Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 5

Yintoni Injongo KaThixo Ngomhlaba?

Yintoni Injongo KaThixo Ngomhlaba?

1. Kwakutheni ukuze uThixo adale umhlaba?

UYehova wawunika abantu umhlaba. Ulikhaya lethu. Ngoko ke, isibini sokuqala esingabantu, uAdam noEva, abazange badalelwe ukuzalisa amazulu—uThixo wayesele edale iingelosi eziza kuphila emazulwini. (Yobhi 38:4, 7) Kunoko, uThixo wabeka umntu wokuqala kwiparadesi entle eyayibizwa ngokuba ngumyezo wase-Eden. (Genesis 2:15-17) UYehova wamnika ithemba lokuphila ngonaphakade emhlabeni kunye nenzala yakhe.​—Funda iNdumiso 37:29; 115:16.

Ekuqaleni, yayingumyezo wase-Eden kuphela oyiparadesi. Isibini sokuqala esingabantu kwakufuneka sizalise umhlaba ngenzala yaso. Ekuhambeni kwexesha, sasiza kuzalisa wonke umhlaba siwenze iparadesi. (Genesis 1:28) Umhlaba awusoze utshatyalaliswe. Uya kuhlala ulikhaya loluntu.​—Funda iNdumiso 104:5.

Bukela ividiyo ethi Kwakutheni Ukuze UThixo Adale Umhlaba?

2. Kutheni umhlaba ungeyoparadesi ngoku?

UAdam noEva abazange bamthobele uThixo, ngoko wabagxotha emyezweni. Iparadesi yalahleka, yaye akuzange kubekho mntu wakwaziyo ukuyibuyisela. IBhayibhile ithi: “Umhlaba unikelwe esandleni songendawo.”​—Yobhi 9:24.​—Funda iGenesis 3:23, 24.

Ngaba uYehova wayiyeka injongo awayenayo ngoluntu? Akunjalo! Ungusomandla. Akanakuze angaphumeleli. (Isaya 45:18) Uya kubuyisela uluntu kwimeko awayefuna lube kuyo.​—Funda iNdumiso 37:11, 34.

3. Iya kubuyiselwa njani iParadesi?

IParadesi iya kubuyiselwa emhlabeni xa uYesu elawula njengoKumkani kaThixo. Kwidabi elibizwa ngokuba yiArmagedon, uYesu uya kukhokela iingelosi zikaThixo ekutshabalaliseni bonke abangamfuniyo uThixo. Emva koko uya kuvalela uSathana kangangeminyaka eli-1 000. Abantu bakaThixo baya kusinda kuba uYesu uya kubakhokela aze abakhusele. Baya kunandipha ubomi obungunaphakade kwiParadesi emhlabeni.—Funda iSityhilelo 20:1-3; 21:3, 4.

4. Kuya kuphela nini ukubandezeleka?

UThixo uya kubuphelisa nini ubungendawo emhlabeni? UYesu wanika “umqondiso” obonisa ukusondela kwesiphelo. Iimeko zehlabathi namhlanje zisongela ubukho bomntu yaye zibonisa ukuba ngoku siphila kwixesha ‘lokupheliswa kwale nkqubo yezinto.’​—Funda uMateyu 24:3, 7-14, 21, 22.

Xa uYesu elawula umhlaba esezulwini kangangeminyaka eli-1 000, uya kukuphelisa konke ukubandezeleka. (Isaya 9:6, 7; 11:9) Ngaphandle kokuba nguKumkani, uYesu uya kuba nguMbingeleli Omkhulu aze aphelise izono zabo bathanda uThixo. Ngoko ke, esebenzisa uYesu, uThixo uya kuphelisa ukugula, ukwaluphala nokufa.​—Funda uIsaya 25:8; 33:24.

5. Ngoobani abaya kuphila kwiParadesi ezayo?

KwiHolo yoBukumkani, uya kudibana nabantu abathanda uThixo nabafuna ukufunda indlela yokumkholisa

Abantu abamthobelayo uThixo baya kuphila eParadesi. (1 Yohane 2:17) UYesu wathumela abalandeli bakhe ukuba baye kukhangela abantu abalulamileyo baze babafundise indlela yokwamkeleka kuThixo. Namhlanje, uYehova ulungiselela izigidi zabantu ukuze zifumane ubomi kwiParadesi ezayo emhlabeni. (Zefaniya 2:3) KwiiHolo zoBukumkani zamaNgqina kaYehova, abantu bafunda ukuba ngabayeni nootata, abafazi noomama ababhetele. Abantwana nabazali banqula kunye baze bafunde indlela yokungenelwa kwiindaba ezilungileyo.​—Funda uMika 4:1-4.