Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Ubusazi?

Ngaba Ubusazi?

Ngaba amaYuda awayesiya eYerusalem ngePentekoste ka-33 C.E. ‘ayesuka kuzo zonke iintlanga eziphantsi kwezulu’?

Isitrato esiphithizelayo saseYerusalem ngePentekoste KA-33 C.E.

Ukongezelela kwingxelo yeBhayibhile ekwiZenzo 2:5-11, uPhilo umbhali ongumYuda owayephila ngelo xesha wachaza ngegquba labantu elafika eYerusalem ngePentekoste ka-33 C.E.

Ethetha ngabo babehambele eYerusalem, uPhilo wathi: “Ngosuku olungcwele kwakusiza inyambalala yabantu eyayivela kwiidolophu ezininzi, abanye babehamba ngeenyawo, abanye ngolwandle, bevela empuma, entshona, emantla nasemzantsi.” Wacaphula namazwi eleta eyayithunyelwe nguAgripa I, umzukulwana kaHerode Omkhulu, kuMlawuli waseRoma uCaligula. Ethetha ngeYerusalem, uAgripa wathi: “ISixeko Esingcwele . . . asilokomkhulu lelizwe elinye lakwaYuda nje kuphela, kodwa ikwalikomkhulu lamanye amazwe amaninzi ngenxa yamaphondo aso akumazwe angabamelwane.”

UAgripa wabhala iindawo ezazinamaphondo aphantsi kwelakwaYuda, iindawo ezithe qelele ezinjengeMesopotamiya, uMntla Afrika, iAsia Minor, iGrisi neziqithi eziseMeditera. Umphengululi uJoachim Jeremias uthi: “Akazange athethe ngohambo oluya eYerusalem, kodwa kuyaqondakala oko kuba umthetho wawusithi onke amaYuda akhulileyo afanele aye kukhonza eYerusalem.”—Duteronomi 16:16.

Zazihlala phi izihlwele zamaYuda ezaziye kwimithendeleko eseYerusalem?

Amaqula awafunyanwa eYerusalem

Nyaka ngamnye kwakusenziwa imithendeleko emithathu eYerusalem—owePasika, owePentekoste noweMinquba. Ngenkulungwane yokuqala, izihlwele zamaYuda ezisuka kulo lonke elakwaSirayeli nakwamanye amazwe zazisiya kule mithendeleko eYerusalem. (Luka 2:41, 42; IZenzo 2:1, 5-11) Bonke aba bantu kwakufuneka bafumane iindawo zokuhlala.

Abanye babehlala nezihlobo; abanye behlala kwiindawo zokulala iindwendwe. Abaninzi babehlala ezintenteni eziphakathi kweendonga zesixeko nezikufutshane nazo. Kwiintsuku zakhe zokugqibela eYerusalem, uYesu wayehlala kwidolophu ekufutshane neBhethani.—Mateyu 21:17.

Ecaleni kwetempile kuye kwafunyanwa izakhiwo ezininzi ezinezitya zokuhlambela eziliqela. Kucingwa ukuba ezi zakhiwo ziihostele ezazihlala abahambi nababehlambela kuzo ngaphambi kokuba baye etempileni. Kwesinye sezi zakhiwo kwafunyanwa ilitye elalinombhalo othetha ngoTheodotus, owayengumfundisi nenkokeli yendlu yesikhungu eyayikuloo mmandla, “loo ndlu yesikhungu wayakhela ukuba kufundelwe kuyo iTora . . . wakha nehostele enemibhobho yamanzi, esenzela abahambi abangenandawo zokuhlala.”