Yiya kwinkcazelo

Yintoni Idike Lomlilo? Ngaba Liyafana Nesihogo Okanye IGehena?

Yintoni Idike Lomlilo? Ngaba Liyafana Nesihogo Okanye IGehena?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Idike lomlilo limela intshabalalo kanaphakade. Liyafana neGehena kodwa lahlukile kwisihogo, sona esilingcwaba eliqhelekileyo.

Eli dike liyafuzisela

Iivesi ezintlanu eziseBhayibhileni ezithetha ‘ngedike lomlilo’ zibonisa ukuba eli dike ayililo elokoqobo kunoko liyafuzisela. (ISityhilelo 19:20; 20:10, 14, 15; 21:8) Kweli dike, kuphoswa ezi zinto zilandelayo:

Umfuziselo wentshabalalo kanaphakade

IBhayibhile ithi idike lomlilo ‘lithetha ukufa kwesibini.’ (ISityhilelo 20:14; 21:8) Ukufa kokuqala ekuthethwa ngako eBhayibhileni kwabangelwa sisono sika-Adam. Uvuko lukhona kolu uhlobo lokufa ibe uThixo uza kukuphelisa ekugqibeleni.​—1 Korinte 15:21, 22, 26.

Akukho ndlela yakuphuma kwidike lomlilo elifuziselayo

Idike lomlilo limela uhlobo olwahlukileyo lokufa, okanye ukufa kwesibini. Nangona nalo limela imeko yokungenzi nto, lahlukile kuba iBhayibhile ayithethi ngovuko kwabo baye bafa okwesibini. Ngokomzekelo, iBhayibhile ithi uYesu “unezitshixo zesihogo nezokufa,” oku kubonisa ukuba unegunya lokukhulula abantu kwimiphumo yesono sika-Adam nasekufeni. (ISityhilelo 1:18; 20:13 iKing James Version) Akakho umntu onezitshixo zedike lomlilo, noYesu akanazo. Eli dike lifuzisela intshabalalo kanaphakade.​—2 Tesalonika 1:9.

Lifana neGehena, iNtlambo yakwaHinom

IGehena (geʹen·na ngesiGrike) ikhankanywa izihlandlo eziyi-12 eBhayibhileni. Njengedike lomlilo, imela intshabalalo kanaphakade. Nangona abanye abaguquleli besithi eli gama “sisihogo,” iGehena yahluke mpela esihogweni (sheʼohlʹ ngesiHebhere, haiʹdes ngesiGrike).

INtlambo yakwaHinom

Igama elithi, “Gehena” libhekisela “kwiNtlambo yakwaHinom,” eyayingaphandle kweYerusalem. Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, abantu besixeko babesebenzisa le ntlambo njengendawo yokulahla inkunkuma. Babeqiniseka ukuba umlilo uhlala uvutha kuyo ukuze utshise inkunkuma, nantoni na engatshanga yayidliwa ziimpethu.

UYesu wasebenzisa iGehena xa wayefundisa ngentshabalalo kanaphakade. (Mateyu 23:33) Wathi, eGehena ‘impethu ayifi nomlilo awucinywa.’ (Marko 9:47, 48) Wayebhekisela kwiNtlambo yakwaHinom nakwisiprofeto esikuIsaya 66:24, esithi: “Kwaye okunene baya kuphuma baze bakhangele kwizidumbu zamadoda anxaxhileyo kum; kuba zona kanye iimpethu ezikuwo aziyi kufa nomlilo wabo awuyi kucima.” Lo mzekelo kaYesu awufundisi ngokuthuthunjiswa kunoko ngentshabalalo kanaphakade. Ezi mpethu zitya izidumbu okanye imizimba efileyo, kungekhona abantu abaphilayo.

Akukho ndawo eBhayibhileni ebonisa ukuba abantu bayakwazi ukubuya eGehena. “Idike lomlilo” kunye ‘nomlilo weGehena’ lifuzisela intshabalalo kanaphakade.​—ISityhilelo 20:14, 15; 21:8; Mateyu 18:9.

Baya ‘kuthuthunjiswa njani imini nobusuku ngonaphakade kanaphakade?’

Ukuba eli dike lifuzisela intshabalalo, kutheni iBhayibhile isithi uMtyholi, irhamncwa nomprofeti wobuxoki “baya kuthuthunjiswa imini nobusuku ngonaphakade kanaphakade”? (ISityhilelo 20:10) Nazi izizathu ezine ezingqina ukuba oku kuthuthunjiswa kuyafuzisela:

  1. Ukuze uMtyholi athuthunjiswe ngonaphakade, bekuya kufuneka aphile ngonaphakade. IBhayibhile isixelela ukuba uMtyholi uza kucinyw’ igama okanye abulawe.​—Hebhere 2:14.

  2. Ubomi obungunaphakade sisipho esivela kuThixo, kungekhona isohlwayo.​—Roma 6:23.

  3. Irhamncwa kunye nomprofeti wobuxoki ziyafuzisela ngoko azinakuthuthunjiswa ngokoqobo.

  4. IBhayibhile ibonisa ukuba ukuthuthunjiswa kukaMtyholi kuthetha intshabalalo kanaphakade.

Igama elithi ‘ukuthuthumba’ elisetyenziswe eBhayibhileni likwathetha “ukuvalelwa.” Ngokomzekelo igama lesiGrike elithi ‘abagcini-ntolongo’ elikuMateyu 18:34, liguqulelwe ngokuthi “abathuthumbisi” kwiinguqulelo ezininzi, oku kubonisa ukudibana kwegama elithi ‘ukuthuthumba’ nelithi “ukuvalelwa.” Ngokufanayo, ingxelo ekuMateyu 8:29 nekuLuka 8:30, 31, zinxulumanisa ‘ukuthuthumbisa’ kunye ‘nenzonzobila,’ indawo efuzisela ukufa. (Roma 10:7; ISityhilelo 20:1, 3) Incwadi yeSityhilelo idla ngokusebenzisa igama elithi, “ukuthuthunjiswa” ngendlela efuziselayo.​—ISityhilelo 9:5; 11:10; 18:7, 10.