Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

LESSON 4

Ngubani UYesu Kristu?

Ngubani UYesu Kristu?

1. Baqala njani ubomi bukaYesu?

Ziziphi iimpawu ezazibangela ukuba uYesu angeneke?​—MATEYU 11:29; MARKO 10:13-16.

Ngokungafaniyo nabanye abantu, uYesu wayehlala ezulwini enomzimba womoya ngaphambi kokuba aze kuzalwa emhlabeni. (Yohane 8:23) Wayelizibulo lendalo kaThixo yaye wancedisa xa kwakudalwa ezinye izinto. Nguye kuphela odalwe nguYehova ngokungqalileyo ngoko kufanelekile ukuba abizwe ngokuba nguNyana kaThixo ‘okuphela kwamzeleyo.’ (Yohane 1:14) UYesu wayesiSithethi sikaThixo, ngoko ukwabizwa ngokuba ‘nguLizwi.’​—Funda IMizekeliso 8:22, 23, 30; Kolose 1:15, 16.

2. Kwakutheni ukuze uYesu eze emhlabeni?

UThixo wathumela uNyana wakhe emhlabeni ngokumfaka kwisibeleko sentombi enyulu yomYuda enguMariya. Ngoko uYesu wayengenayise ongumntu. (Luka 1:30-35) UYesu weza emhlabeni ukuze (1) afundise inyaniso ngoThixo, (2) asimisele umzekelo ngendlela yokwenza ukuthanda kukaThixo kwanaxa sisebunzimeni, aze (3) anikele ngobomi obufezekileyo ‘njengentlawulelo.’​—Funda uMateyu 20:28.

3. Kutheni sifuna intlawulelo?

Intlawulelo lixabiso elihlawulelwa ukukhulula umntu ekufeni. (Eksodus 21:29, 30) Ukufa nokwaluphala kwakungeyonjongo kaThixo ngoluntu. Sikwazi njani oko? UThixo waxelela indoda yokuqala uAdam ukuba, ukuba ikhe yenza oko iBhayibhile ikubiza ngokuba “sisono,” iya kufa. Ngoko ke, ukuba uAdam wayengonanga, ngewayengazange afe. (Genesis 2:16, 17; 5:5) Ngokutsho kweBhayibhile, ukufa ‘kwangena’ ebantwini ngenxa ka-Adam. Ngaloo ndlela, uAdam wadlulisela isono nesohlwayo saso esikukufa kuyo yonke inzala yakhe. Intlawulelo iyafuneka ukuze sikhululwe kwesi sohlwayo sikukufa esasizuz’ ilifa kuAdam.​—Funda amaRoma 5:12; 6:23.

Ngubani owayeza kuhlawula intlawulelo yokusikhulula ekufeni? Xa sisifa, sihlawulela izono zethu kuphela. Akakho umntu ongafezekanga onokuhlawula izono zabanye.​—Funda INdumiso 49:7-9.

4. Kwakutheni ukuze uYesu afe?

UYesu wayengafani nathi, wayefezekile. Ngoko akuzange kufuneke ukuba afele izono zakhe—akazange enze sono. Kunoko, wafela izono zabanye. UThixo wabonisa indlela aluthanda ngayo uluntu ngokuthumela uNyana wakhe ukuba aze kusifela. Kwakhona uYesu wabonisa ukusithanda kwakhe ngokuthobela uYise nokufela izono zethu.​—Funda uYohane 3:16; Roma 5:18, 19.

Bukela ividiyo ethi Kwakutheni Ukuze UYesu Afe?

5. Wenza ntoni uYesu ngoku?

Xa wayesemhlabeni, uYesu waphilisa abagulayo, wavusa abafileyo waza wanceda abantu abasebugxwayibeni. Ngaloo ndlela wayebonisa into aya kuyenzela uluntu oluthobelayo kwikamva. (Mateyu 15:30, 31; Yohane 5:28) Emva kokufa kwakhe, uThixo wambuyisela ebomini ekumzimba womoya. (1 Petros 3:18) Wandula ke walinda ngasekunene kukaThixo de uYehova wamnika amandla okulawula njengoKumkani phezu komhlaba. (Hebhere 10:12, 13) Ngoku uYesu ulawula ezulwini njengoKumkani, yaye abalandeli bakhe bavakalisa ezo ndaba zilungileyo ehlabathini lonke.​—Funda uDaniyeli 7:13, 14; Mateyu 24:14.

Kungekudala, uYesu uza kusebenzisa amandla akhe njengoKumkani ukuze aphelise konke ukubandezeleka nabo bakubangelayo. Bonke abo babonisa ukholo kuye ngokumthobela baya kunandipha ubomi kwiparadesi esemhlabeni.—Funda iNdumiso 37:9-11.