Yiya kwinkcazelo

Yintoni Uvuko?

Yintoni Uvuko?

Impendulo esuka eBhayibhileni

EBhayibhileni, igama eliguqulelwe ngokuthi “uvuko” lisuka kwelesiGrike elithi, a·naʹsta·sis, elithetha “ukuphakamisa” okanye “ukuphakama kwakhona.” Umntu ovuswa ekufeni ubuyiselwa ebomini engulaa mntu ebenguye ngaphambili.—1 Korinte 15:12, 13.

Nangona igama elithi “uvuko” lingekho kwiZibhalo zesiHebhere, ezikwabizwa ngokuba yiTestamente Endala, le mfundiso iyafumaneka kuzo. Ngokomzekelo, esebenzisa umprofeti uHoseya, uThixo wathembisa oku: “Ndiya kumkhulula esandleni seShiyol [ingcwaba]; ekufeni ndiya kumkhulula.”—Hoseya 13:14; Yobhi 14:13-15; Isaya 26:19; Daniyeli 12:2, 13.

Bavuselwa phi abantu? Abanye abantu baza kuvuselwa kubomi basezulwini balawule njengookumkani kunye noKristu. (2 Korinte 5:1; ISityhilelo 5:9, 10) IBhayibhile ithi olu ‘luvuko lokuqala,’ nto leyo ebonisa ukuba kukho olunye uvuko. (ISityhilelo 20:6; Filipi 3:11) Olu vuko lwamva luya kuba kukuphila emhlabeni ibe abantu abaninzi abavusiweyo baza kufumana lona.—INdumiso 37:29.

Baza kuvuswa njani abantu? UThixo unike uYesu amandla okuvusa abafi. (Yohane 11:25) UYesu uza kuvusa “bonke abo bakumangcwaba enkumbulo” babuyele ebomini, ngamnye kubo engulaa mntu wayenguye ngaphambi kokuba afe. (Yohane 5:28, 29) Abo bavuselwa ezulwini baza kuba nemizimba engumoya, ngoxa abo bavuselwa emhlabeni beza kuba benemizimba yenyama ephile qete.—Isaya 33:24; 35:5, 6; 1 Korinte 15:42-44, 50.

Ngoobani abaza kuvuswa? IBhayibhile ithi, “kuza kubakho uvuko lwamalungisa nabangengomalungisa.” (IZenzo 24:15) Amalungisa aquka abantu abathembekileyo njengoNowa, uSara noAbraham. (Genesis 6:9; Hebhere 11:11; Yakobi 2:21) Abangengomalungisa baquka abo bangakwenziyo ukuthanda kukaThixo kuba bengazange bafumane ithuba lokukwazi nokukwenza.

Sekunjalo, abo baye baqhubeka besenza okubi kangangokuba bangaguquki abayi kuvuswa. Xa abantu abanjalo besifa, bafumana intshabalalo kanaphakade bengenathemba lokuphinda baphile kwakhona.—Mateyu 23:33; Hebhere 10:26, 27.

Luza kubakho nini uvuko? IBhayibhile yachaza kwangaphambili ukuba uvuko lokuphila ezulwini luya kubakho ebudeni bobukho bukaKristu, obaqala ngo-1914. (1 Korinte 15:21-23) Uvuko lokuphila emhlabeni luya kubakho ebudeni boLawulo lukaYesu Kristu Lweminyaka Eliwaka, xa umhlaba uza kuguqulwa ube yiparadesi.—Luka 23:43; ISityhilelo 20:6, 12, 13.

Kutheni sinokukholelwa kuvuko? IBhayibhile ichaza izihlandlo ezisithoba zokuvuswa kwabantu, ibe sihlandlo ngasinye kuzo kwakukho amangqina okuzibonela. (1 Kumkani 17:17-24; 2 Kumkani 4:32-37; 13:20, 21; Luka 7:11-17; 8:40-56; Yohane 11:38-44; IZenzo 9:36-42; 20:7-12; 1 Korinte 15:3-6) Ukuvuswa kukaLazaro nguYesu kokona kuphawulekayo, ekubeni uLazaro wayesele eneentsuku ezine efile ibe uYesu wamvusa phambi kwabantu abaninzi. (Yohane 11:39, 42) Oku kwakucace gca nakwabo babemchasa uYesu kangangokuba bakhetha ukuzama ukumbulala yena noLazaro.​—Yohane 11:47, 53; 12:9-11.

IBhayibhile ibonisa ukuba uThixo uyakwazi ibe uyafuna ukuvusa abafileyo. Ukhumbula iinkcukacha zomntu ngamnye aza kumvusa esebenzisa amandla akhe angenasiphelo. (Yobhi 37:23; Mateyu 10:30; Luka 20:37, 38) UThixo uyakwazi ukuvusa abafileyo ibe uyafuna ukubavusa. Xa ithetha ngovuko oluza kubakho, iBhayibhile ithi ngoThixo: “Uya kuwulangazelela umsebenzi wezandla zakho.”—Yobhi 14:15.

Iimbono ezingachananga ngovuko

Ubuxoki: Uvuko kukubuyiselwa komphefumlo womntu emzimbeni wakhe.

Inyaniso: IBhayibhile ifundisa ukuba umphefumlo ngumntu kungekhona inxalenye ethile eqhubeka iphila xa efile. (Genesis 2:7; Hezekile 18:4) Umntu ovusiweyo akabuyiselwa umphefumlo wakhe kunoko uphinda adalwe njengomphefumlo ophilayo.

Ubuxoki: Abanye abantu bayavuswa baze batshatyalaliswe kwangoko.

Inyaniso: IBhayibhile ithi “abo baqhelisele izinto ezimbi” baya kufumana ‘uvuko lomgwebo.’ (Yohane 5:29) Noko ke, lo mgwebo usekelwe kwizinto abazenzayo emva kokuba bevusiwe, kungekhona ababezenza ngaphambi kokuvuswa. UYesu wathi: ‘Abafileyo baya kuliva ilizwi loNyana kaThixo yaye abo baye banikela ingqalelo baya kuphila.’ (Yohane 5:25) Abo ‘banikela ingqalelo’ okanye baphulaphula izinto abazifundiswe emva kokuba bevusiwe amagama abo aya kubhalwa ‘kumsongo wobomi.’—ISityhilelo 20:12, 13.

Ubuxoki: Xa umntu evusiwe, ufumana laa mzimba wayenawo ngaphambi kokuba afe.

Inyaniso: Emva kokufa, umzimba womntu uyabola uze ube ngumhlaba.—INtshumayeli 3:19, 20.