Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INineve yayiyidolophu eyayinezakhiwo ezintle nezinto ezibukekayo

Ngaba Ubusazi?

Ngaba Ubusazi?

Yaphelela phi iNineve emva kwemihla kaYona?

KWATHI kufika u-670 B.C.E., iAsiriya yabe seyibobona bukhosi bukhulu emhlabeni wonke. Iwebhsayithi yeThe British Museum yade yathi: “Obu bukhosi babulawula ukuqala entshona eSipro, ukuya kutsho empuma eIran, kanti babukhe bayilawula neYiputa.” Ikomkhulu layo iNineve, laliyeyona dolophu inkulu emhlabeni wonke, lineegadi ezithi ndijonge, izindlu zasebukhosini neelayibrari ezinkulu. Izinto ezazibhalwe kwiindonga zaseNineve zibonisa ukuba uKumkani uAsenapare wayefana nabanye ookumkani baseAsiriya, kaloku wayesithi “ungukumkani womhlaba wonke.” Ngelo xesha, wawungenakutsho ukuba iAsiriya neNineve zingoyiswa.

IGunya Lehlabathi laseAsiriya elalinamandla, lelona lalilikhulu emhlabeni ngelo xesha

Sekunjalo, kwathi xa kanye iAsiriya inamandla kakhulu, umprofeti kaYehova uZefaniya wathi uYehova ‘uza kuyitshabalalisa iAsiriya, neNineve uza kuyenza ingahlali bantu, yome njengentlango.’ Kanti uNahum, naye owayengumprofeti kaYehova, wathi: “Phangani isilivere, phangani igolide! . . . Isixeko asinamntu, siyinkangala, ibe sitshabalele! . . . Nabani na okubonayo uza kukubaleka aze athi, ‘INineve itshabalele!’” (Zef. 2:13; Nah. 2:9, 10; 3:7) Abantu ababesiva loo nto, inoba babezibuza: ‘Hayibo, ingenzeka loo nto? IAsiriya yonke yoyiswe?’ Inoba babengayikholelwa.

INineve yagqibela iyindawo engahlali mntu!

Yenzeka ke, ingakholeleki injalo! Ngaphambi kuka-600 B.C.E., amaBhabhiloni namaMedi ayoyisa iAsiriya. Yagqibela seyingasahlali mntu iNineve, kwalityalwa nokuba yayikhe yakho! I-The Metropolitan Museum of Art yaseNew York, ithi: “Phakathi kuka-400 no-1400 C.E., iNineve yayingasekho, abantu besiva ngayo eBhayibhileni qha.” Kanti yona iBiblical Archaeology Society ithi, ekuqaleni koo-1800, “akukho kwamntu owayesazi ukuba kwakukhe kwakho indawo ekwakusithiwa yiNineve.” Kodwa ngo-1845, umembi wezinto zakudala uAusten Henry Layard, womba kwindawo ekuthiwa yayikuyo iNineve. Izinto awazifumanayo zibonisa ukuba iNineve yayiyindawo eyayinkulu, neyayintle ngexesha layo.

Izinto ezaprofetwa ngeNineve zenzeka kanye ngendlela ekwakuprofetwe ngayo. Le nto isenza siqiniseke ukuba nezinto iBhayibhile eprofete ngazo ngoorhulumente banamhlanje, ziza kwenzeka.—Dan. 2:44; ISityhi. 19:15, 19-21.