Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO

Ithemba Kumahlwempu Nabangenamakhaya

Ithemba Kumahlwempu Nabangenamakhaya

UJoe lijoni elidla umhlala-phantsi eMerika. Wehlelwa ziinkxwaleko ezininzi ezamshiya engenakhaya kangangeminyaka eyi-18. Ngomnye unyaka waqalisa ukuya kwilayibrari kawonke-wonke, ibe wayedla ngokuncokola nomnye umsebenzi walapho. Ezo ncoko zabutshintsha ubomi bakhe.

UMartín owayelityendye lomfana waseArgentina, wayengenabo kwaphela ubuhlobo noThixo. Ubomi babubonakala bungenanjongo kuye. Washiya ikhaya, ekwiphulo lokukhangela injongo yobomi, wagqibela sele ehlala elwandle. Kodwa akazange ayifumane injongo yobomi, nto leyo eyamshiya edandatheke kakhulu. Enyembezana, wabongoza uThixo wathi: “Ukuba ukho, ndincede ndikufumane.” Waba yintoni umphumo? Siza kubona.

KUKHO izizathu ezahlukahlukeneyo zokuba abanye abantu bangabi namakhaya. Abanye behlelwa ziinkxwaleko, njengoko kwenzekayo kuJoe. Kanti abanye “bayazikhethela” ukuphum’ ekhaya, kuba befuna ukufumana injongo yobomi, njengoko wenzayo uMartín. Bakho nabo bangenamakhaya ngenxa yokuthwaxwa bubuhlwempu, iintlekele, ubundlobongela, iziyobisi, utywala, ukugula ngengqondo, ukungabikho kwezindlu, okanye ukuphelelwa ngumsebenzi wempangelo.

Uprofesa Paul Toro osisazi sengqondo uthi, kwakukade kucingwa ukuba ukungabi namakhaya kuyingxaki yamazwe asakhasayo nathwaxwa yimfazwe kuphela, kodwa ngoku “kuyingxaki enkulu nkqu nakumazwe afumileyo.” * Omnye woonobangela bale ngxaki kukungancedwa kweentsapho ezihlwempuzekileyo ngurhulumente, nomahluko oya usanda phakathi komvuzo ofunyanwa ngamahlwempu nazizinhanha.

Abantu abaninzi balixhalabele ikamva. Kodwa abanye baye balihlisa ixhala labo ngokufunda oko kuthethwa yiBhayibhile ngekamva, njengoko siza kuchaza kweli nqaku. Kodwa iBhayibhile inokusinceda nangoku siphucule ubomi bethu, ngokuthi songe imali yaye siphucule nempilo yethu, njengoko wenzayo uJoe noMartín.

IBHAYIBHILE YABUTSHINTSHA UBOMI BAKHE

UCindi owayedla ngokuncokola noJoe elayibrari uthi, “UJoe wayebonakala ekrelekrele, enembeko, yaye ethobekile.” UCindi liNgqina likaYehova, ibe wayedla ngokunika uJoe iMboniselo noVukani! Kwakhona wammemela kwintlanganiso yamaKristu. Waphathwa ngobubele nangembeko apho, ngoko waya rhoqo, ibe wavuma nokufundelwa iBhayibhile ngomnye umzalwana okwelo bandla.

Ukufunda kukaJoe iBhayibhile kumncedile wangumntu onesidima

UJoe wathuthuzelwa koko wayekufunda eBhayibhileni, waza waqalisa ukukusebenzisa, nangona kwakufuneka enze utshintsho olukhulu ebomini bakhe. Ngokomzekelo, wafunda ukuba ubomi busisipho esivela kuThixo, esimele siphathwe ngentlonelo, wafunda nokuba ukutshaya kuyawungcolisa umzimba. (INdumiso 36:9) Ngoko wayeka ukutshaya, ethobela umgaqo weBhayibhile okweyesi-2 kwabaseKorinte 7:1 othi: “Masizihlambulule kuko konke ukudyobheka kwenyama.” Esi sigqibo asiphelelanga nje ekuphuculeni impilo yakhe, kodwa samongela nemali.

UJoe walithanda icebiso leBhayibhile lokuba sifanele sizame kangangoko sinako ukuze siziphilise, waza waqalisa ukufuna umsebenzi. * (1 Tesalonika 4:11, 12) INtshumayeli 2:24 ithi: “Akukho nto elunge ngakumbi emntwini kunokuba adle, asele aze enze umphefumlo wakhe ubone okulungileyo [uvuye] ngenxa yokusebenza kwakhe nzima.” Enye into emenza avuye kukuba ukusebenza kumenza umntu abe nesidima. Ibe kusenza sikwazi ukunceda abasweleyo.—Efese 4:28.

UCindi uthi, “ibandla lamamkela ngezandl’ ezishushu” uJoe ngenxa yokubona ukunyaniseka kwakhe, ibe “abanye bamnceda wafumana indlu efanelekileyo nezinye izinto awayezidinga.” UJoe waqhubeka esenza inkqubela, waza ekuhambeni kwexesha wabhaptizwa waba liNgqina likaYehova. Ngoku uthetha ngokusuka kumava xa ekhuthaza abanye ukuba bafune ubulumko bukaThixo obuseBhayibhileni.—IMizekeliso 3:13, 14.

WAYIFUMANA INJONGO YOBOMI

UMartín waqalisa iphulo lokukhangela injongo yobomi xa wayeneminyaka eyi-20 ubudala. Uthi, “Ndazama iinkonzo neefilosofi ezahlukahlukeneyo, ndaza ndasebenzisa neziyobisi, ndinethemba lokuba ndiza kude ndaneliseke, kodwa akuncedanga oko.” Wahlala eKhalifoniya, eMerika, okwexeshana, waza emva koko waya eHawaii. Uthi, “Ndandicinga ukuba ndiyifumene iparadesi.” Kodwa ubuhle belo lizwe abuzange bundenze ndaneliseke. Uthi, “Ndandidandatheke nyhani, kangangokuba ndade ndacinga nokuzibulala.” Kulelo xesha kanye awabongoza ngalo uThixo enyembezana esithi: “Ukuba ukho, ndincede ndikufumane.”

Ngoku uMartín uphila ubomi obunenjongo

UMartín wakhumbula ukuba wakhe wabona umbhalo othi “IHolo YoBukumkani YamaNgqina KaYehova.” Wagqiba ekubeni aye kwintlanganiso yamaKristu eqhutyelwa apho. Uthi, “Ndangena apho ndineenwele ezinde, intshebe, nempahla ebendiyinxibe kangangeenyanga. Kodwa ndamkelwa ngobubele.” UMartín wavuma ukufundelwa iBhayibhile, ibe wayebetha ngezikaTshiwo, esuka elwandle apho wayehlala khona aye edolophini apho wayeqhutyelwa khona isifundo seBhayibhile.

Ekugqibeleni yaphenduleka imibuzo awayenayo uMartín. Kwatsho kwaphela ukudandatheka kwakhe, waza waziva enovuyo olunjengolo lwachazwa nguYesu esithi: “Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya.”—Mateyu 5:3.

“Wonk’ umntu uthe nqa kukubona indlela enditshintshe ngayo”

Kwabakho utshintsho olukhulu ebomini bukaMartín njengoko wayesebenzisa imigaqo yeBhayibhile efanayo naleyo yanceda uJoe, okhankanywe ngaphambilana. UMartín wayiphucula imbonakalo yakhe, waza wancedwa ngamaNgqina wafumana umsebenzi nendawo yokuhlala. Uthi, “Bendikade ndisaziwa njengomntu ongenakhaya, kodwa ngoku wonk’ umntu uthe nqa kukubona indlela enditshintshe ngayo.”

Ekuhambeni kwexesha uMartín wabuyela eArgentina, waza wabhaptizwa apho waba liNgqina likaYehova. Ngoku ulivuyela gqitha ilungelo analo lokunceda abantu abafun’ ukwazi uThixo ukuba bafumane iimpendulo zemibuzo abanayo ngobomi.

UKUPHELA KOBUHLWEMPU NOKUNGABI NAMAKHAYA

Umkhonzi kaThixo wamandulo uYeremiya wayekhe wadandatheka kakhulu. Kwafika utshaba olukhohlakeleyo kwilizwe lakhe, lwathimba abantu abaninzi lwabenza amakhoboka. (IZililo 1:3) Nangona yena engazange athinjwe, walahlekelwa phantse yinto yonke. Wathandaza enxubile esithi: “Khumbula inkxwaleko yam nemo yam yokungabi nakhaya.”—IZililo 3:19.

Nangona uYeremiya wayexhwalekile, akazange anikezele. Ngoba? Kaloku wayesazi ukuba uYehova akasoze amshiye. (Yeremiya 1:8) Kwakhona, wayefundile eZibhalweni ukuba ubuhlwempu nokuxhwaleka kuza kuphela, kuze kubekho uxolo nonqabiseko lokwenene.—INdumiso 37:10, 11.

Oko akuzi kwenziwa ngabantu, kodwa kuza kwenziwa ngurhulumente ofezekileyo obizwa ngokuba buBukumkani bukaThixo. (Daniyeli 7:13, 14) UKumkani wobo Bukumkani nguYesu Kristu, owawaphatha ngobubele obukhulu amahlwempu ngoxa wayengumntu. (Luka 7:22; 14:13) Ebudeni bokulawula kwakhe ‘uya kuhluma olilungisa, kubekho nobuninzi boxolo. Uya kumhlangula lowo ulihlwempu ukhalela uncedo, kwanalowo uxhwalekileyo, naye nabani na ongenamncedi. Uya kubahlangula kwingcinezelo nakugonyamelo.’—INdumiso 72:7, 12, 14.

“Baya kwakha izindlu baze bahlale.”—Isaya 65:21

Eyona nto wayefundisa ngayo uYesu buBukumkani bukaThixo. (Luka 4:43) Wade wafundisa abantu ukuba bathandaze bathi: “Mabufike ubukumkani bakho. Makwenzeke ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengasezulwini.” (Mateyu 6:9, 10) Buya kuba njani ubomi emhlabeni xa kulawula uBukumkani bukaThixo? IBhayibhile isinika umfanekiso-ngqondweni omhle woko kuza kwenzeka. Ngokomzekelo, ithi ngabo baza kube bengabalawulwa boBukumkani bukaThixo:

  • “Baya kwakha izindlu baze bahlale; batyale izidiliya baze badle isiqhamo sazo. Abayi kwakha kuhlale abanye; abayi kutyala kudle abanye. . . . Nomsebenzi wezandla zabanyuliweyo bam baya kuwusebenzisa ngokupheleleyo.”—Isaya 65:21, 22.

  • “Baya kuhlala, ngamnye phantsi komdiliya wakhe naphantsi komkhiwane wakhe, yaye akuyi kubakho bani ubangcangcazelisayo; kuba wona kanye umlomo kaYehova wemikhosi ukuthethile oko.”—Mika 4:4.

Elo themba liqinisekileyo liya kusomeleza xa sifikelwa ziimeko ezinzima. Kwangaxeshanye, imigaqo yeBhayibhile inokusinceda siphile ubomi obunenjongo nobanelisayo nangoku, njengoJoe, uMartín, nabanye abaninzi. UMdali wethu uYehova uThixo, usiqinisekisa esithi: “Yena ke ondiphulaphulayo, uya kuhlala ngonqabiseko aze angaphazamiseki ekunkwantyiseni kwentlekele.” (IMizekeliso 1:33) Sinqwenela ukuba nobakho ubomi bube njalo!

^ isiqe. 6 Ngenxa yeengxwaba-ngxwaba, ubundlobongela, okanye ukutshutshiswa, izigidi zabantu ziye zanyanzeleka ukuba ziwashiye amakhaya azo, zibe ziimbacu okanye oonothwal’ impahlana. Kuye kwaxutyushwa ngale ngxaki kuVukani! kaFebruwari 8, 2002.

^ isiqe. 11 Nangona abany’ abantu befuna ukusebenza, abakwazi ngenxa yokuba neziphene, ukugula, okanye ukwaluphala. UThixo akakholiswa ngumntu ‘ongafuni kusebenza.’—2 Tesalonika 3:10.