Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Wayengowentsapho KaKayafa

Wayengowentsapho KaKayafa

Maxa wambi, izinto ezifunyanwa ngabembi bezinto zakudala ziye zingqine ngokungqalileyo nangokungangqalanga ukuba babekho ngokwenene abantu ethetha ngabo iBhayibhile. Ngokomzekelo, ngowama-2011, umphengululi wakwaSirayeli wapapasha inkcazelo engqina ubukho bomntu ochazwa yiBhayibhile. Yibhokisi yokugcina amathambo omfi eneminyaka engama-2 000 neyenziwe ngelitye lekalika elihonjisiweyo, ekwafakwa kuyo amathambo omntu ofileyo emva kokuba umzimba uye wabola waphela.

Kule bhokisi kwakubhalwe oku: “UMiriam intombi kaYeshuwa unyana kaKayafa, umbingeleli wakwaMahaziya eBeth ′Imri.” Umbingeleli omkhulu wamaYuda owaba nesandla kwityala likaYesu nokubulawa kwakhe yayinguKayafa. (Yoh. 11:48-50) Umbhali-mbali uFlavius Josephus umchaza ngokuthi “nguYosefu, ekwakusithiwa nguKayafa.” Kuyacaca ukuba le bhokisi yeyesinye sezalamane zombingeleli omkhulu owayenesandla kwityala likaYesu. Ekubeni umbhalo owafunyanwa kwibhokisi engaphambili kwakucingwa ukuba ngowombingeleli omkhulu uqobo usithi “Yehosef bar Caiapha,” okanye uYosefu unyana kaKayafa, * uMiriam ngandlel’ ithile wayezalana noKayafa.

Ngokwenkcazelo yeIsrael Antiquities Authority (IAA), ibhokisi kaMiriam yohluthwa kumasela awayephange ingcwaba lakhe. Ubungqina bafumaneka xa kuhlolisiswa umbhalo owawukuyo.

Ikho nenye into entsha esixelelwa yile bhokisi kaMiriam. Ibhekisela kuMahaziya, owayengowokugqibela kwisahlulo sama-24 sababingeleli ababetshintshana ukukhonza etempileni. (1 Kron. 24:18) Le IAA ithi: “Umbhalo okule bhokisi utyhila ukuba intsapho kaKayafa yayinokuthanani nesahlulo sikaMahaziya.”

Lo mbhalo ukhankanya noBeth ′Imri. Zimbini izinto elinokubhekisela kuzo eli gama. I-IAA ithi: “Eyokuqala kukuba uBeth ′Imri isenokuba ligama lentsapho yombingeleli—unyana wombingeleli uImere (Ezra 2:36, 37; Neh. 7:39-42) onzala yakhe iquka isahlulo sikaMahaziya. Eyesibini kukuba [iBeth ′Imri] isenokuba yindawo awazalelwa kuyo umfikazi uMiriam okanye intsapho yakhe yonke.” Enoba yiyiphi echanileyo, kodwa ibhokisi kaMiriam ingqina ukuba iBhayibhile ithetha ngabantu bokwenene abazalwa ziintsapho zokwenene.

^ isiqe. 3 Ukuze ufumane inkcazelo ngebhokisi kaKayafa, funda inqaku elinomxholo othi “Umbingeleli Omkhulu Owagweba UYesu,” kwiMboniselo kaJanuwari 15, 2006, iphepha 10-13.