Yiya kwinkcazelo

KUCACISWA IIVESI ZEBHAYIBHILE

UMateyu 6:34​—“Sukuzikhathaza Ngengomso”

UMateyu 6:34​—“Sukuzikhathaza Ngengomso”

 “Ningaze nixhalele ingomso, kuba ingomso liza kuba namaxhala alo. Usuku ngalunye luneengxaki ezilulingeneyo.”—Mateyu 6:34, INguqulelo Yehlabathi Elitsha.

 “Musani ukulixhalela ingomso, ingomso liya kuxhalela okwalo. Ziyanele imini nganye iingxaki zayo.”—Mateyu 6:34, IBhayibhile YesiXhosa Yango1996.

Into Ethethwa NguMateyu 6:34

 UYesu owayethetha la mazwi, wabaxelela abantu ababemmamele ukuba mabangazikhathazi ngeengxaki zexesha elizayo. Into eyayiza kubanceda kukujongana neengxaki zosuku ngalunye.

 UYesu wayengathi masiyeke ukucinga ngengomso okanye izinto esiza kuzenza kwixesha elizayo. (IMizekeliso 21:5) Kodwa wayesinceda ukuze singabi nexhala kakhulu ngento esenokwenzeka ngomso. Ukuba nexhala kanje kunokusenza singonwabi, size siphazamiseke kwizinto esifanele sizenze. Asinokwazi ukulungisa iingxaki ezingekenzeki ngokuba nexhala ngazo. Into edla ngokwenzeka kukuba loo nto besinexhala layo ingenzeki okanye ukuba iyenzeka, ingabi yile nto besiyilindele.

Into Ekuthethwa Ngayo KuMateyu 6:34

 La mazwi kaYesu akwiNtshumayelo yaseNtabeni ekuMateyu isahluko 5-7. Kule ntshumayelo, uYesu wathi ukuba nexhala akuzukusinceda sonwabe okanye siphile ixesha elide. (Mateyu 6:27) Waphinda wathi ukuba sikhonza uThixo kuqala akuzukufuneka sibe nexhala lento eza kwenzeka ngomso. Kuba uThixo ezikhathalele izityalo nezilwanyana, nabo bamkhonzayo uza kubahoya.—Mateyu 6:25, 26, 28-33.

Funda uMateyu isahluko 6, imibhalo esemazantsi, iimbekiselo ujonge nemifanekiso.