Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Ubusazi?

Ngaba Ubusazi?

Yayinjani inqwelo eyayikhwelwe lithenwa elingumTiyopiya awaya kulo uFilipu?

IGAMA eliguqulelwe ngokuthi ‘inqwelo’ kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha linokusetyenziswa kwiintlobo ezahlukeneyo zeenqwelo. (IZe. 8:28, 29, 38) Kodwa kubonakala ngathi umTiyopiya wayekhwele kwinqwelo enkulu kunezo ziqhelekileyo ezazisetyenziswa emkhosini okanye kugqatso. Nazi izizathu ezisenza sitsho.

Lo mTiyopiya wayeligosa eliphezulu elalihamba indlela ende. ‘Wayeyindoda eligosa elikwisikhundla esiphezulu likaKandase ukumkanikazi wamaTiyopiya, neyayijongene nabo bonke ubutyebi bakhe.’ (IZe. 8:27) ITiyopiya yakudala yayidibanisa indawo eyiSudan kule mihla nezona ndawo zisemazantsi eYiputa. Kusenokwenzeka ukuba le ndoda zange ikhwele inqwelo enye kuhambo lwayo, kodwa umthwalo wayo umele ukuba wawulingene indlela ende eyayiza kuyihamba. Ezinye iinqwelo ezazihambisa abantu ngelo xesha zazinamavili amane nophahla. Enye incwadi yesiNgesi a ithi: “Inqwelo enjalo yayisenza umntu akwazi ukuhamba nemithwalo emininzi, ahlale kakuhle, ahambe nomgama omde.”

UFilipu wafika lo mTiyopiya efunda. IBhayibhile ithi: “UFilipu wabaleka ecaleni kwale nqwelo waza wayiva [indoda elithenwa] ifunda ngokuvakalayo incwadi kamprofeti uIsaya.” (IZe. 8:30) Iinqwelo ezazihamba imigama emide zazingenzelwanga abantu abafuna ukukhawuleza bafike apho baya khona. Indlela eyayihamba kancinci ngayo inqwelo elalikhwele kuyo ithenwa yenza lakwazi ukufunda, noFilipu wayifumana ngoxa wayehamba ngeenyawo.

Le ndoda ingumTiyopiya “yamcela uFilipu ukuba akhwele enqwelweni ahlale nayo.” (IZe. 8:31) Kwiinqwelo eziqhelekileyo zogqatso, abantu babesima ngeenyawo. Kodwa le yohambo inoba yayinesitulo elalihleli kuso ithenwa nawayeza kuhlala kuso uFilipu.

Ngenxa yento ethethwa kwiZenzo isahluko 8 nazezinye izinto ezithetha ngezinto zakudala, ngoku iimpapasho zethu zinemifanekiso yegosa elingumTiyopiya likhwele inqwelo enkulu kunezo zazisetyenziswa emkhosini nakugqatso.

[Umbhalo osemazantsi]

a Acts​—An Exegetical Commentary