Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Ubusazi?

Ngaba Ubusazi?

Ngaba umzekelo kaYesu othetha ‘ngeenjana’ wawubonisa indelelo?

Umfanekiso womntwana womGrike okanye womRoma ephethe injana (Phakathi kwenkulungwane yokuqala B.C.E. ukuya kweyesibini C.E

Ngesinye isihlandlo, xa uYesu wayengaphandle kwemida yakwaSirayeli, eSiriya eyayiliphondo laseRoma, umfazi ongumGrike weza kuye ecela uncedo. UYesu wamphendula ngomzekeliso ovakala ngathi ufanisa abantu abangengomaYuda ‘neenjana.’ Phantsi koMthetho KaMoses, izinja kwakusithiwa azicocekanga. (Levitikus 11:27) Ngaba uYesu wayemdelela lo mfazi ungumGrike nabantu abangengomaYuda?

Nakanye. Eyona nto yayithethwa nguYesu kukuba, into eyayibalulekile ngela xesha yayikukunceda amaYuda, watsho xa ecacisela abafundi bakhe. Wayicacisa le nto kulo mfazi ngokusebenzisa umzekeliso. Wathi: “Akulunganga ukuthabatha isonka sabantwana uze usiphose ezinjaneni.” (Mateyu 15:21-26; Marko 7:26) KumaGrike nakumaRoma izinja zazithandwa, zazihlala phakathi ezindlini zize zidlale nabantwana. Ngoko kusenokwenzeka ukuba kwathi qatha loo nto kulo mfazi xa esiva igama elithi “ezinjaneni.” Emva kokuva loo nto yayithethwa nguYesu, lo mfazi wathi: “Ewe, Nkosi; kodwa ngokwenene iinjana zidla iimvuthuluka eziwa etafileni yabaninizo.” UYesu wamncoma ngokuba nokholo, waza waphilisa nentombi yakhe.​—Mateyu 15:27, 28.

Ngaba lalilihle icebiso likampostile uPawulos lokuba khe kumiwe ngokuhamba elwandle?

Umfanekiso wenqanawa eyahlangulwayo (Ngenkulungwane yokuqala C.E.)

Inqanawa awayekhwele kuyo uPawulos esiya eItaly yayisokoliswa ngumoya obhudlayo. Ngoko bathi xa bemisile, uPawulos wacebisa ukuba bakhe bame ngokuhamba. (IZenzo 27:9-12) Kwakutheni ukuze acebise loo nto?

Abaqhubi beenqanawa bakudala babesazi ukuba ukuhamba kuLwandle LweMeditera kwakuyingozi ebusika. Phakathi kukaNovemba noMatshi, kwakungafuneki kuhambe kwanqanawa elwandle. Kodwa uhambo awayethetha ngalo uPawulos lwaluza kuba ngoSeptemba okanye ngo-Oktobha. Kwincwadi yakhe ethi, Epitome of Military Science, umbhali ongumRoma uVegetius (owayephila kwiminyaka yoo-300) wathi xa ecacisa ngohambo lwaselwandle: “Kwezinye iinyanga kukhuselekile, kwezinye awunakuqiniseka ncam, kanti kwezinye akuhambeki tu.” UVegetius wathi kukhuselekile ukuhamba elwandle ngoMeyi 27 ukuya kuSeptemba 14, kodwa ixesha ongenakuqiniseka ncam ngalo okanye eliyingozi kakhulu liqala kuSeptemba 15 ukuya kuNovemba 11 nangoMatshi 11 ukuya kuMeyi 26. Njengomntu onamava okuhamba elwandle, uPawulos wayeziqonda zonke ezi zinto. Kusenokwenzeka ukuba umqhubi wenqanawa kunye nomnikazi wayo babenolwazi nabo ngale nto kodwa zange bammamele uPawulos. Ngoko inqanawa yantlitheka.​—IZenzo 27:13-44.