Yiya kwinkcazelo

Ngaba IBhayibhile Ithetha Ngobomi BukaYesu Ngendlela Echanileyo?

Ngaba IBhayibhile Ithetha Ngobomi BukaYesu Ngendlela Echanileyo?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Kwincwadi yakhe ethetha ngobomi bukaYesu, umbhali weBhayibhile uLuka wabhala wathi: “Ndiye ndazilanda zonke izinto ukususela kwasekuqaleni ngokuchanileyo.”—Luka 1:3.

Abanye abantu bathi ingxelo yeencwadi zeVangeli ethetha ngobomi bukaYesu—ezibhalwe ngabantu awayephila nabo uMateyu, uMarko, uLuka kunye noYohane—yatshintshwa malunga nenkulungwane yesine.

Noko ke, kuye kwafunyanwa inxalenye yeVangeli kaYohane eYiputa ekuqaleni kwenkulungwane yama-20. Ibizwa ngokuba yiPapyrus Rylands 457 (P52) yaye igcinwe kwiThala likaJohn Rylands, eManchester, eNgilani. Ineevesi zeBhayibhile esizazinamhlanje ngokuba nguYohane 18:31-33, 37, 38.

Lo ngowona mbhalo-ngqangi wakudala owaziwayo weZibhalo ZesiGrike zamaKristu. Abaphengululi abaninzi bathi wabhalwa malunga no-125 C.E., kwiminyaka emalunga nama-25 kuphela emva kokubhalwa kwalo mbhalo. Amazwi akulo mbhalo-ngqangi aphantse afane twatse nalawo aye abhalwa kamva.