Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Ubusazi?

Ngaba Ubusazi?

Ngaba kufanelekile ukuthi abantu ababethengisa izilwanyana etempileni yaseYerusalem ‘ngabaphangi’?

NGOKUTSHO kweVangeli kaMateyu, “uYesu wangena etempileni, waphosa phandle bonke abo babethengisa nababethenga etempileni, wazibhukuqa iitafile zabatshintshi bemali nezihlalo ezide zabo babethengisa amahobe. Wathi kubo: ‘Kubhaliwe kwathiwa, “Indlu yam iya kubizwa ngokuba yindlu yomthandazo,” kodwa nina niyenza umqolomba wabaphangi.’”—Mat. 21:12, 13.

Iingxelo zembali yamaYuda zibonisa ukuba abantu ababethengisa etempileni babebaqhatha abathengi, bebabiza amaxabiso aphakamileyo. Ngokomzekelo, iMishnah (Keritot 1:7) ithetha ngesihlandlo sangenkulungwane yokuqala, xa ixabiso lamahobe amabini okubingelela lanyuka laba yidenariyo yegolide. Loo mali yayilingana nomvuzo weentsuku eziyi-25 womntu ongenabuchule bungako. Amahobe ayesamkelwa njengombingelelo kubantu abangathathi ntweni; kodwa kwaixabiso lezo ntaka lalingaphaya. (Lev. 1:14; 5:7; 12:6-8) Ecatshukiswa yiloo meko, uRabhi Simeon ben Gamaliel, walithoba inani lemibingelelo esisinyanzelo, laza ixabiso lamahobe amabini lehla kakhulu ngoko nangoko.

Xa sisazi ezi zinto zingentla, uYesu wayefanele ukuthi abathengisi basetempileni ‘ngabaphangi’ kuba babeqhatha yaye benyolukile.