Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Umahluko Okhoyo Phakathi Kwabantu Abasokolayo Nezityebi Ungaphela?

Ngaba Umahluko Okhoyo Phakathi Kwabantu Abasokolayo Nezityebi Ungaphela?

 Kumazwe amaninzi abantu batoyitoya ezitratweni kuba besithi bayasokola. Ezi ngxaki ziye zandiswa yikhorona eye yabangela abantu abonwaba kuba bevaleleke ezindlini, futhi kunqabe ukutya namayeza. Yonke ke le nto yenze kwacaca umahluko phakathi kwezityebi namahlwempu.

 Ngaba oku kusokola kuya kuze kuphele? Ewe. IBhayibhile ichaza into aza kuyenza uThixo ukuze aphelise iingxaki esinazo.

Iingxaki zemali uThixo aza kuziphelisa

 Ingxaki: Abantu abaphetheyo abakwazanga ukuza necebo eliza kunceda abantu bafumane izinto abazidingayo.

 Indlela yokuyilungisa: UThixo uza kususa oorhulumente babantu aze abeke owakhe obizwa ngokuba buBukumkani bukaThixo. Buza kulawula emhlabeni wonke busezulwini.—Daniyeli 2:44; Mateyu 6:10.

 Into eza kwenzeka: Kuba lo rhulumente eza kulawula emhlabeni wonke, izinto ziza kwenzeka kakuhle. Abantu abazukulamba okanye babe nexhala lokuba baza kuphila ngantoni. (INdumiso 9:7-9, 18) Baza kuvuyela izinto abazisebenzeleyo nobomi obanelisayo neentsapho zabo. IBhayibhile ithi: “Baza kwakha izindlu, bahlale kuzo, batyale amasimi eediliya, batye iziqhamo zawo. Abazukwakha kuhlale abanye, Bengazukutyala izinto eziza kutyiwa ngabanye.”—Isaya 65:21, 22.

 Ingxaki: Abantu abanakuzibaleka iingxaki ezibenza basokole okanye bangazifumani izinto abazifunayo.

 Indlela yokuyilungisa: UThixo uza kusebenzisa uBukumkani bakhe ukuze asuse zonke izinto ezenza abantu babe nexhala.

 Into eza kwenzeka: Xa kulawula uThixo, abantu baza kuba nazo zonke izinto abazidingayo ukuze baphile. Ngokomzekelo iimfazwe, ukunqaba kokutya, izifo ezibulalayo, azizuphinda zibekho. (INdumiso 46:9; 72:16; Isaya 33:24) UThixo uthi: “Abantu bam baza kuhlala kwindawo enoxolo, kwiindawo ezikhuselekileyo neendawo zokuphumla ezizolileyo.”—Isaya 32:18.

 Ingxaki: Abantu abazicingela bodwa nababawayo badla ngokubaphatha kakubi abanye.

 Indlela yokuyilungisa: Abantu abaza kube belawulwa buBukumkani bukaThixo baza kufunda ukubathanda abanye ngaphezu kokuba bezithanda.—Mateyu 22:37-39.

 Into eza kwenzeka: Xa kulawula obu Bukumkani bonke abantu baza kuba nothando olufana nolukaThixo ‘olungazicingeli lodwa.’ (1 Korinte 13:4, 5) IBhayibhile ithi: “Azizukwenzakalisa zingazukonakalisa kuyo yonke intaba yam engcwele, kuba umhlaba ngokuqinisekileyo uza kugcwaliswa kukwazi uYehova a njengokuba nolwandle lugcwele ngamanzi.”—Isaya 11:9.

 IBhayibhile ithi siphila kwimihla yokugqibela yeli hlabathi futhi uThixo uza kuyenza into ayithembisileyo yokuphelisa iingxaki b zokusokola ezikhoyo. (INdumiso 12:5) Okwangoku iBhayibhile ingakunceda umelane neengxaki zemali ojongene nazo. Ngokomzekelo funda inqaku elithi, “Indlela Yokuphila Ngemali Encinci” nelithi “Ukubeka Imali Kwindawo Yayo.

a UYehova ligama likaThixo eliseBhayibhileni.—INdumiso 83:18.

b Ukuze ufunde isizathu sokuba kutheni umele uyithembe iBhayibhile, funda inqaku elithi “Inyani Singayifumana EBhayibhileni.”