Yiya kwinkcazelo

Incwadi YeSityhilelo—Yintoni Intsingiselo Yayo?

Incwadi YeSityhilelo—Yintoni Intsingiselo Yayo?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Igama lesiGrike lencwadi yeBhayibhile yeSityhilelo, elithi, A·po·kaʹly·psis (okanye apocalypse ngesiNgesi), lithetha “Ukutyhila” okanye “Ukwazisa.” Eli gama lisithela tshuphe ngeyona ntsingiselo yale ncwadi​—ityhila izinto ezazikade zifihlakele ize yazise ngezinto ezaziza kwenzeka emva kokubhalwa kwayo. Uninzi lweziprofeto ezikule ncwadi ziseza kuzaliseka.

Makhe siqwalasele le ncwadi yeSityhilelo

Amacebiso aza kusinceda siyiqonde le ncwadi yeSityhilelo

  1. Intsingiselo yale ncwadi ayimele yenze abakhonzi bakaThixo boyike, kodwa bamele babe nethemba. Nangona abantu abaninzi besithi igama elithi “apocalypse” lithetha intlekele enkulu, incwadi yeSityhilelo iqala ize iqukumbele ngokuthi abo bayifundayo bamele bayiqonde baze basebenzise oko ikutshoyo, ngokwenza njalo baya konwaba.​—ISityhilelo 1:3; 22:7.

  2. Le ncwadi yeSityhilelo isebenzisa ‘imiqondiso’ okanye imibono engamele ithathwe ngokuba yeyokoqobo.—ISityhilelo 1:1.

  3. Izinto ezininzi ekuthethwa ngazo kule ncwadi yeSityhilelo okanye imibono, sele kuthethiwe ngazo kwezinye iiincwadi zeBhayibhile:

  4. Imibono ekule ncwadi izaliseka ‘ngemini yeNkosi,’ eyaqala xa uBukumkani bukaThixo bamiselwa ngo-1914 waza uYesu wanguKumkani. (ISityhilelo 1:10) Ngoko inzaliseko yale mibono yeSityhilelo singayilindela ukuba ibe kwixesha lethu.

  5. Ukuze siyiqonde incwadi yeSityhilelo, kufuneka sifumane izinto esizidingayo ukuze siqonde kwa-iBhayibhile, kuquka ubulumko obuvela kuThixo noncedo oluvela kwabo bayiqondayo kakade.—IZenzo 8:26-39; Yakobi 1:5.