Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 7

Buyintoni UBukumkani BukaThixo?

Buyintoni UBukumkani BukaThixo?

1. Buyintoni uBukumkani bukaThixo?

Yintoni eyenza uYesu abe ngoyena Kumkani ufanelekayo?​—MARKO 1:40-42.

UBukumkani bukaThixo ngurhulumente wasezulwini. Buza kuthabathel’ indawo bonke abanye oorhulumente kwaye buza kubangela ukuba kwenziwe ukuthanda kukaThixo ezulwini nasemhlabeni. Iindaba ezingoBukumkani bukaThixo zilungile. Kungekudala uBukumkani bukaThixo buza kwanelisa intswelo yoluntu yokuba norhulumente olungileyo. Buza kumanyanisa wonke umntu ophila emhlabeni.​—Funda uDaniyeli 2:44; Mateyu 6:9, 10; 24:14.

Ubukumkani bumele bube nokumkani. UYehova wamisela uNyana wakhe, uYesu Kristu, ukuze abe nguKumkani woBukumkani bakhe.​—Funda iSityhilelo 11:15.

Bukela ividiyo ethi Yintoni UBukumkani BukaThixo?

2. Kutheni uYesu engoyena Kumkani ufanelekayo?

Unyana kaThixo ungoyena Kumkani ufanelekayo kuba unobubele, uyabumela ubulungisa. (Mateyu 11:28-30) Kwakhona, unamandla okunceda abantu kuba uza kulawula umhlaba esezulwini. Emva kokuvuswa kwakhe, wanyukela ezulwini waza wahlala phantsi ngasekunene kukaYehova elinde ixesha elifanelekileyo. (Hebhere 10:12, 13) Ekugqibeleni uThixo wamnika amandla okulawula.​—Funda uDaniyeli 7:13, 14.

3. Ngubani oya kulawula noYesu?

Iqela elibizwa ngokuba ‘ngabangcwele’ liza kulawula noYesu ezulwini. (Daniyeli 7:27) Abangcwele abakhethwa kuqala yayingabapostile bakaYesu abathembekileyo. UYehova usaqhubeka enyula abangcwele, phakathi kwamadoda nabafazi abathembekileyo. NjengoYesu, bavuselwa kubomi bokomoya.​—Funda uYohane 14:1-3; 1 Korinte 15:42-44.

Bangaphi abantu abaya ezulwini? UYesu ubabiza ngokuba ‘ngumhlambi omncinane.’ (Luka 12:32) Inani labo elipheleleyo li-144 000. Baza kulawula umhlaba kunye noYesu.​—Funda iSityhilelo 14:1.

4. Yintoni eyenzekayo ukuqalisa kukaYesu ukulawula?

UBukumkani bukaThixo baqalisa ukulawula ngowe-1914. * Into yokuqala awayenzayo uYesu njengoKumkani yayikukugxothela uSathana needemon zakhe emhlabeni. USathana wavutha ngumsindo waza wabangela iingxaki ezininzi emhlabeni. (ISityhilelo 12:7-10, 12) Ukususela ngoko, iingxaki zoluntu zaya zisanda. Iimfazwe, ukunqongophala kokutya, ukusasazeka kwezifo ezosulelayo kunye neenyikima, ziyinxalenye ‘yomqondiso’ wokuba uBukumkani buza kulawula ngokupheleleyo.​—Funda Luka 21:7, 10, 11, 31.

5. Yintoni ephunyezwa buBukumkani bukaThixo?

Ngomsebenzi wokushumayela owenziwa ehlabathini lonke, uBukumkani bukaThixo sele bumanyanisa isihlwele esikhulu sabantu bazo zonke iintlanga. Izigidi zabantu abalulamileyo baba ngabalawulwa bakaYesu. UBukumkani bukaThixo buya kubakhusela xa butshabalalisa le nkqubo yehlabathi ingendawo. Ngoko bonke abafuna ukungenelwa kuBukumkani bukaThixo bamele bafunde ukuthobela uYesu njengomlawuli wabo.​—Funda iSityhilelo 7:9, 14, 16, 17.

Ebudeni beminyaka eliwaka, uBukumkani buya kuphumeza injongo kaThixo yantlandlolo ngoluntu. Umhlaba uphela uya kuba yiparadesi. Ekugqibeleni uYesu uya kubuyisela uBukumkani kuYise. (1 Korinte 15:24-26) Ngaba akukho mntu umaziyo onokumxelela ngoBukumkani bukaThixo?​—Funda iNdumiso 37:10, 11, 29.

 

^ isiqe. 6 Ukuze ufumane iinkcukacha zendlela isiprofeto seBhayibhile esawuchaza ngayo unyaka we-1914, funda iphepha 215-218 lencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?