Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO

Xa Kusehla Intlekele​—Ziintoni Onokuzenza Ukuze Usinde?

Xa Kusehla Intlekele​—Ziintoni Onokuzenza Ukuze Usinde?

“Isithongakazi esandival’ iindlebe satsho ndaphantse ndayokuwa. Kwiindawo ezenzelwe umoya kwakuphokoka umsi. Iiofisi zethu ezikwizakhiwo eziphakamileyo zatsho ngamadangatye amakhulu omlilo.”​—UJoshua.

Inyikima . . . inkanyamba . . . ukuhlasela kwabagrogrisi . . . ukudubulana kwabantwana esikolweni, ezi zizinto ekuhlala kuthethwa ngazo ezindabeni. Ukufunda ngentlekele akufani naxa ikwehlela. Yintoni onokuyenza xa ingekenzeki, xa isenzeka nasemva kokuba yenzekile ukuze usinde?

XA INGEKENZEKI​—ZILUNGISELELE!

AKAKHO umntu onokuthi soze ehlelwe yintlekele. Ukuze usinde, kufuneka uzilungiselele. Uzilungiselela njani ke?

  • Lungisa ingqondo. Yamkele into yokuba iintlekele ziyenzeka, ibe xa zisenzeka, wena nabantu obathandayo nisengozini. Qiniseka ukuba uzilungiselela ungekashiywa lixesha.

  • Zama ukuyazi intlekele enokwehla kwindawo ohlala kuyo. Zazi iindawo ezikhuselekileyo onokubalekela kuzo. Qiniseka ukuba ikhaya lakho lakhiwe ngendlela eyomeleleyo nendawo elikuyo ikhuselekile. Susa izinto ezinokubangel’ umlilo. Fakela isixhobo esikuxelelayo xa kukho umsi, utshintshe ibhetri yaso kanye ngonyaka.

  • Yiba nezinto zamaxesha ongxamiseko. Kusenokungabikho mbane, amanzi, ifowuni ingasebenzi, kungafumaneki nezinto zokuhamba. Ukuba unemoto, mayihlale inepetroli, uhlale unokutya, amanzi nebhegi enezinto zongxamiseko endlini.​—Funda ibhokisi ethi “ Ngaba Unazo Izinto Oza Kuzidinga?

  • Zazi iinombolo zeefowuni zabahlobo bakho, abahlala kufutshane nabahlala kude.

  • Yiba nendawo eniza kubalekela kuyo, niziqhelise ukuya kuyo. Zazi iindawo ezikufutshane eninokuphuma kuzo ekhayeni lakho, uze uxelele abantwana bakho into abamele bayenze xa kuvela iimeko zongxamiseko esikolweni. Yiba neendawo eza kudibana kuzo intsapho yonke, isikolo esikudana okanye esikufutshane, nepaki ngokunjalo. Abomthetho bacebisa ukuba nihlale nisiya kwezi ndawo nide niqhelane nendlela eyayo.

  • Cinga ngendlela oza kubanceda ngayo abanye, njengabakhulileyo okanye abagulayo.

XA ISENZEKA​—SUKULIBAZISA

UJoshua ekuthethwe ngaye ekuqaleni uthi: “Xa wawuqala umlilo, abanye abantu zange bawuhoye, bathatha ixesha labo ngaphambi kokuba baphume. Balibala kukucima iikhompyutha, abanye begcwalisa iibhotile zabo ngamanzi. Eny’ indoda yathi, ‘Makhe silindeni kancinci.’” Ngoxa babesalibazisa, uJoshua wakhwaza esithi: “Masikhawulezeni siphume apha!Wathi akutsho, bayeka yonke into, bamlandela. Ngoxa babehamba, uJoshua wayeqhubeka esithi: “Xa kukho owayo, mphakamise, nihambe. Sonke siza kuphumela ngaphandle!”

  • Xa kukho umlilo. Yiba kumgangatho ophantsi uze ukhawuleze uphume ngomnyango okufutshane. Umsi wenza umntu abone luzizi, ibe abantu abaninzi babulawa kukuwuphefumla. Shiya zonke izinto zakho. Ukuthingaza nomzuzwana nje omnye kungakubulalisa.

  • Xa kukho inyikima. Ngena ngaphantsi kwefenishala eyomeleleyo okanye wayame ngodonga olungaphakathi. Emva kwenyikima, umhlaba usenokuman’ ushukuma, ngoko khawuleza uphume ube kude nezakhiwo. Abantu abaqeqeshelwe ukuhlangula basenokungafiki kwangoko, zama ukunceda abantu onokukwazi ukubanceda.

  • Xa kusenzeka itsunami. Ukuba ubona amanzi sele ebuya umva kakhulu elunxwemeni, sukulibazisa, balekela kwindawo ephakamileyo. Yhazi ukuba aza kubuya engamaza amakhulu kakhulu.

  • Xa kukho inkanyamba. Balekela kwindawo ekhuselekileyo.

  • Ngezikhukula. Phuma kwizakhiwo ezingenwe ngamanzi. Sukuhamba okanye uqhube emanzini. Amanzi ezikhukula asenokuhamba netuwa nezinto eziyingozi ezinjengenkunkuma, iintambo zombane, kanti asenokuhamba phezu kwemingxuma emikhulu.

  • Ngaba ubusazi? Amanzi anzulu kangangeesentimitha eziyi-60 anokuyikhukulisa imoto. Kwizikhukula abantu abaninzi babulawa kukuzama ukuqhuba emanzini.

  • Ukuba abasemthethweni bathi makuphunywe, yeka loo nto ubuyenza, uphume! Baxelele abahlobo bakho ukuba uphi ukuze bangabeki ubomi babo engozini bekukhangela.

  • Ngaba ubusazi? Kubhetele ukuthumela imiyalezo ngefowuni kunokufowuna.

  • Ukuba abantu bomthetho bathi abantu mabangaphumi ezindlini, sukuphuma. Xa kukho imichiza engcolisa umoya obangela izifo okanye kuqhushumbe inyukliya, sukuphuma endlini, cima yonke into engenisa nekhupha umoya, uvale iminyango neefestile. Mamela iindaba kwiTV okanye kwirediyo. Hlala endlini de abasemthethweni bathi ningaphuma.

EMVA KWAYO​—ZIKHUSELE!

Ukuze uphephe izifo nezinto eziyingozi, nazi izinto onokuzenza:

  • Hlala nabahlobo, kunokuhlala kwindawo elungiselelwe wonke umntu, ukuba kunokwenzeka.

  • Indawo ohlala kuyo mayihlale icocekile.

  • Nxiba izinto ezikukhuselayo xa uthutha inkunkuma. Ukuba kunokwenzeka faka iiglavu, izihlangu ezomeleleyo, umnqwazi oqinileyo nento yokugquma iimpumlo. Lumkela iintambo zombane namalahle angabonakaliyo ukuba asavutha.

  • Qhubeka usenza izinto obuqhele ukuzenza. Abantwana bakho kufuneka babone ukuba uzolile ibe awunikezelanga. Bancedise kumsebenzi wesikolo, udlale nabo nize nenze nonqulo lwentsapho kunye. Sukusoloko umamele iindaba ezithetha ngale ntlekele, ungakhupheli msindo kwintsapho yakho. Vuma ukuncedwa, nawe uncede abanye.

  • Yamkele into yokuba xa kwehle intlekele abantu balahlekelwa zizinto. Urhulumente nabanye abantu banokukunceda, kodwa abakubuyiseli yonke into elahlekileyo. Izinto esizidingayo ukuze siphile, ngamanzi acocekileyo, ukutya, impahla nendawo yokuhlala.—1 Timoti 6:7, 8.

  • Ziqonde ukuba ukhathazekile uze ufune uncedo. Umntu udla ngokuziqonda emva kwentlekele ukuba ukhathazekile. Uzibona ngokuba nexhala elingapheliyo, ungonwabi, ube nochuku, ungakwazi ukucinga nokusebenza kakuhle, kube nzima nokulala. Thetha nabahlobo abanovelwano.

UJoshua yena wasinda kumlilo owatshisa indawo awayesebenza kuyo, kodwa abantu abaninzi awayesebenza nabo zange basinde. Wancedwa ngabadala bebandla lakhe nangoogqirha bengqondo. Uthi: “Bandiqinisekisa ukuba ukukhathazeka kwam kuza kundinceda ndichache ibe yonke le nto iza kugqitha. Emva kweenyanga ezintandathu ndaya ndiyeka ukuphupha kakubi. Kodwa ke ezinye iingxaki zathatha ixesha.”

Iintlekele zibangela ukuba abanye bacinge ukuba uThixo akabakhathalelanga. Abaninzi abafana noJoshua baziva benetyala kuba kwabakho abafayo, bona basinda. Uthi: “Ndisazibuza nanamhlanje ukuba kwakutheni ukuze ndingasindisi abantu abaninzi. Ndithuthuzelwa kukwazi ukuba kungekudala uThixo uza kukuphelisa konke ukungabikho kobulungisa emhlabeni aze alungise zonke izinto ezingalunganga. Okwangoku, suku ngalunye endiluphilayo ndiyaluvuyela kwaye ndenza konke endinokukwazi ukukwenza ukuze ndiphile.”​—ISityhilelo 21:4, 5. *

^ isiqe. 33 Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngezinto uThixo aza kusenzela zona kwixesha elizayo nesizathu sokuba avumele ubungendawo, funda incwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? Ungayidawunlowuda ku-www.pr418.com/xh.