Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 9

Inokonwaba Njani Intsapho Yakho?

Inokonwaba Njani Intsapho Yakho?

1. Kutheni umtshato ubalulekile ukuze intsapho yonwabe?

Iindaba ezilungileyo zivela kuYehova, uThixo owonwabileyo, ofuna iintsapho zonwabe. (1 Timoti 1:11) Nguye owasungula umtshato. Ukutshata ngokwasemthethweni kubalulekile kulonwabo lwentsapho kuba kunceda ekukhuliseni abantwana ngendlela efanelekileyo. AmaKristu amele ahloniphe imithetho ephathelele ukubhaliswa komtshato.​—Read Luka 2:1, 4, 5.

UThixo uwujonga njani umtshato? Ufuna indoda nomfazi bamanyane. AmaKristu amele ahloniphe imithetho yasekuhlaleni ephathelele ukubhaliswa komtshato. (Luka 2:1, 4, 5) UYehova ufuna indoda inyaniseke kumfazi wayo, nomfazi anyaniseke endodeni yakhe. (Hebhere 13:4) Uluthiyile uqhawulo-mtshato. (Malaki 2:16) Kodwa uyawavumela amaKristu ukuba aqhawule umtshato aze aphinde atshate xa elinye iqabane likrexezile.—Funda uMateyu 19:3-6, 9.

2. Indoda nomfazi bafanele baphathane njani?

UYehova wadala amadoda nabafazi ukuba baphelelisane emtshatweni. (Genesis 2:18) Njengentloko-ntsapho, indoda imele ikhokele ekulungiseleleni intsapho yayo izinto eziphathekayo nokuyifundisa ngoThixo. Ifanele imthande umfazi wayo kangangokude ikulungele ukumncamela nantoni na. Amadoda nabafazi bafanele bathandane baze bahloniphane. Ekubeni bonke bengafezekanga, oyena ndoqo wokonwaba emtshatweni kukuxolelana.​—Funda eyabase-Efese 4:31, 32; 5:22-25, 33; 1 Petros 3:7.

3. Ngaba ufanele uwushiye umtshato xa ungonwabanga?

Ukuba kunzima emtshatweni, nobabini nifanele nizame ukuphathana kakuhle ngothando. (1 Korinte 13:4, 5) ILizwi likaThixo alikukhuthazi ukucombulula iingxaki zomtshato ngokwahlukana.​—Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 7:10-13.

4. Bantwana, yintoni uThixo ayifunayo kuni?

UYehova ufuna nonwabe. Uninika elona cebiso libalaseleyo lendlela yokunandipha ubutsha benu. Ufuna nizuze kubulumko namava abazali benu. (Kolose 3:20) Kwakhona uYehova ufuna nivuyiswe kukwenzela uMdali wenu noNyana wakhe izinto.​—Funda iNtshumayeli 11:9–12:1; Mateyu 19:13-15; 21:15, 16.

5. Bazali, abantwana benu banokonwaba njani?

Nifanele nizibhokoxe ekunyamekeleni abantwana benu ngokubondla, nokubanika ikhaya nize nibanxibise. (1 Timoti 5:8) Kodwa ukuze abantwana benu bonwabe, nifanele nibafundise ukuthanda uThixo baze bafunde kuye. (Efese 6:4) Umzekelo wenu wokuthanda uThixo unokubafikelela iintliziyo abantwana benu. Xa isekelwe eLizwini likaThixo, imfundiso yenu inokubenza bacinge ngendlela efanelekileyo.​—Funda iDuteronomi 6:4-7; IMizekeliso 22:6.

Abantwana bayangenelwa xa ubakhuthaza uze ubancome. Bayakufuna ukulungiswa nokuqeqeshwa. Ingqeqesho enjalo iyabakhusela ekuziphatheni ngendlela eza kubenzakalisa. (IMizekeliso 22:15) Sekunjalo, anifanele nibe ngqwabalala kubo okanye nibakhohlakalele.—Funda eyabaseKolose 3:21.

AmaNgqina kaYehova aneencwadi ezininzi ezibhalelwe ukunceda abazali nabantwana. Ezi ncwadi zisekelwe eBhayibhileni.​—Funda INdumiso 19:7.