abantu abaninzi njengothi: Kutheni uThixo evumela kwenzeke into enje, ngaba uyasohlwaya?

Iintlekele zemozulu ayisosohlwayo esivela kuThixo

 IBhayibhile ithi ayingoThixo owenze ukuba abantu bahlelwe zezi ntlekele zemozulu. Ithi “UThixo akanakulingwa ngezinto ezimbi, ibe naye akalingi mntu.” (Yakobi 1:13) Le nto ithetha ukuba, ayinguye owenze kwabakho ezi ngxaki zemozulu namhlanje.

 IBhayibhile ithi uThixo wakhe wasebenzisa amandla endalo ukuze ohlwaye abantu ababesenza izinto ezimbi. Kodwa loo mandla endalo ayengafani nemozulu yanamhlanje efika ngaphandle kwesilumkiso ize ichaphazele bonke abantu. IBhayibhile yona ibonisa ukuba uThixo ebebakhusela abantu abamsulwa, ebalumkisa aze acacise izizathu zento ayenzileyo. Ngokomzekelo, uThixo wasichaza isizathu sokuba azise imvula enkulu ngexesha likaNowa, wabalumkisa ngaphambi kokuba enze loo nto futhi wakhusela uNowa nentsapho yakhe.—Genesis 6:13; 2 Petros 2:5.

 Ukuze wazi nezinye izizathu zokuba sithi iintlekele zemvelo azisosohlwayo esivela kuThixo, funda eli nqaku “Ithini IBhayibhile Ngeentlekele Zemvelo?

UThixo ubakhathalele abantu abachatshazelwa yimozulu embi

 IBhayibhile ithi uYehova a nguThixo okhathalayo nobavelayo abantu. Khawufunde nazi iivesi ezithuthuzelayo.

  •   Isaya 63:9: “Wayehlala ekhathazekile [uThixo] xa bekhathazekile.”

     Ingcaciso: Uyakhathazeka uYehova xa ebona abantu besehlelwa zizinto ezibuhlungu.

  •   1 Petros 5:7: ‘Ukukhathalele.’

     Ingcaciso: UYehova uyavuya xa usempilweni.

 UYehova uye abonise ngezenzo ukuba usikhathalele futhi uyavelana nathi. Uyasithuthuzela esebenzisa iBhayibhile, asinike nethemba lokuba iingxaki ezibangelwa yimozulu azizukubakho kwixesha elizayo.—2 Korinte 1:3, 4.

Kuza kufika ixesha lokuba imozulu embi ingaphinde ibekhona

 IBhayibhile ithi uYehova uthembisa ukuba uza ‘kusinika ithemba nekamva.’ (Yeremiya 29:11) Ufuna abantu bonwabele ubomi eparadesi apho kungazukubakho zingxaki zemozulu.—Genesis 1:28; 2:15; Isaya 32:18.

 Uza kusebenzisa uBukumkani basezulwini obulawulwa nguYesu ukuze zenzeke zonke ezi zinto azithembisileyo. (Mateyu 6:10) UYesu unobulumko namandla okuphelisa iingxaki ezenziwa yimozulu embi. Xa uYesu wayesemhlabeni, wabonisa ukuba unawo amandla okulawula imozulu. (Marko 4:37-41) Uza kulawula ngobulumko efundisa abantu indlela yokukhathalela indalo. (Isaya 11:2) Xa kulawula uYesu, abantu abazukwenzakaliswa yimozulu eyenza iintlekele.

 Usenokuzibuza, ‘UYesu uza kuwasebenzisa nini amandla akhe ukuze alawule imozulu?’ Ukuze ufumane impendulo, funda inqaku elithi “Buza Kulawula Nini Emhlabeni UBukumkani BukaThixo?

Ukumelana nemozulu embi

 IBhayibhile ingakunceda ngaphambi kokuba imozulu ibangele intlekele, ngelo xesha yenzeka ngalo, nasemva kokuba yenzekile.

  •   Zilungiselele ngaphambi kokuba yenzeke intlekele.

     Into Ethethwa YiBhayibhile: “Umntu olumkileyo uyibona iseza ingozi aze ayiphephe, kodwa ongenamava uya ngqo kuyo aze achaneke.”—IMizekeliso 22:3.

     Ingcaciso: Zazi iintlekele ezinokwenzeka kwindawo ohlala kuyo ukuze ukhusele wena nentsapho yakho ngokukhawuleza.

     Into eyakhe yenzeka: “Xa sasinda kumlilo omkhulu, sasizilungiselele. Sasesinazo iigo bags. Zazinamayeza neempahla. Abantu babesoyika, bengazi ukuba mabenze ntoni. Kodwa thina sasinayo yonke into esiyidingayo ibe ndinombulelo ngaloo nto!”—UTamara, waseCalifornia, eMerika.

  •   Xa isenzeka intlekele, jonga kweyona nto ibalulekileyo.

     Into Ethethwa YiBhayibhile: “Nokuba umntu unezinto ezininzi, ubomi bakhe abuxhomekekanga kwizinto anazo.”—Luka 12:15.

     Ingcaciso: Ubomi bubaluleke ngaphezu kwezinto esinazo.

     Into eyakhe yenzeka: “Xa isaqhwithi esikhulu ekuthiwa nguLawin b samosha ekhaya, ndandingakwazi ukucinga kakuhle. Kodwa into endayenzayo kukuthandaza ngokusuka entliziyweni kuYehova uThixo. Asilahlekelwanga bubomi bethu kodwa zizinto nje esinazo.”—ULeslie, wakwiPhilippines.

  •   Emva kwentlekele, cinga ngosuku lwanamhlanje ungazikhathazi ngolwangomso.

     Into Ethethwa YiBhayibhile: “Ningaze nixhalele ingomso, kuba ingomso liza kuba namaxhala alo.”—Mateyu 6:34.

     Ingcaciso: Sukukhathazeka kakhulu ngeengxaki ezingekenzeki.

     Into eyakhe yenzeka: “Emva kokuba inkanyamba uIrma yenze kwakho izantyalantyala, kwafuneka ndenze izigqibo ezininzi ibe loo nto yayibangela ndibe nestres. Ndazama ukwenza into ethethwa yiBhayibhile, ukungaxhaleli ingomso. UYehova wandinceda ndakwazi ukunyamezela ngendlela endingazange ndiyicinge.”—USally, waseFlorida, eMerika.

 Ukuze ubone izinto ezinokukunceda, jonga inqaku elithi “Xa Kusehla Intlekele​—Ziintoni Onokuzenza Ukuze Usinde?

a UYehova ligama likaThixo.—INdumiso 83:18.

b Elinye igama lesi Saqhwithi nguHaima.