Yiya kwinkcazelo

Ithini IBhayibhile Ngeentlekele Zemvelo?

Ithini IBhayibhile Ngeentlekele Zemvelo?

Impendulo yeBhayibhile

 AyingoThixo obangela iintlekele ezenzekayo namhlanje, kunoko uba buhlungu xa ebona abantu ezibehleleyo. Iintlekele zemvelo yenye yezinto ezenza ukuba abantu baphile kabuhlungu uBukumkani bukaThixo obuza kuziphelisa. Okwangoku, uThixo uyabathuthuzela abo zibehlelayo.​—2 Korinte 1:3.

 Yintoni esenza siqiniseke ukuba iintlekele zemvelo azibangelwa nguThixo?

 EBhayibhileni sifunda ukuba uThixo wayekade esebenzisa indalo ukuze agwebe abantu. Indlela awayeyenza ngayo loo nto yahluke kakhulu kwindlela iintlekele ezenzeka ngayo.

  •   Iintlekele zemvelo azikhethi ukuba ziza kwenzakalisa okanye zibulale bani. IBhayibhile yona ibonisa ukuba uThixo wayebakhetha abantu awayeza kubagweba. Ngokomzekelo, xa uThixo wayeza kutshabalalisa iSodom neGomora, wayisindisa indoda eyayilungile, uLote neentombi zayo ezimbini. (Genesis 19:29, 30) UThixo wayejonga iintliziyo zabantu beloo xesha, aze atshabalalise abo bangalunganga kuphela.​—Genesis 18:23-32; 1 Samuweli 16:7.

  •   Amaxesha amaninzi, iintlekele zemvelo zidla ngokwenzeka zingalindelekanga. UYehova yena wayeqala abalumkise abantu ababi ngaphambi kokuba abatshabalalise esebenzisa indalo. Abantu ababetshintsha xa besiva ezo zilumkiso babeba nethuba lokusinda xa kusenzeka loo ntlekele.​—Genesis 7:1-5; Mateyu 24:38, 39.

  •   Izinto ezenziwa ngabantu ziye zenza iintlekele zambi nakakhulu. Njani? Abantu baye bamosha umhlaba, ibe baye bakha kwiindawo apho kunokwenzeka iinyikima, kubekho izikhukula, nemozulu ibe mbi kakhulu. (ISityhilelo 11:18) Asinakutyhola uThixo ngezo zinto zenziwa ngabantu.​—IMizekeliso 19:3.

 Ngaba iintlekele zemvelo zibonisa ukuba siphila kwimihla yokugqibela?

 Ewe. IBhayibhile yachaza kwakudala ukuba kuza kubakho iintlekele “xa sekuza kupheliswa ihlabathi,” okanye “ngemihla yokugqibela.” (Mateyu 24:3; 2 Timoti 3:1) Ngokomzekelo, uYesu wathi ngeli xesha lethu: “Kuza kubakho indlala neenyikima kwiindawo ngeendawo.” (Mateyu 24:7) Kungekudala, uThixo uza kuphelisa zonke izinto ezenza ukuba abantu baphile kabuhlungu emhlabeni, neentlekele zemvelo.​—ISityhilelo 21:3, 4.

 UYehova ubanceda njani abantu abehlelwe zezi ntlekele?

  •   UThixo uyabathuthuzela ngeLizwi lakhe iBhayibhile. IBhayibhile iyasiqinisekisa ukuba uThixo usikhathalele, ibe xa sisehlelwa zizinto ezibuhlungu uyakhathazeka. (Isaya 63:9; 1 Petros 5:6, 7) Isifundisa nokuba uThixo uthembisa ukuba kuza ixesha apho zingazokwenzeka iintlekele zemvelo.—Jonga indawo ethi “ Iivesi zeBhayibhile ezithuthuzela abo behlelwe yintlekele.”

  •   UThixo usebenzisa abakhonzi bakhe ukuze ancede abo behlelwe ziintlekele. UYehova usebenzisa abakhonzi bakhe abasemhlabeni. Baye balinganise uYesu. Kwakuprofetiwe kwathiwa uYesu “uza kuthuthuzela abantu abaneentliziyo ezaphukileyo” nabo “bonke abazilileyo.” (Isaya 61:1, 2) Nabo baye bazame ukuthuthuzela bonke abasentlungwini.​—Yohane 13:15.

     UThixo uye aphinde asebenzise abakhonzi bakhe ukuze anike abo behlelwe ziintlekele izinto abazidingayo.​—IZenzo 11:28-30; Galati 6:10.

AmaNgqina kaYehova anceda abantu abehlelwe yinkanyamba ePuerto Rico ngezinto abazidingayo

 Ngaba iBhayibhile ingakwazi ukusinceda ukuze silungiselele iintlekele zemvelo?

 Ewe. IBhayibhile ayoncwadi yokulungiselela iintlekele, kodwa inemigaqo enokukunceda. Ngokomzekelo:

  •   Zilungiselele kwangaphambili iintlekele ezinokwenzeka. IBhayibhile ithi, “Umntu olumkileyo uyibona iseza ingozi aze ayiphephe.” (IMizekeliso 22:3) Sibonisa ukuba silumkile xa siyilungiselela kwangaphambili into esinokuyenza xa kunokuvela ingxaki. Loo nto singayenza ngokupakisha izinto esiza kuzidinga xa kunokwenzeka into, nangokwazi ukuba singadibana phi njengentsapho xa kunokwenzeka intlekele.

  •   Eyona nto mayibaluleke kuwe bubomi kunezinto onazo. IBhayibhile ithi: “Asizanga nanto emhlabeni, ngoko ke asizukuphuma nanto.” (1 Timoti 6:7, 8) Kufuneka sikulungele ukushiya amakhaya nezinto zethu ukuze sibaleke intlekele. Kubalulekile ukuba sikhumbule ukuba ubomi bethu bubaluleke kakhulu ngaphezu kwezinto esinazo.​—Mateyu 6:25.