Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Xa Kwehle Intleke

Xa Kwehle Intleke

“Ekuqaleni sasingenalo ithemba. Yonke into esasinayo yayimke nodaka olunamanzi kunye nomkhukula.”​—UAndrew, waseSierra Leone.

“Emva kwenkanyamba, sabuyela endlini. Kwakungekho kwanto eyayishiyekile. Sasothuke nyhani. Intombi yam yawa ngamadolo ikhala.”​—UDavid, waseVirgin Islands.

ABANYE abantu abakhe basinda kwintlekele baye bothuke, bangayikholelwa into eyenzekileyo, badideke, babe namaxhala ibe baphuphe kakubi. Ukuba nawe wakha wasinda kwintlekele inokuba uyiqonda kakuhle le nto. Abanye abaninzi abaye basinda baye batyhafe baze bangabi nawo umdla wokufuna ukuphila.

Ukuba uye walahlekelwa yiyo yonke into onayo ngenxa yentlekele, nawe usenokuziva ungenawo amandla okunyamezela. Usenokude ungasiboni nesizathu sokuphila. Kodwa iBhayibhile ibonisa ukuba unazo izizathu zokuphila ibe unganalo nethemba lokuphila ubomi obubhetele kwixesha elizayo.

UKWAZI IZINTO EZITHETHWA YIBHAYIBHILE KUSINIKA ITHEMBA

INtshumayeli 7:8 ithi: “Kulunge ngakumbi ukuphela kombandela kunokuqalwa kwawo.” Xa kusandokwehla intlekele, usenokungabi nalo ithemba. Kodwa ukuba uyazama ukuqhubeka nobomi bakho, izinto zinokuba bhetele.

IBhayibhile yachaza kwangaphambili ngexesha apho ‘singasayi kuphinda siviwe isandi sokulila okanye isandi sesikhalo esilusizi.’ (Isaya 65:19) Le nto iza kwenzeka kumhlaba oyiparadesi xa kulawula uBukumkani BukaThixo. (INdumiso 37:11, 29) Ngelo xesha, iintlekele ziya kube ziphelile. Nayiphi na intlungu eye yabangelwa ziintlekele iza kupheliswa ingaphindi ibekho, kuba uThixo uSomandla uthi: “Izinto zangaphambili aziyi kukhunjulwa, zinganyuki zithi qatha entliziyweni.”​—Isaya 65:17.

Khawucinge nje: UMdali ufuna ‘ukukunika ikamva nethemba,’ ubomi obunoxolo xa kulawula uBukumkani bakhe. (Yeremiya 29:11) Ngaba le nto ingakunceda ube nesizathu sokuphila? USally, ebesithethe ngaye kwinqaku lokuqala, uthi, “Ukuzikhumbuza ngazo zonke izinto ezintle eziza kwenziwa buBukumkani BukaThixo, kuza kukunceda uyeke ukucinga ngezinto ezimbi ezikwehleleyo uze ukwazi ukunyamezela.”

Khawuziphe ithuba ufunde ngakumbi ngezinto uBukumkani BukaThixo obuza kuzenzela abantu kungekudala. Ukwenza loo nto kuza kukwenza uqiniseke ukuba nakubeni wehlelwe yintlekele unako ukubuphila kakuhle ubomi unethemba lekamva elingenazintlekele. Okwangoku, iBhayibhile inika amacebiso asebenzayo anokukunceda ukwazi ukunyamezela izinto ezibuhlungu ezibangelwe yintlekele. Makhe sijonge amanye awo.