Yiya kwinkcazelo

Abazali Bangabafundisa Njani Abantwana Babo Ngesini?

Abazali Bangabafundisa Njani Abantwana Babo Ngesini?

Impendulo esuka eBhayibhileni

 Ngubani omele afundise abantwana ngesini? IBhayibhile ibonisa ukuba ngabazali abamele benze oku, kwaye abazali abaninzi bakufumanise kuluncedo ukulandela la macebiso:

  •   Sukuba neentloni. IBhayibhile ithetha phandle ngesini kunye namalungu esini ibe uThixo waxelela uhlanga lwamaSirayeli ukuba “nabantwana” bamele bafundiswe ngezi zinto. (Duteronomi 31:12; Levitikus 15:2, 16-19) Ningasebenzisa amagama ahloniphayo xa nithetha ngamalungu esini.

  •   Qhubeka umfundisa. Kunokuba uthethe ngesini nomntwana wakho kuphela xa eza kufikisa, qhubeka umfundisa kancinci kancinci njengoko ekhula kwaye eziqonda izinto omfundisa zona.​—1 Korinte 13:11.

  •   Mfundise indlela yokuziphatha. Abantwana basenokufundiswa ngesini esikolweni. Kodwa iBhayibhile ikhuthaza abazali ukuba bafundise abantwana kungekuphela nje ngesini kodwa nangendlela abamele basijonge ngayo nendlela entle yokuziphatha.​—IMizekeliso 5:1-23.

  •   Bamamele abantwana bakho. Xa umntwana wakho ekubuza ngesini, sukukhawuleza umcingele okanye umgwebe. Kunoko ‘khawuleza ukuva, ucothe ukuthetha.’​—Yakobi 1:19.

Indlela yokukhusela umntwana wakho kubantu abafuna ukumxhaphaza

Umntwana wakho mfundise indlela yokuzikhusela kubantu abaxhaphazayo

  •   Zifundise. Funda ngendlela abaxhatshazwa ngayo abantwana.​—IMizekeliso 18:15, funda isahluko 32 sencwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula​—Iimpendulo Eziluncedo, Umqulu 1.

  •   Mhoye umntwana wakho. Sukuvumela umntu ongamthembanga agcine umntwana wakho, kwaye ‘ungamyekeleli’umntwana wakho.​—IMizekeliso 29:15.

  •   Mfundise ukuthobela, kodwa angabi nguvuma-zonke. Abantwana kufuneka bathobele abazali. (Kolose 3:20) Kodwa umbeka esichengeni sokuxhatshazwa ukuba umfundisa ukuba athobele wonke umntu omdala. Abazali abangamaKristu basenokuthi ebantwaneni babo, “ukuba kukho umntu ofuna wenze into uThixo angayifuniyo, ungavumi.”​—IZenzo 5:29.

  •   Nceda umntwana wakho azikhusele. Fundisa umntwana wakho indlela yokuzikhusela kumntu ofuna ukumxhaphaza. Mhlawumbi ningenza nemiboniso yoku, ukuze umntwana wenu akwazi ukuthi “Ndiyeke! Ndiza kukuxela!” aze akhawuleze emke kuloo ndawo. Kunokufuneka uqhubeke umkhumbuza “umntwana wakho ngokuphindaphindiweyo,” kuba balibala msinyane.​—Duteronomi 6:7, iContemporary English Version.