Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Ubusazi?

Ngaba Ubusazi?

Kwakutheni ukuze uYosefu achebe ngaphambi kokuba aye kuFaro?

Umfanekiso wamandulo obonisa umYiputa echeba

Ngokutsho kwengxelo yeGenesis, uFaro wayalela ukuba ibanjwa elingumHebhere uYosefu, lisiwe kuye ngokukhawuleza ukuze limtolikele amaphupha akhe awayemhlupha. UYosefu wayesele evalelwe entolongweni kangangeminyaka eliqela. Nangona umyalelo kaFaro wawungxamisekile, uYosefu wacheba kuqala. (Genesis 39:20-23; 41:1, 14) Kwaukuba umbhali akhankanye le nto ibonakala ingabalulekanga kangako, kusixelela ukuba wayezazi izithethe zamaYiputa.

Kwakuqhelekile ngabantu bamandulo abanjengamaHebhere ukuba babe neendevu ezinde. Ngokwahlukileyo, “amaYiputa ayekuphela kohlanga lwaseMpuma olwalungazikhulisi iindevu,” ngokutsho kweCyclopedia of Biblical, Theological, and Ecclesiastical Literature kaMcClintock noStrong.

Ngaba kwakuchetywa iindevu kuphela? Imagazini iBiblical Archaeology Review ibonisa ukuba ngokwesiko lwamaYiputa umntu wayefanele azilungise xa esiya kuFaro ngendlela ebeya kuzilungisa ngayo xa esiya etempileni. Ngoko ke, kumele ukuba uYosefu kwafuneka achebe intloko nomzimba wonke.

Ingxelo yeZenzo isixelela ukuba utata kaTimoti wayengumGrike. Ngaba oku kuthetha ukuba wayengowaseGrisi?

Kusenokungathethi oko. Kwiileta zakhe eziphefumlelweyo, xa umpostile uPawulos ethelekisa amaYuda namaGrike wayedla ngokuzibiza ngokuba zingamaGrike zonke iintlanga ezingengomaYuda. (Roma 1:16; 10:12). Esinye sezizathu soko sasikukuba, kummandla awayeshumayela kuwo uPawulos kwakuxhaphake ulwimi lwesiGrike nezithethe zamaGrike.

Ngoobani ekwakusithiwa ngamaGrike mandulo? Ngeminyaka yee-300 ngaphambi kwexesha likaYesu, uIsocrates iciko laseAthene wathetha ngendlela inkcubeko yamaGrike eyayisasazeka ngayo ehlabathini. Wathi ngenxa yoko, “umntu simbiza ukuba ungumGrike hayi kuba ezalelwe eGrisi kodwa ngenxa yokuba efumene imfundo yethu.” Ngoko kusenokwenzeka ukuba utata kaTimoti oweyengengomYuda, nabanye uPawulos awababiza ngokuba ngamaGrike, babengengawo ngokuzalwa, kodwa ngenxa nje yokuba babephila ngendlela yesiGrike.—IZenzo 16:1.