Yiya kwinkcazelo

Ukuchana Kwembali YeBhayibhile

Iindawo EziseBhayibhileni

IGrisi Kwimbali YeBhayibhile

Funda ngendlela iGrisi eyaba ligunya lehlabathi lesihlanu ngayo ngokwembali yeBhayibhile.

Iingxelo Zakudala Zingqina Indawo Eyayikuso Isizwe SamaSirayeli

Amacwecwe aseSamariya ayangqinelana nento ethethwa yiBhayibhile.

Ukutshabalala kweNineve

Kwathi xa kanye iAsiriya inamandla kakhulu, umprofeti kaThixo wachaza into eyayingalindelwanga.

Ngaba Ubusazi?—Aprili 2013

Kwakutheni ukuze iNineve yamandulo kuthwe “sisixeko sophalazo gazi”? Kwakutheni ukuze amaYuda amandulo akhe ungqameko kumaphahla ezindlu zawo?

Abantu AbaseBhayibhileni

Ngaba Ubusazi?​—Matshi 2020

Bobuphi obunye ubungqina ngaphandle kobu buseBhayibhileni obubonisa ukuba amaSirayeli ayengamakhoboka eYiputa?

Igama EliseBhayibhileni Kwingqayi Yakudala

Iingceba zengqayi yodongwe eneminyaka eyi-3 000 ikho ezembiwa ngo-2012, kutshanje zitsale umdla wabaphandi. Zazikhetheke ngantoni?

Ngaba Ubusazi?—February 2020

Izinto zakudala ezembiweyo zibonisa njani ukuba wayekho nyhani uBheleshatsare waseBhabhiloni?

Makhe Sicaphule Kuvimba—UKoreshi Omkhulu

Yayingubani uKoreshi, kwaye ziziphi iziganeko ezimangalisayo ezachazwa kuseyiminyaka engama-150 ngaphambi kokuba azalwe kwaukuzalwa?

Obunye Ubungqina Babembi Bezinto Zakudala

Usenokungamazi uTatenayi, kodwa abembi bezinto zakudala bathi ukuthetha ngaye kubonisa ukuba wayekhe waphila.

Ngaba UYohane Umbhaptizi Wayengumntu Wokwenene?

Kucacile ukuba umbhali-mbali wakudala uJosephus wayembona uYohane umBhaptizi njengomntu wokwenene. Ngoko nathi sifanele senze njalo.

Ngaba UYesu Wakha Waphila Nyhani?

Abasemagunyeni bamandulo nabangoku bathini ngalo mba?

Ngaba IBhayibhile Ithetha Ngobomi BukaYesu Ngendlela Echanileyo?

Fumana inkcazelo ngeencwadi zeVangeli neyona mibhalo-ngqangi midala.

Wayengowentsapho KaKayafa

Ukufunyanwa kwebhokisi kaMariya kububungqina bokuba iBhayibhile ithetha ngabantu bokwenene ababeneentsapho.

Ngaba Ubusazi?—Novemba 2015

Kwakutheni ukuze uYosefu achebe ngaphambi kokuba aye kuFaro? Xa iBhayibhile isithi uyise kaTimoti ‘wayengumGrike,’ ngaba ithetha ukuba wazalelwa eGrisi?

Ngaba Ubusazi?—Meyi 2015

Ngaba izinto ezembiweyo zakudala ziyangqinelana neBhayibhile? Zanyamalala nini iingonyama kumazwe ekuthethwe ngawo eBhayibhileni?

Izinto Ezenzeka EBhayibhileni

Ibali LikaNowa Elingemvula Enkulu—Ngaba Lenzeka Nyhani?

IBhayibhile ithi nguThixo owanethisa imvula enkulu kuba wayefuna ukubulala abantu ababesenza izinto ezimbi. Bukhona ubungqina bokuba iBhayibhile yabhalwa nguThixo?

Ngaba Iilwimi Zethu Zavela “KwiNqaba YaseBhabheli”?

Yintoni iNqaba yaseBhabheli? Zivela phi kanye kanye iilwimi zabantu?

Ngaba Ubusazi?​—Juni 2022

Ngaba umntu owayebethelelwe esibondeni njengoYesu wayengcwatywa ngendlela eqhelekileyo ngamaRoma?

Iindaba Ezilungileyo Kubantu Bonke​—Isiprofeto Esichanileyo SeBhayibhile

Kubomi bakhe bonke uYesu wayeshumayela ‘iindaba ezilungileyo zobukumkani.’ Ngaba wayeza kufa nezi ndaba?

Ngaba Indlela IBhayibhile Ekuchaza Ngayo Ukuthinjwa KwamaYuda EBhabhiloni Ichanile?

Ngaba bukhona ubungqina bokuba amaYuda awayethinjiwe aphila kanye ngale ndlela uThixo wayeyichazile?

Ubomi Ngexesha Lokubhalwa KweBhayibhile

Inqwelo eyasetyenziswa lithenwa elingumTiyopiya

Yayinjani inqwelo eyayikhwelwe lithenwa elingumTiyopiya awaya kulo uFilipu?

Imibuzo Evela Kubafundi—Oktobha 2023

Ngaba amaSirayeli ayenayo enye into yokutya entlango ngaphandle kwemana nezagwityi?

Indlela ezazisenziwa ngayo iziteni zakudala ibonisa ukuba iBhayibhile ichanile

Izitena ezifunyenwe kumabhodlo aseBhabhiloni nendlela ezenziwe ngayo zibonisa njani ukuba iBhayibhile ichanile?

Ngaba Ubusazi?​—Juni 2022

Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile abantu babesazi njani xa kuqala iminyaka neenyanga?

‘Ezintabeni Uya Kumba Ubhedu’

Izinto ezifunyenwe ngabembi bezinto zakudala zisithela thsuphe ngokusetyenziswa kobhedu ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile.

Ukusetyenziswa Kwezithambiso Ngamaxesha Okubhalwa kweBhayibhile

Yintoni eyayisetyenziswa ngamabhinqa amaxesha okubhalwa kweBhayibhile ukuze abe mahle kakhulu?

Ngaba Ubusazi?​​—⁠Oktobha 2017

Yintoni eyayisenziwa ngamaYuda eyabangela uYesu akugxeke ukufunga?

Ngaba Ubusazi?​—IMboniselo No. 5 2017

Ngaba uYesu wayebonisa ukubadelela abantu abangengomaYuda ngokwenza umzekelo othetha ‘ngeenjana’?

Ngaba Ubusazi?​—Juni 2017

Kwakutheni ukuze uYesu athi abantu ababethengisa izilwanyana etempileni ‘ngabaphangi’?

Ngaba Ubusazi?​—Oktobha 2016

KwaYuda, amaRoma azinika inkululeko engakanani iinkokeli zamaYuda ngenkulungwane yokuqala? Mandulo, ngaba nyhani umntu wayekwazi ukuhlwayela ukhula kwintsimi yomnye umntu?

Ngaba Ubusazi?—Disemba 2015

Ngaba amaYuda awayesiya eYerusalem ngePentekoste ka-33 C.E. ‘ayesuka kuzo zonke iintlanga eziphantsi kwezulu’Inkitha yabantu eyayisiya kwimithendeleko yamaYuda eYerusalem yayihlaliswa phi?

Ngaba Ubusazi?—Matshi 2015

Ukuba ngummi waseRoma kwakumnceda ngantoni umpostile uPawulos? Babehlawulwa njani abelusi ngexesha lokubhalwa kweBhayibhile?

Ngaba Ubusazi?​—Meyi 2014

Kwakutheni ukuze amaYuda acele uPilato ukuba ophule imilenze kaYesu? Ngaba nyhani uDavide wambulala ngesilingi uGoliyati?

Ngaba Ubusazi?—Februwari 2014

Liliphi ikhala elalisetyenziswa ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile? Yiyiphi iminikelo eyayisamkeleka kwitempile yaseYerusalem?

Ngaba Ubusazi?—Januwari 2014

Yayisenziwa njani iminikelo yasetempileni ngemihla kaYesu? Ngaba umbhali weBhayibhile uLuka wayengumbhali-mbali ochanileyo?