Yiya kwinkcazelo

Kwakutheni Ukuze UYesu Afe?

Kwakutheni Ukuze UYesu Afe?

Impendulo esuka eBhayibhileni

UYesu wafa ukuze kuxolelwe izono zabantu baze baphile ubomi obungunaphakade. (Roma 6:​23; Efese 1:7) Ukufa kukaYesu kubonisa nokuba umntu unako ukungagungqi ekukhonzeni uYehova nakubeni esenokwehlelwa zizinto ezibuhlungu.​—Hebhere 4:​15.

Khawucinge ngendlela ukufa kwendoda enye okunokuba luncedo ngayo.

  1. UYesu wafa ukuze ‘sixolelwa izono zethu.’​—Kolose 1:14.

    Umntu wokuqala, uAdam wadalwa efezekile, engenasono. Kodwa ke, wakhetha ukungamthobeli uThixo. Ukungathobeli kuka-Adam okanye isono sakhe sachaphazela kakhulu yonke inzala yakhe. IBhayibhile ithi: “ngokungathobeli komntu omnye, abaninzi benziwa aboni.”​—Roma 5:​19.

    UYesu wayefezekile naye, kodwa akazange one. Ngenxa yoko, wayenokuba ‘ngumbingelelo wokucamagushela izono zethu.’ (1 Yohane 2:2) Njengokuba ukungathobeli kuka-Adam kwadyobha bonke abantu ngesono, ukufa kukaYesu kususa ibala lesono kubo bonke abo banokholo kuye.

    Ngandlela ithile, uAdam wathengisa abantu esonweni. Ngokufa ngokuzithandela, uYesu wabathenga abantu bangabakhe. Ngenxa yoko, “ukuba nabani na uthi enze isono, sinaye umncedi kuBawo, uYesu Kristu, lowo ulilungisa.”​—1 Yohane 2:1.

  2. UYesu wafa “ukuze wonk’ ubani obonisa ukholo kuye angatshabalali kodwa abe nobomi obungunaphakade.”​—Yohane 3:​16.

    Nangona uAdam wayedalelwe ukuphila ngonaphakade, isono sakhe sabangela ukuba ohlwayelwe ukufa. NgoAdam, ‘isono sangena ehlabathini nokufa ngaso isono, ngaloo ndlela ukufa kwasasazeka kubo bonke abantu ngenxa yokuba bonke bonayo.’​—Roma 5:​12.

    Ngokwahlukileyo koko, ukufa kukaYesu akuzange kususe nje ibala lesono kodwa kwaphelisa nesigwebo sokufa kubo bonke abo banokholo kuye. IBhayibhile ithi: “Kanye njengokuba isono salawula njengokumkani ngokufa, ngokunjalo nabo ububele obungasifanelanga bulawule njengokumkani ngobulungisa ngokubhekisele kubomi obungunaphakade ngoYesu Kristu iNkosi yethu.”​—Roma 5:21.

    Ewe kona, abantu namhlanje basaphila ixesha elifutshane. Kodwa ke, uThixo uthembisa ukunika amalungisa ubomi obungunaphakade aze avuse abantu abafileyo ukuze nabo bakwazi ukuncedwa kukufa kukaYesu.​—INdumiso 37:29; 1 Korinte 15:22.

  3. UYesu “wazithoba kwada kwasa ekufeni,” ebonisa ukuba abantu banako ukuthembeka kuThixo phantsi kwazo naziphi na izilingo.​—Filipi 2:8.

    Nakuba wayenengqondo nomzimba ofezekileyo, uAdam akazange amthobele uThixo, kuba ezicingela wanqwenela into eyayingeyoyakhe. (Genesis 2:16, 17; 3:6) Kamva, olona tshaba lukhulu lukaThixo, uSathana, wathi akukho mntu unokuthobela uThixo, ingakumbi xa ubomi bakhe busesichengeni. (Yobhi 2:4) Kodwa indoda efezekileyo uYesu, yamthobela uThixo yaza ayagungqa ekukhonzeni uThixo nangona yafa kabuhlungu. (Hebhere 7:26) Oku kwabonisa ukuba umntu unako ukuhlala ethembekile kuThixo phantsi kwazo naziphi na izilingo ezimehlelayo.

Imibuzo ngokufa kukaYesu

  • Kwakutheni ukuze kufuneke ukuba uYesu abe sezintlungwini aze afe ukuze ahlangule abantu? Kwakutheni ukuze uThixo angasiphelisi isigwebo sokufa?

    Umthetho kaThixo uthi: “Umvuzo isono esiwuhlawulayo kukufa.” (Roma 6:23) Endaweni yokuba uThixo amfihlele uAdam lo mthetho, wamxelela ukuba isigwebo sokungamthobeli siya kuba kukufa. (Genesis 3:3) Xa uAdam wonayo, uThixo, “ongenakuxoka,” wawagcina amazwi akhe. (Tito 1:2) UAdam akazange adlulisele isono nje kuphela kwinzala yakhe kodwa wadlulisela nomvuzo isono esiwuhlawulayo, ukufa.

    Nangona abantu abanesono befanelwe sisigwebo sokufa, uThixo wabanika ‘ubutyebi bobubele bakhe obungabafanelanga.’ (Efese 1:7) Ilungiselelo lakhe lokuhlangula abantu, ukuthumela kwakhe uYesu njengedini elifezekileyo kwakusisenzo sokulunga nokuba nenceba.

  • Wafa nini uYesu?

    UYesu wafa “ngelixa lesithoba” ekutshoneni kwelanga okanye ngentsimbi yesithathu emva kwemini ngePasika yamaYuda. (Marko 15:33-37) Lo mhla ungqamana noLwesihlanu, ngoAprili 1, 33 C.E., ngokwekhalenda yale mihla.

  • Wafela phi uYesu?

    UYesu wabulawelwa kwindawo “ekuthiwa yiNdawo YoKakayi, leyo ibizwa ngokuba yiGolgotha ngesiHebhere.” (Yohane 19:17, 18) Le ndawo ‘yayingaphandle kwesango’ laseYerusalem ngemihla kaYesu. (Hebhere 13:12) Kusenokwenzeka ukuba kwakusendulini, kuba iBhayibhile ithi abanye bakubona “bemgama” ukufa kukaYesu. (Marko 15:40) Noko ke, asinakuqiniseka ukuba iphi ngoku iGolgotha.

  • Wafa njani uYesu?

    Nangona abantu abaninzi bekholelwa ukuba uYesu wabethelelwa, ebulawelwa emnqamlezweni, iBhayibhile ithi: “Yena ngokwakhe wazithwala izono zethu ngomzimba wakhe esibondeni.” (1 Petros 2:24, King James Version) Ababhali beBhayibhile basebenzisa amagama amabini esiGrike xa babebhekisela kwizixhobo ekwabulawa ngazo uYesu, istau·rosʹ nexyʹlon. Abaphengululi abaninzi baye bagqiba ekubeni la magama abhekisela kwisiphunzi okanye kwisibonda esime nkqo esenziwe ngomthi.

  • Kufanele kukhunjulwe njani ukufa kukaYesu?

    Ngobusuku bePasika yamaYuda yanyaka ngamnye, uYesu wasungula indlela elula waza ekunye nabalandeli bakhe wabayalela esithi: “Oku kwenzeleni ukundikhumbula.” (1 Korinte 11:24) Emva kweeyure kamva, uYesu wabulawa.

    Ababhali beBhayibhile bafanisa uYesu nemvu ekwakubingelelwa ngayo kwiPasika. (1 Korinte 5:7) Kanye njengokuba ukubhiyozela iPasika kwakukhumbuza amaSirayeli ukuba akhululwa ebukhobokeni, neSikhumbuzo Sokufa KukaYesu sikhumbuza amaKristu ukuba aye akhululwa esonweni nasekufeni. IPasika yayibhiyozelwa nyaka ngamnye ngoNisan 14 ngokwekhalenda yeBhayibhile, namaKristu enkulungwane yokuqala ayesiba neSikhumbuzo kube kanye nyaka ngamnye.

    Nyaka ngamnye, ngomhla ongqamana noNisan 14, izigidi zabantu ehlabathini lonke zikhumbula ukufa kukaYesu.